Indumiso kaDavide.
א [Aleph]
145 Ndiza kukuzukisa Thixo wam Kumkani,+
Ndiza kulidumisa ngonaphakade kanaphakade igama lakho.+
ב [Beth]
 2 Ndiza kukudumisa imini yonke;+
Ndiza kulidumisa ngonaphakade kanaphakade igama lakho.+
ג [Gimel]
 3 UYehova mkhulu, ngoyena ufanele adunyiswe;+
Ubukhulu bakhe abunakuqondwa.+
ד [Daleth]
 4 Izizukulwana ngezizukulwana ziza kuyincoma imisebenzi yakho;
Ziza kubalisa ngezinto ezinkulu ozenzileyo.+
ה [He]
 5 Baza kuthetha ngobukhulu bakho nozuko lwakho+
Ndiza kucingisisa ngemisebenzi yakho emangalisayo.
ו [Waw]
 6 Baza kuthetha ngezinto ezimangalisayo ozenzileyo,
Ibe ndiza kuthetha ngobukhulu bakho.
ז [Zayin]
 7 Baza kuvuya kakhulu xa bekhumbula izinto ezininzi ezilungileyo ozenzileyo,+
Bakhwaze bevuya ngenxa yobulungisa bakho.+
ח [Heth]
 8 UYehova uyabavela abantu kwaye unenceba,+
Ucaphuka kade ibe uthando lwakhe olungagungqiyo luninzi.+
ט [Teth]
 9 UYehova ubenzela izinto ezilungileyo bonke,+
Inceba yakhe ibonakala kuyo yonke imisebenzi yakhe.
י [Yod]
10 Ziza kukudumisa zonke izinto ozenzileyo Yehova,+
Nabantu bakho abathembekileyo baza kukudumisa.+
כ [Kaph]
11 Baza kuthetha ngendlela obuzuke ngayo ubukumkani bakho,+
Bathethe nangobukhulu bakho,+
ל [Lamed]
12 Baxelele abantu ngezinto ezinkulu ozenzileyo+
Nendlela obuzuke ngayo ubukumkani bakho.+
מ [Mem]
13 Ubukumkani bakho bukho ngonaphakade,
Nolawulo lwakho luhlala lukho kuzo zonke izizukulwana.+
ס [Samekh]
14 UYehova uxhasa bonke abawayo,+
Aze aphakamise bonke abaqubudileyo.+
ע [Ayin]
15 Onke amehlo ajonge kuwe enethemba;
Ubapha ukutya ngexesha elifanelekileyo.+
פ [Pe]
16 Uyasivula isandla sakho
Uze wanelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.+
צ [Tsade]
17 Zonke iindlela zikaYehova zezobulungisa+
Ibe yonke into uyenza ngokuthembeka.+
ק [Qoph]
18 UYehova usondele kubo bonke abo bakhalela kuye,+
Bonke abo bakhalela kuye benyanisekile.+
ר [Resh]
19 Ubenzela yonke into abayifunayo abo bamoyikayo;+
Uyabeva xa bekhalela uncedo, abasindise.+
ש [Shin]
20 UYehova uyabakhusela bonke abo bamthandayo,+
Kodwa bona abenzi-bubi uza kubatshabalalisa.+
ת [Taw]
21 Umlomo wam uza kumdumisa uYehova;+
Yonke into ephilayo mayidumise igama lakhe elingcwele ngonaphakade kanaphakade.+