Kumalathisi. Ingoma emnandi kaDavide.
64 Limamele ilizwi lam Thixo, njengoko ndizityanda igila kuwe.+
Bukhusele ubomi bam kutshaba oloyikekayo.
 2 Ndifihle kumayelenqe abenzi-bubi,+
Kwiqela elikhulu labantu abakhohlakeleyo.
 3 Balola ulwimi lwabo lube njengekrele;
Bajolisa amazwi enkohlakalo njengeentolo,
 4 Ukuze badubule umntu ongenzanga nto bezimele;
Bamdubula engalindelanga, bengoyiki.
 5 Babambelela nkqi kwiqhinga labo;
Baqweba iindlela zokumbekela imigibe,
Baze bathi: “Ngubani oza kuyibona?”+
 6 Bakhangela iindlela ezintsha zokwenza ububi;
Bawaqweba emfihlekweni amaqhinga abo;+
Akukho mntu unokuziqonda izinto ezicingwa ziintliziyo zabo.
 7 Kodwa uThixo uza kubadubula ngotolo;+
Uza kubenzakalisa ngotolo bengalindelanga.
 8 Baza kuwiswa lulwimi lwabo;+
Bonke abantu abababonayo baza kunikina iintloko.
 9 Ngoko bonke abantu baza koyika,
Baze bathethe ngale nto ayenzileyo uThixo,
Ibe baza kutsho baziqonde izinto azenzileyo.+
10 Ilungisa liza kuvuya ngenxa kaYehova lize libalekele kuye;+
Bonke abantu abaneentliziyo ezilungileyo baza kuvuya.