EkaDavide, xa wazenza igeza+ phambi koAbhimeleki owamgxothayo, waza wemka.
א [Aleph]
34 Ndiza kumdumisa uYehova ngalo lonke ixesha;
Imilebe yam iza kuhlala imdumisa.
ב [Beth]
2 Ndiza kuqhayisa ngoYehova;+
Abalulamileyo baza kuva baze bavuye.
ג [Gimel]
3 Menzeni mkhulu uYehova kunye nam;+
Masiliphakamise kunye igama lakhe.
ד [Daleth]
4 Ndabuza kuYehova, waza wandiphendula.+
Wandisindisa kuzo zonke izinto endizoyikayo.+
ה [He]
5 Abo babejonge kuye bakhazimla;
Ubuso babo babungenakuhlazeka.
ז [Zayin]
6 Olihlwempu wacela uncedo, uYehova weva.
Wamsindisa kuzo zonke iintlungu zakhe.+
ח [Heth]
7 Ingelosi kaYehova ikhusela abo bamoyikayo,+
Ize ibasindise.+
ט [Teth]
8 Ziveleni, nizibonele ukuba uYehova ulungile;+
Iyavuya indoda ebalekela kuye.
י [Yod]
9 Moyikeni uYehova, nonke nina bantu bakhe bangcwele,
Kuba abadingi nto abo bamoyikayo.+
כ [Kaph]
10 Kwaneengonyama ezinamandla zilambile,
Kodwa abo bafuna uYehova, akukho nto ilungileyo baza kuyidinga.+
ל [Lamed]
11 Yizani bonyana bam, ndimameleni;
Ndiza kunifundisa ukoyika uYehova.+
מ [Mem]
12 Ngubani kuni obuthandayo ubomi,
Ongathanda ukonwaba nokuphila ixesha elide?+
נ [Nun]
13 Ngoko makalugade ulwimi lwakhe lungathethi izinto ezimbi,+
Nemilebe yakhe ingathethi izinto ezilahlekisayo.+
ס [Samekh]
14 Makasuke kwizinto ezimbi, enze ezilungileyo;+
Afune uxolo, asebenzele ukulufumana.+
ע [Ayin]
15 Amehlo kaYehova ajonge kumalungisa,+
Neendlebe zakhe zimamele ukukhalela kwawo uncedo.+
פ [Pe]
16 Kodwa uYehova uyabacaphukela abo benza izinto ezimbi,
Ibe uza kubenza bangaphindi bakhunjulwe mntu emhlabeni.+
צ [Tsade]
17 Bakhala, uYehova wabeva;+
Wabasindisa kuzo zonke iintlungu zabo.+
ק [Qoph]
18 UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo;+
Uyabasindisa abo batyumkileyo emoyeni.+
ר [Resh]
19 Zininzi iingxaki zelungisa,+
Kodwa uYehova ulisindisa kuzo zonke.+
ש [Shin]
20 Ugada onke amathambo alo;
Akukho nalinye elaphuliweyo.+
ת [Taw]
21 Umenzi-bubi uza kubulawa yintlekele;
Abo balicaphukelayo ilungisa baza kufunyaniswa benetyala.
22 UYehova uyabusindisa ubomi babakhonzi bakhe;
Akukho namnye kwabo babalekela kuye oza kufunyaniswa enetyala.+