149 Dumisani uYa!
Mculeleni ingoma entsha uYehova;+
Mdumiseni ebandleni labathembekileyo.+
 2 USirayeli makavuyiswe nguMenzi wakhe Ozukileyo;+
Oonyana beZiyon mabonwabe ngenxa kaKumkani wabo.
 3 Mabadumise igama lakhe ngokudanisa.+
Mabamdumise ngengoma, bedlala amagubu neehadi.+
 4 Kuba uYehova uyabathanda abantu bakhe.+
Ubahombisa ngokubasindisa abalulamileyo.+
 5 Abathembekileyo mabavuye ngenxa yozuko lwabo;
Mabakhwaze bevuya kwiimandlalo zabo.+
 6 Mabahlale bemdumisa ngengoma uThixo,
Baphathe nekrele elibukhali macala,
 7 Ukuze baziphindezele ezintlangeni,
Bohlwaye nezizwana,
 8 Ukuze babophe ookumkani bazo
Nezikhulu zazo ngamatsheyini,
 9 Ukuze bazohlwaye njengoko kubhaliwe.+
Eli wonga lelabo bonke abathembekileyo kuye.
Dumisani uYa!