6 Amagumbi asecaleni asezantsi ayeziikubhite ezintlanu ububanzi, aphakathi eziikubhite ezintandathu ububanzi, aze aphezulu abe ziikubhite ezisixhenxe ububanzi, kuba wayenze ungqameko macala onke ngaphandle endlini, ukuze kungabikho nto idibene nodonga lwendlu.+