9 Ubulumko bokwenene buyakhile indlu yabo;
Buyenzele iintsika ezisixhenxe.
2 Buyilungise ngokupheleleyo inyama;
Buxube iwayini;
Badeka netafile.
3 Buthume izicakakazi zabo
Ukuba ziyokukhwaza kwiindawo eziphakamileyo zesixeko, zithi:+
4 “Nabani na ongenamava, makangene ngapha.”
Buthi kulowo ungenangqondo:
5 “Yizokutya isonka sam,
Usele newayini endiyixubileyo.
6 Kushiye ukungabi namava kwakho uze uphile;+
Hamba endleleni yokuqonda.”+
7 Olungisa umntu osileyo uzizisela ihlazo,+
Yaye nabani na okhalimela umenzi-bubi uza kwenzakala.
8 Sukumkhalimela umntu osileyo, kuba uza kukucaphukela.+
Khalimela umntu osisilumko, yena uza kukuthanda.+
9 Fundisa umntu osisilumko, uza kulumka ngakumbi.+
Fundisa ilungisa, ukuze longeze kwizinto elizaziyo.
10 Ubulumko buqala ngokoyika uYehova,+
Ibe ukwazi Oyena Ungcwele+ kukuqonda.
11 Kuba ngam uza kuphila imihla emininzi,+
Kongezelelwe iminyaka ebomini bakho.
12 Ukuba uba sisilumko, uza kuncedwa bubulumko bakho,
Kodwa ukuba usile, uza kufumana imiphumo yokusa kwakho.
13 Umfazi osisidenge uyangxola.+
Usisiphukuphuku nje esingazi kwanto.
14 Uhlala kumnyango wendlu yakhe
Esitulweni kwiindawo eziphakamileyo zesixeko,+
15 Aze akhwaze abo badlulayo,
Abo bahamba ngendlela, esithi:
16 “Nabani na ongenamava, makangene ngapha.”
Uthi kwabo bangenangqondo:+
17 “Amanzi abiweyo amnandi,
Nokutya okutyelwa emfihlekweni kumnandi.”+
18 Kodwa abazi ukuba kukho abantu abafileyo apho,
Ukuba iindwendwe zakhe zisenzulwini yengcwaba.+