Ingoma emnandi ka-Asafu.+
79 Owu Thixo, iintlanga zilihlasele ilifa lakho;+
Ziyingcolisile itempile yakho engcwele;+
IYerusalem ziyenze imfumba yamabhodlo.+
 2 Izidumbu zabakhonzi bakho zizinike iintaka zezulu ukuba zizitye,
Inyama yabo bathembekileyo kuwe ziyinike amarhamncwa omhlaba.+
 3 Igazi labo zilichithe okwamanzi kuyo yonke iYerusalem
Ibe akukho mntu ushiyekileyo wokubangcwaba.+
 4 Siye saba yinto yokunxwalwa ngabamelwane bethu;+
Abantu abasingqongileyo bayasigxeka besigezela.
 5 Owu Yehova, uza kuba nomsindo de kube nini? Ngonaphakade?+
Kuza kude kube nini umsindo wakho uvutha njengomlilo?+
 6 Khuphela umsindo wakho kwiintlanga ezingakwaziyo,
Nakwizizwe ezingabiziyo egameni lakho.+
 7 Kuba zimdle zamgqiba uYakobi,
Zalitshabalalisa ilizwe lakhe.+
 8 Sukusiphendulisa ngezono zookhokho bethu.+
Khawuleza usibonise inceba yakho,+
Kuba singamahlwempu.
 9 Sincede Thixo wosindiso lwethu,+
Ngenxa yegama lakho elizukileyo;
Sisindise uze uzixolele izono zethu ngenxa yegama lakho.+
10 Kutheni zimele zithi iintlanga: “Uphi na uThixo wabo?”+
Mazaziswe phambi kwamehlo ethu iintlanga
Ukuba ukuchithwa kwegazi labakhonzi bakho kuphindezelwe.+
11 Kwanga ungakuva ukugcuma kwebanjwa.+
Basindise ngamandla akho abo bagwetyelwe ukufa.+
12 Babuyekeze kasixhenxe abamelwane bethu+
Ngenxa yendlela abakunxwale ngayo, Yehova.+
13 Thina bantu bakho nomhlambi wedlelo lakho,+
Siza kukubulela ngonaphakade;
Siza kukudumisa kwizizukulwana ngezizukulwana.+