Ingoma emnandi yokubulela.
100 Umhlaba wonke mawudumise uYehova kuba woyisile.+
 2 Mkhonzeni nivuya uYehova.+
Yizani phambi kwakhe nikhwaza nivuya.
 3 Yazini ukuba uYehova nguThixo.+
Nguye owasidalayo, yaye singabakhe.+
Thina singabantu bakhe neegusha zedlelo lakhe.+
 4 Ngenani kwiigeyithini zakhe nibulela,+
Ningene nidumisa kwiiyadi zakhe.+
Mbuleleni, nidumise igama lakhe.+
 5 Kuba uYehova ulungile;+
Uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade,
Nokuthembeka kwakhe kuzo zonke izizukulwana.+