97 UYehova ube nguKumkani!+
Mawuvuye umhlaba.+
Mazivuye neziqithi.+
 2 Ujikelezwe ngamafu nobumnyama;+
Isiseko setrone yakhe bubulungisa nokusesikweni.+
 3 Kudangazela umlilo phambi kwakhe,+
Ibe uziqwenga macala onke iintshaba zakhe.+
 4 Imibane yakhe ikhanyisa umhlaba;
Umhlaba uyayibona uze ungcangcazele.+
 5 Iintaba zinyibilika oku kwamafutha phambi koYehova,+
Phambi kweNkosi yomhlaba wonke.
 6 Amazulu achaza ubulungisa bakhe,
Zonke izizwana ziyalubona uzuko lwakhe.+
 7 Mabahlaziswe bonke abo bakhonza umfanekiso oqingqiweyo,+
Abo baqhayisa ngoothixo babo abangento yanto.+
Qubudani kuye nonke nina bothixo.+
 8 IZiyon iyeva ibe iyavuya,+
Iidolophu zakwaYuda zonwabile
Ngenxa yezigwebo zakho Yehova.+
 9 Kuba wena Yehova, ungOyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke;
Uphakame ngaphezulu lee kwabanye oothixo.+
10 Zicaphukeleni izinto ezimbi, nina bathanda uYehova.+
Uyabukhusela ubomi babathembekileyo kuye;+
Uyabasindisa esandleni sabenzi-bubi.+
11 Ukukhanya kuthe thaa kwabo bangamalungisa+
Novuyo kwabo baneentliziyo ezilungileyo.
12 Vuyiswani nguYehova, nina malungisa,
Nibulele igama lakhe elingcwele.