25 UBhiledadi+ umShuha waphendula wathi:
 2 “UnguMlawuli ibe uyoyikeka;
Wenza kubekho uxolo ezulwini.
 3 Ungabalwa na umkhosi wakhe?
Ngubani elingaphumiyo kuye ilanga lakhe?
 4 Angalilungisa njani ke umntu phambi koThixo?+
Angamsulwa njani umntu ozelwe ngumfazi?+
 5 Nkqu nenyanga ayiqaqambi emehlweni akhe,
Neenkwenkwezi ezi azicwenganga phambi kwakhe,
 6 Kobeka phi ke ngomntu nje ofayo, oyimpethu,
Nonyana womntu, ongumbungu!”