146 Dumisani uYa!+
Mandimdumise ngentliziyo yam yonke uYehova.+
 2 Ndiza kumdumisa ubomi bam bonke uYehova.
Ndisaphila nje, ndiza kumdumisa ngengoma uThixo wam.
 3 Sanukuthembela kwiinkosana,
Nakunyana womntu, ongenakukwazi ukunisindisa.+
 4 Uyaphuma umoya wakhe, aze abuyele emhlabeni;+
Ngaloo mini ziyatshabalala iingcinga zakhe.+
 5 Wonwabile lowo uncedwa nguThixo kaYakobi,+
Othembela ngoYehova uThixo wakhe,+
 6 UMenzi wezulu nomhlaba,
Ulwandle, nazo zonke izinto ezikuzo,+
Lowo uhlala ethembekile,+
 7 Lowo uthethelela abo baqhathwayo,
Lowo upha abalambileyo isonka.+
UYehova ukhulula amabanjwa.+
 8 UYehova uvula amehlo eemfama;+
UYehova uphakamisa abaqubudileyo;+
UYehova uthanda amalungisa.
 9 UYehova ukhusela abasemzini;
Wondla umntwana ongenatata nomhlolokazi,+
Kodwa uyawaphelisa amacebo abenzi-bubi.+
10 UYehova uza kuba nguKumkani ngonaphakade,+
UThixo wakho Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana.
Dumisani uYa!