IMIZEKELISO
1 Imizekeliso kaSolomon,+ unyana kaDavide,+ ukumkani wakwaSirayeli:+
2 Ukuze umntu afunde* ubulumko+ nengqeqesho;
Aqonde amazwi obulumko;
3 Afumane ingqeqesho+ emenza akwazi ukucinga,
Abe lilungisa,+ agwebe kakuhle*+ aze ayimele into elungileyo;*
4 Ukuze kunikwe abangenamava ubulumko;+
Kunikwe umfana ulwazi aze akwazi ukucingisisa.+
5 Umntu osisilumko uyamamela aze afunde nakakhulu;+
Umntu oqiqayo ufumana amacebiso obulumko+
6 Ukuze aqonde umzekeliso neqhalo elibhidayo,
Amazwi ezilumko nezaci zazo ezinzima.+
7 Ukoyika* uYehova kukuqalisa kolwazi.+
Zizidenge kuphela ezidelela ubulumko nengqeqesho.+
10 Nyana wam, ukuba aboni bazama ukukuhenda, ungavumi.+
11 Ukuba bathi: “Hamba nathi.
Masilalele abantu size sichithe igazi.
Siza kuzimela, silalele abantu abangenzanga nto.
13 Masithimbe zonke izinto zabo zexabiso;
Siza kugcwalisa izindlu zethu ngazo.
15 Nyana wam, uze ungabalandeli.
Iinyawo zakho mazingabi sendleleni yabo,+
16 Kuba iinyawo zabo zibalekela ekwenzeni ububi;
Zingxamela ukuchitha igazi.+
17 Ngokuqinisekileyo akuncedi nto ukwaneka umnatha intaka ijongile.
18 Yiloo nto belalela ukuze bachithe igazi;
Bayazimela ukuze babulale abantu.
19 Zinjalo iindlela zabo bafuna ukwenza ingeniso ngamaqhinga,
20 Ubulumko bokwenene+ butsho ngesikhalo esikhulu esitratweni.+
Busoloko bungxola kwiindawo zikawonke-wonke.+
21 Bukhwaza ekoneni* yezitrato eziphithizelayo.
Buthetha ezigeyithini zesixeko busithi:+
22 “Kuza kude kube nini na nina bangenamava nikuthanda ukungabi namava?
Kuza kude kube nini na nina bagculeli nikuthanda ukugculela?
Ibe kuza kude kube nini na nina zidenge nilucaphukela ulwazi?+
23 Samkeleni isohlwayo endininika sona.*+
Mna ndiza kuninika umoya wam;
Ndiza kunazisa amazwi am.+
25 Naqhubeka ningawahoyanga onke amacebiso am
Nisikhabela kude nesohlwayo sam.
26 Nam ke ndiza kuhleka xa nifikelwa yintlekele;
Ndiza kuhlekisa ngani xa kufika izinto enizoyikayo,+
27 Xa izinto enizoyikayo zifika kanye njengesaqhwithi,
Nentlekele yenu ifika kanye njengesitshingitshane,
Xa nifikelwa yintlungu naziingxaki.
28 Ngelo xesha baza kundibiza, kodwa andizukuphendula;
Baza kundikhangela phantsi phezulu, kodwa abazukundifumana,+
29 Kuba balucaphukela ulwazi,+
Bakhetha ukungamoyiki uYehova.+
30 Zange bafune ukwamkela icebiso lam;
Bazidelela zonke izohlwayo zam.
32 Kuba ukungathobeli kwabangenamava kuza kubabulala,
Nokungakhathali kwezidenge kuza kuzitshabalalisa.
2 Nyana wam, ukuba wamkela amazwi am
Ize ibaluleke kuwe imiyalelo yam,+
2 Ngokubuvulela indlebe ubulumko,+
Uvule nentliziyo yakho ukuze uzibone kakuhle izinto;+
3 Ngaphezu koko, ukuba ubize ukuqonda,+
Wakukhwaza nokuqiqa,+
4 Ukuba uhlala ubukhangela njengesilivere,+
Ubuphanda njengobutyebi obufihliweyo;+
5 Uza kutsho wazi ukuba kuthetha ukuthini ukoyika uYehova,+
Utsho umazi uThixo.+
9 Uza kutsho ubuqonde ubulungisa, okusesikweni* nokungakhethi buso,
Uyiqonde ngokupheleleyo into elungileyo.+
10 Xa ubulumko bungena entliziyweni yakho+
Nomphefumlo* wakho uluthanda ulwazi,+
11 Ukucingisisa kuya kukwalusa,+
Ukuqonda kuya kukukhusela,
12 Ukuze usinde endleleni embi,
Nasemntwini othetha izinto ezijijekileyo,+
13 Kwabo bashiya iindlela ezilungileyo
Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama,+
14 Kwabo bavuyela ukwenza izinto ezimbi,
Abonwabela imikhwa ejijekileyo,
15 Abo baneendlela ezigqwethekileyo
Nabangamaqhophololo kwiindlela zabo zonke.
16 Buza kukusindisa kumfazi ongakwazi kuziphatha,*
Kumazwi esincwaso* omfazi oziphethe kakubi,*+
17 Olahla umhlobo osenyongweni* wobutsha bakhe,+
Aze asilibale isivumelwano awasenza noThixo wakhe;
18 Kuba indlu yakhe yehlela ekufeni,
Neendlela zakhe zikhokelela kwabafileyo.+
20 Ngoko ke, landela indlela yabantu abalungileyo
Uze uhlale endleleni yamalungisa,+
21 Kuba ngabalungileyo kuphela abaza kuhlala emhlabeni,
3 Nyana wam, ungayilibali imfundiso yam,*
Kwanga intliziyo yakho ingayigcina imiyalelo yam,
2 Kuba iya kukongezela imihla emininzi
Neminyaka yobomi noxolo.+
3 Ungaze wahlukane nothando olungagungqiyo nokuthembeka.*+
Zibophelele entanyeni yakho;
Zibhale entliziyweni yakho;+
4 Uza kutsho wamkeleke uze ube ngumntu onobulumko
Emehlweni kaThixo nawabantu.+
7 Uze ungabi sisilumko kwawakho amehlo.+
Yoyika uYehova, usuke ebubini.
9 Mnike imbeko uYehova ngezinto zakho ezixabisekileyo,+
Ngesivuno sokuqala semveliso* yakho yonke;+
10 Baza kutsho bagcwale qhu oovimba bakho,+
Neefatyi* zakho ziphuphume yiwayini entsha.
11 Nyana wam, uze ungayilahli ingqeqesho kaYehova,+
Ungasenyanyi isohlwayo sakhe,+
12 Kuba uYehova uyamohlwaya umntu amthandayo,+
Kanye njengokuba notata emohlwaya unyana amthandayo.+
13 Wonwabile umntu ofumene ubulumko+
Nomntu ozuze ukuqonda;
14 Ukufumana ubulumko kubhetele kunokufumana isilivere,
Nenzuzo yabo ibhetele kunokuba negolide.+
16 Esandleni sabo sasekunene bubomi obude;
Esandleni sabo sasekhohlo bubutyebi nozuko.
19 UYehova wawuseka ngobulumko umhlaba.+
Wawazinzisa amazulu ngokuqonda.+
21 Nyana wam, ezi zinto* mazingasitheli emehlweni akho.
Bukhusele ubulumko namandla okucinga;
22 Ziya kukunika ubomi,
Zibe sisihombo sentamo yakho;
23 Ngoko uza kuhamba ukhuselekile,
28 Sukuthi kummelwane wakho, “Hamba; uze uphinde ubuye! Ndiza kukunika ngomso,”
Ube ukwazi ukumnika ngoku.
31 Sukummonela umntu okhohlakeleyo+
Okanye ukhethe nayiphi na kwiindlela zakhe,
32 Kuba uYehova uyamenyanya umntu onamaqhinga,+
Kodwa ungumhlobo osenyongweni walowo wenza izinto ezintle.+
4 Yimameleni bonyana, ingqeqesho katata wenu;+
Mamelani kakuhle ukuze nicacelwe,
2 Kuba ndiza kunifundisa kakuhle;
4 Utata wayendifundisa esithi: “Kwanga intliziyo yakho ingawabamba nkqi amazwi am.+
Thobela imiyalelo yam uze uhlale uphila.+
5 Funa ubulumko, ufune nokuqonda.+
Uze ungazilibali, yaye ungasuki kwizinto endizithethayo.
6 Ungabulahli, buza kukukhusela.
Buthande, buza kukugada.
7 Ubulumko yeyona nto ibalulekileyo,+ ngoko funa ubulumko,
Ibe ngaphezu kwazo zonke ezinye izinto ozifunayo, funa ukuqonda.+
8 Buxabise kakhulu, buza kukuphakamisa.+
Buza kukuzukisa ngenxa yokuba ubamkela.+
9 Buza kukuthwalisa isithsaba esinomtsalane entloko,
Bukuhombise ngesithsaba sobuhle.”
12 Xa uhamba, iinyawo zakho azizukuphazanyiswa,
Naxa ubaleka, awuzukukhubeka.
13 Bambelela kwingqeqesho; ungayiyeki.+
Yigcine, kuba iya kukunika ubomi.+
16 Kuba abakwazi kulala bengenzanga nto imbi.
Abuhli ubuthongo bengakhange benzakalise mntu.
17 Ububi sisonka abasityayo,
Nenkohlakalo yiwayini abayiselayo.
19 Indlela yabenzi-bubi injengobumnyama;
Naxa bekhubeka abayazi into abakhubeka kuyo.
21 Mawangemki emehlweni akho;
Wagcine emazantsi entliziyo yakho,+
22 Kuba abubomi kwabo bawafumanayo+
Nempilo emizimbeni yabo.
23 Ngaphezu kwazo zonke ezinye izinto ozikhuselayo, khusela intliziyo yakho,+
Kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.
27 Sukuya ngasekunene okanye ngasekhohlo.+
Zisuse iinyawo zakho ebubini.
5 Nyana wam, buve ubulumko bam.
3 Kuba imilebe yomfazi oziphethe kakubi* imnandi njengobusi,+
Nomlomo wakhe uthambe ngaphezu kweoli.+
5 Iinyawo zakhe zikhokelela ekufeni.
Ukunyathela kwakhe kusa ngqo engcwabeni.*
6 Akayikhathalelanga nganto indlela yobomi.
Indlela yakhe ibhadulela esithubeni.
7 Bonyana bam, ndimameleni
Nize ningayinikeli mva le nto ndiyithethayo.
8 Hambela kude kuye,
Ungasondeli nakumnyango wendlu yakhe,+
9 Ukuze singalahleki isidima sakho kwabanye,+
Ungavuni neminyaka yentlungu;+
10 Ukuze abasemzini bangabusengi ubutyebi bakho,*+
Nezinto ozisebenzele nzima zingayi endlini yowasemzini.
11 Ukuba awenzi njalo, uza kuba sentlungwini ekupheleni kobomi bakho
Xa inyama nomzimba wakho ziguga+
12 Uze uthi wena: “Ndlela le bendikucaphukela ngayo ukuqeqeshwa!
Ndlela le intliziyo yam ibisonyanya ngayo isohlwayo!
13 Andikhange ndibamamele abo bebendifundisa
Ndingakhange ndibahoye ootitshala bam.
16 Kutheni le nto kufuneka amanzi akho achithakele ngaphandle,
Imisinga yakho yamanzi kwiindawo zikawonke-wonke?+
18 Makusikeleleke owakho umthombo,
Wonwabe nomfazi wobutsha bakho,+
19 Ixhamakazi elinothando, ibhokhwe yasezintabeni entle kunene.+
Amabele akhe mawakwanelise* ngalo lonke ixesha.
Uhlale uyotywa luthando lwakhe.+
23 Kuza kumbulala ukungafuni kwakhe ingqeqesho,
Aphume endleleni ngenxa yokuqatsela kobudenge bakhe.
6 Nyana wam, ukuba uye wanikela isibambiso ngenxa yento ebolekwe ngummelwane wakho,+
Ukuba uye waxhawulana nomntu* wasemzini,+
2 Ukuba uye warhintyelwa sisithembiso sakho,
Wabanjwa ngamazwi omlomo wakho,+
3 Yenza le nto ke nyana wam, ukuze uzikhulule,
Ekubeni uye wawela esandleni sommelwane wakho:
Hamba uyokuzithoba kuye, umcenge ummelwane wakho.+
4 Ungawavali amehlo akho okanye ulale,
Ungayenzanga loo nto.
5 Zihlangule njengebhadi esandleni somzingeli,
Njengentaka esandleni sombambisi weentaka.
7 Nangona ingenamphathi, igosa okanye umlawuli,
8 Ilungisa ukutya kwayo ehlotyeni,+
Iqokelela ukutya kwayo ngexesha lokuvuna.
9 Kuza kude kube nini ulele, vilandini?
Uza kuvuka nini ebuthongweni?
10 Ngenxa yentwana yobuthongo, ukozela kancinci,
Ukusonga izandla kancinci ukuze uphumle,+
11 Ubuhlwempu buza kukuqubula njengotsotsi,
Nokuswela kukuhlasele njengendoda exhobileyo.+
16 Kukho izinto ezintandathu azicaphukelayo uYehova;
Phofu, zisixhenxe izinto azenyanyayo:
17 Ngamehlo anekratshi,+ ulwimi oluxokayo,+ nezandla ezichitha igazi elimsulwa,+
18 Yintliziyo eceba amaqhinga,+ neenyawo ezikhawulezayo ukubalekela ebubini,
19 Lingqina lobuxoki elisoloko lixoka,+
Naye nabani na oqala uchuku phakathi kwabantu abazalwa kunye.+
21 Hlala uwubophe entliziyweni yakho;
Wunxibe entanyeni yakho.
25 Sukubunqwenela ubuhle bakhe ngentliziyo yakho+
Okanye umvumele akubambise ngamehlo akhe anomtsalane,
26 Kuba ngenxa yomfazi othengisa ngomzimba umntu uyaphalala ade aphile ngesonka kuphela,+
Kodwa umfazi wenye indoda, angamenza alahlekelwe bubomi.
27 Ngaba umntu angabeka umlilo esifubeni zize zingatshi iimpahla zakhe?+
28 Okanye ngaba umntu angahamba phezu kwamalahle atshisayo zize zingatshi iinyawo zakhe?
30 Abantu abaligxeki isela
Xa lisiba kuba lilambile.
31 Kodwa apho libanjwe khona, libhataliswa ngokuphindwe kasixhenxe;
Koxuthwa zonke izinto ezixabisekileyo zendlu yalo.+
35 Akazukwamkela nantoni na ekuhlawulwa ngayo;
Akazukucengeka, nokuba inkulu kangakanani na into ompha yona.
4 Yithi kubulumko, “Wena ungudadewethu,”
Uthi kukuqonda, “Uzalana nam,”
8 Wayehamba ngesitrato esikufutshane nekona yendlu yaloo mfazi,
Ehamba kanye ngendlela eya kuloo ndlu,
Kanye xa kusiba mnyama, sekusondele ubusuku.
11 Uthethela phezulu futhi unenkani.+
Akahlali* endlini.
13 Uyamnqakula, amncamise;
Aze engenazintloni athi kuye:
14 “Kuye kwafuneka ndinikele imibingelelo yobuhlobo.+
Namhlanje ndizenzile izinto endizifungileyo.
15 Yiloo nto ndiye ndakukhawulela,
Bendizokukukhangela, ngoku ndikufumene!
17 Ibhedi yam ndiyifefe ngemore, ngekhala nangesinamon.+
18 Yiza ke, sizanelise ngothando kude kuse;
Masizonwabise ngothando,
19 Kuba umyeni wam akakho endlini;
Uthathe uhambo olude.
20 Uhambe nengxowa yemali,
Ibe akazukubuya de kuthwase inyanga.”
Umhenda ngamazwi esincwaso.
22 Ngoko nangoko urhorhozela emva kwakhe, njengenkunzi yenkomo isiya kuxhelwa,
Njengesidenge esibotshelelweyo sisiya kohlwaywa,+
23 Side isibindi sakhe sigqojozwe lutolo.
Njengentaka eleqa ukungena kwisibatha, akazi ukuba uzifaka engozini enokudlula nobomi bakhe.+
24 Ngoku ke bonyana bam, ndimameleni;
Wahoyeni la mazwi ndiwathethayo.
25 Ningavumeli iintliziyo zenu ziye ngasezindleleni zakhe.
Ningabhaduleli ngasezindleleni zakhe,+
26 Kuba baninzi abantu abenzakalisileyo;+
Baninzi ababuleleyo.+
8 Abumemezi na ubulumko?
Akukhwazi na ukuqonda?+
6 Mamelani, kuba ibalulekile le nto ndiyithethayo,
Imilebe yam ithetha izinto ezilungileyo;
7 Kuba umlomo wam utsholo phantsi uthetha inyaniso,
Nemilebe yam iyayicaphukela into embi.
8 Onke amazwi omlomo wam alungile.
Akukho nalinye kuwo elijijekileyo okanye eligqwethekileyo.
9 Onke acacile kumntu ocingayo,
Yaye alungile kwabo bafumene ulwazi.
10 Thathani ingqeqesho yam endaweni yesilivere,
Nolwazi endaweni yegolide yodidi,+
11 Kuba ubulumko bubhetele kuneekorale;*
Zonke ezinye izinto ezithandwayo azinakuthelekiswa nabo.
13 Ukoyika uYehova kuthetha ukucaphukela ububi.+
Ndiyakucaphukela ukuziphakamisa, ikratshi,+ indlela yobubi nokuthetha izinto ezijijekileyo.+
16 Iinkosana zilawula ngam,
Nezikhulu, zigweba ngobulungisa nje, ndim lo.
19 Isiqhamo sam sibhetele kunegolide, nditsho negolide esulungekisiweyo,
Nemveliso yam ibhetele kuneyona silivere yodidi.+
20 Ndihamba endleleni yobulungisa,
Phakathi kwiindlela zokusesikweni;*
21 Ndibanika ilifa elikhulu abo bandithandayo,
Ndigcwalise noovimba babo.
25 Ndazalwa ngaphambi kokubekwa kweentaba,
Ngaphambi kokubakho kweenduli,
26 Engekawenzi umhlaba namathafa awo
Namagada okuqala omhlaba.
27 Xa wayelungisa amazulu,+ ndandikhona;
28 Xa wayebeka* amafu phezulu,
Xa wayesenza imithombo yamanzi,
29 Xa wayebekela ulwandle imithetho
Yokuba amanzi alo angadluleli ngaphaya komda awubekileyo,+
Xa wayebeka iziseko* zomhlaba,
Wayendithanda ngokukhethekileyo+ yonke imihla;
Lonke elo xesha ndonwabile phambi kwakhe;+
31 Ndavuya xa ndibona umhlaba wakhe ekunokuphilwa kuwo,
Ibe ndandibathanda ngokukhethekileyo oonyana babantu.*
32 Ngoku ke bonyana bam, ndimameleni;
Bonwabile abo bazigcinayo iindlela zam.
34 Wonwabile umntu ondimamelayo
Ngokufika kwangoko* kwiminyango yam yonke imihla,
Ngokulinda ngasemigubasini yeminyango yam;
35 Kuba lowo undifumanayo uza kufumana ubomi,+
Aze amkelwe nguYehova.
4 “Nabani na ongenamava, makangene ngapha.”
Buthi kulowo ungenangqondo:*
5 “Yizokutya isonka sam,
Usele newayini endiyixubileyo.
8 Sukumkhalimela umntu osileyo, kuba uza kukucaphukela.+
Khalimela umntu osisilumko, yena uza kukuthanda.+
9 Fundisa umntu osisilumko, uza kulumka ngakumbi.+
Fundisa ilungisa, ukuze longeze kwizinto elizaziyo.
12 Ukuba uba sisilumko, uza kuncedwa bubulumko bakho,
Kodwa ukuba usile, uza kufumana imiphumo yokusa kwakho.
13 Umfazi osisidenge uyangxola.+
Usisiphukuphuku nje esingazi kwanto.
14 Uhlala kumnyango wendlu yakhe
Esitulweni kwiindawo eziphakamileyo zesixeko,+
15 Aze akhwaze abo badlulayo,
Abo bahamba ngendlela, esithi:
16 “Nabani na ongenamava, makangene ngapha.”
Unyana osisilumko uyamvuyisa utata wakhe,+
Kodwa unyana osisidenge uyintlungu kumama wakhe.
5 Unyana onengqondo uqokelela isivuno ehlotyeni,
Kodwa unyana owenza into elihlazo ulala yoyi ngexesha lokuvuna.+
9 Umntu ohamba ngokungenakusoleka uza kuhamba ekhuselekile,+
Kodwa owenza iindlela zakhe zitenxe uza kubhaqwa.+
13 Ubulumko bufumaneka emilebeni yomntu osebenzisa ingqondo,+
Kodwa intonga yeyomqolo womntu ongayisebenzisiyo ingqondo.*+
15 Ubutyebi* besinhanha busisixeko esikhuselekileyo.
Intshabalalo yehlwempu kukungabi nanto kwalo.+
19 Xa amazwi emaninzi, nesono soba lapho nakanjani,+
Kodwa nabani na oyilawulayo imilebe yakhe wenza ngobulumko.+
24 Umenzi-bubi uza kwehlelwa zizinto azoyikayo;
Kodwa ilungisa liza kuyifumana yonke into eliyinqwenelayo.+
25 Xa kudlula isaqhwithi, abenzi-bubi baza kudlula naso,+
Kodwa ilungisa lisisiseko esimi ngonaphakade.+
31 Umlomo welungisa uvelisa ubulumko,
Kodwa ulwimi oluthetha izinto ezigqwethekileyo luza kusikwa.
32 Imilebe yelungisa iyayazi into evuyisayo,
Kodwa umlomo wabenzi-bubi ugqwethekile.
4 Ubutyebi abuzukunceda* nganto ngemini yomsindo,+
Kodwa bubulungisa obuza kusindisa abantu ekufeni.+
5 Ubulungisa balowo umsulwa buyenza ilunge indlela yakhe,
Kodwa umenzi-bubi uza kuwa ngenxa yobubi bakhe.+
6 Ubulungisa babantu abenza izinto ezilungileyo buza kubasindisa,+
Kodwa abo benza ngobuqhophololo baza kubanjiswa yiminqweno yabo.+
7 Xa umenzi-bubi esifa, liphelela emoyeni ithemba lakhe;
Nezinto ebezilindelwe ngenxa yamandla akhe ziphelela emoyeni.+
9 Ngomlomo wakhe umntu ojikele uThixo* wenzakalisa ummelwane wakhe,
Kodwa wona amalungisa asindiswa lulwazi.+
10 Ukulunga kwamalungisa kuyasivuyisa isixeko,
Ibe xa abenzi-bubi betshabalala, kukhalwa iinyembezi zovuyo.+
15 Nabani na onikela isibambiso ngenxa yento ebolekwe ngumntu angamaziyo, ziza kumhambela kakubi izinto,+
Kodwa okuphephayo* ukuxhawula isandla efunga uza kukhuseleka.
20 UYehova uyabenyanya abo baneentliziyo ezigqwethekileyo,+
Kodwa uyabathanda abo bangenakusoleka endleleni yabo.+
21 Qiniseka ngale nto:* Umntu ongumenzi-bubi soze angohlwaywa,+
Kodwa abantwana bamalungisa baza kusinda.
22 Njengecici legolide empumlweni yehagu,
Unjalo umfazi omhle kodwa engayisebenzisi ingqondo.
23 Umnqweno wamalungisa ukhokelela kwizinto ezilungileyo,+
Kodwa ithemba labenzi-bubi libangela umsindo.
24 Omnye uye athande ukupha* aze agqibele enezinto ezininzi;+
Omnye azigcine izinto amele ukuphisa ngazo, kodwa abe lihlwempu.+
26 Abantu baza kumqalekisa umntu owala nokutya okuziinkozo,
Kodwa baza kumsikelela lowo ukuthengisayo.
27 Lowo ukukhuthaleleyo ukwenza okulungileyo ufuna ukuthandwa,+
Kodwa lowo ufuna ububi, uza kufikelwa yiloo nto kanye.+
29 Nabani na oyizisela iingxaki* indlu yakhe uza kufumana ilifa elingumoya;+
Isidenge sona siza kuba sisicaka salowo unentliziyo yesilumko.
4 Umfazi olungileyo usisithsaba endodeni yakhe,+
Kodwa umfazi owenza izinto eziziintloni unjengokubola emathanjeni ayo.+
5 Iingcinga zamalungisa zilungile,
Kodwa amacebiso abenzi-bubi ayalahlekisa.
8 Uyadunyiswa umntu ocingayo ngaphambi kokuba athethe,+
Kodwa onentliziyo egqwethekileyo ujongelwa phantsi.+
10 Ilungisa liziphatha kakuhle izilwanyana zalo zasekhaya,+
Kodwa bona abenzi-bubi, nkqu nenceba yabo inenkohlakalo.
11 Owulimayo umhlaba wakhe uya kwanela kukutya,+
Kodwa oleqa izinto ezingenaxabiso akayisebenzisi ingqondo.*
12 Umenzi-bubi unqwenela ingeniso yabakhohlakeleyo,
Kodwa ingcambu yamalungisa ivelisa isiqhamo.
14 Ngesiqhamo samazwi akhe* umntu uyanela kokulungileyo,+
Ibe uza kufumana umvuzo ngomsebenzi wezandla zakhe.
19 Imilebe ethetha inyaniso iza kuhlala ngonaphakade,+
Kodwa ulwimi oluxokayo luza kuhlala nje umzuzwana.+
26 Ilungisa liyawahlola amadlelo alo,
Kodwa indlela yabenzi-bubi iyabalahlekisa.
2 Ngesiqhamo samazwi akhe,* umntu uza kutya izinto ezilungileyo,+
Kodwa eyona nto ithandwa ngabantu abanamaqhinga bubundlobongela.
11 Ubutyebi obufunyanwa msinya* buphelela emoyeni,+
Kodwa ubutyebi obuqokelelwa kancinci kancinci* buyanda.
15 Umntu oyisebenzisa kakuhle ingqondo uyathandeka,
Kodwa indlela yabanamaqhinga inamagingxi-gingxi.
18 Nabani na ongayikhathalelanga ingqeqesho uba lihlwempu aze ahlazeke,
19 Kumnandi emntwini xa efumana into ayinqwenelayo,+
Kodwa abenzi-bubi abafuni kusuka ezintweni ezimbi.+
23 Umhlaba olinyiweyo wehlwempu uvelisa ukutya okuninzi,
Kodwa kungatshayelwa kuphele* ngenxa yokungabikho kobulungisa.
3 Intonga yekratshi isemlonyeni wesidenge,
Kodwa imilebe yezilumko iza kuzikhusela.
4 Apho kungekho zinkomo indawo ezityela kuyo iyacoceka,
Kodwa amandla enkunzi yenkomo enza kubekho isivuno esininzi.
10 Intliziyo iyabazi ubukrakra bayo,
Ibe akakho omnye umntu onokuva uvuyo lwayo.
13 Umntu usenokuhleka kodwa ibe intliziyo yakhe ibuhlungu,
Nokuvuya kwakhe kunokuphela sele kuyintlungu.
14 Umntu onentliziyo enamaqhinga uza kuvuna imiphumo yeendlela zakhe,+
Nomntu olungileyo uvuna umvuzo wezinto azenzileyo.+
16 Isilumko sihlala sithe qwa size siyiphephe inkathazo,
Kodwa sona isidenge asikhathali* ibe sizithembe kakhulu.
18 Abantu abangalumkanga* baza kufumana ilifa lobudenge,+
Kodwa bona abanengqondo bathiwa jize ngolwazi.
19 Abenzi-bubi baza kuqubuda phambi kwabalungileyo,
Nabo bakhohlakeleyo baza kuqubuda ezigeyithini zamalungisa.
22 Abazukubhadula na abo baceba ukwenza ububi?
Kodwa abo baceba ukwenza okulungileyo, abantu baza kuthembeka kubo baze babathande ngokungagungqiyo.+
23 Kukho umvuzo kulo lonke uhlobo lomsebenzi onzima,
Kodwa umntu othetha angenzi uza kuba lihlwempu.+
25 Ingqina elithetha inyani lisindisa ubomi,
Kodwa eliqhathayo lisoloko lixoka.
27 Ukoyika uYehova kungumthombo wobomi,
Kuyamsindisa umntu kwimigibe yokufa.
10 Ingqeqesho ibonakala imbi* kumntu oshiya indlela elungileyo,+
Kodwa nabani na osicaphukelayo isohlwayo uza kufa.+
11 UYehova ulibona kakuhle ingcwaba* nendawo yentshabalalo.*+
Kukangakanani ke ngeentliziyo zabantu!+
12 Umntu osileyo akamthandi umntu omlungisayo.*+
Akazukufuna cebiso kwizilumko.+
18 Umntu okhawulezayo ukuba nomsindo uvusa ingxabano,+
Kodwa ongakhawuleziyo ukucaphuka uyayiphelisa.+
22 Amacebo aphelela emoyeni xa kungacetyiswana,*
Kodwa ininzi into ephunyezwayo xa bebaninzi abacebisi.+
23 Umntu uyavuya xa ephendule kakuhle,*+
Ibe alisemnandi nje ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!+
27 Owenza ingeniso ngamaqhinga uyizisela iingxaki* indlu yakhe,+
Kodwa okucaphukelayo ukunyotywa uza kuqhubeka ephila.+
28 Intliziyo yelungisa iyacingisisa ngaphambi kokuba iphendule,*+
Kodwa umlomo wabenzi-bubi ukhupha izinto ezimbi.
4 UYehova wenze ukuba yonke into ihambelane nenjongo yakhe,
Wenze nokuba abenzi-bubi batshatyalaliswe ngemini yentshabalalo.+
5 UYehova uyamenyanya nabani na onentliziyo enekratshi.+
Qiniseka* ukuba akasoze angamohlwayi.
6 Ngothando olungagungqiyo nangokuthembeka, isono siyahlawulelwa,+
Ibe ngenxa yokoyika uYehova umntu uyaziyeka izinto ezimbi.+
16 Kubhetele kakhulu ukufumana ubulumko kunegolide.+
Kubhetele ukukhetha ukuqonda kunesilivere.+
17 Uhola wendlela wamalungisa uyaziphepha izinto ezimbi.
Nabani na oyigadayo indlela yakhe, ukhusela ubomi bakhe.+
19 Kungcono ukuthobeka* phakathi kwabantu abalulamileyo+
Kunokwahlulelana ngamaxhoba nabaziphakamisileyo.
22 Ingqondo ngumthombo wamanzi obomi kwabo bayisebenzisayo,
Kodwa izidenge ziqeqeshwa bubudenge bazo.
29 Umntu oyindlobongela uyamlahlekisa ummelwane wakhe,
Aze amqhubele kwindlela embi.
30 Wofika eqwabaza ilihlo xa ecinga ukwenza izinto ezimbi,
Eluma imilebe xa esenza ukusa.
2 Isicaka esinengqondo siza kumlawula unyana owenza okuziintloni;
Siza kufumana ilifa njengabanye oonyana.
3 Imbiza inyibilikisa isilivere, iziko lomlilo linyibilikise igolide,+
Kodwa yena uYehova uhlola iintliziyo.+
5 Ohlekisa ngehlwempu uthuka uMenzi walo,+
Noyivuyelayo intlekele eyehlela omnye umntu soze asinde ekohlwayweni.+
7 Amazwi obulumko* awasifanelanga isidenge.+
Aya kubeka phi ke ukungamfaneli umlawuli* amazwi obuxoki!+
17 Umhlobo wokwenene uthanda ngamaxesha onke,+
Ibe ungumzalwana onokuthembela kuye ngamaxesha anzima.+
18 Umntu ongayisebenzisiyo ingqondo* uxhawula ngesandla,
Aze avume ukukhupha isibambiso ukuze amele ityala lommelwane wakhe.+
19 Othanda ingxabano uthanda isono.+
Nabani na oziphakamisayo uzibizela ukuwa.+
24 Umntu oqondayo uzikhathaza ngokufuna ubulumko,
Kodwa amehlo esidenge alaqaza kwezona ndawo zikude zomhlaba.+
28 Kwanesidenge xa sithe cwaka, kuza kuthiwa sisilumko,
Novala imilebe yakhe, kuza kuthiwa uyaqonda.
4 Amazwi omlomo womntu ngamanzi anzulu.+
Umthombo wobulumko ngumsinga ompompozayo.
8 Amazwi omntu ongcolisa amagama abanye anjengentwana yokutya okumnandi;*+
Abimbilizwa ayokutsho ngqo esiswini.+
10 Igama likaYehova liyinqaba eyomeleleyo.+
Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.*+
11 Ubutyebi besinhanha bunjengesixeko saso esikhuselekileyo;
Bunjengodonga olukhuselayo engqondweni yaso.+
19 Umhlobo okhubekileyo ulukhuni ngaphezu kwedolophu ekhuselekileyo,+
Ibe kukho iingxabano ezahlukanisa abantu njengemivalo yenqaba.+
20 Ngesiqhamo samazwi akhe* umntu uza kugcwalisa isisu sakhe;+
Uza kwaneliswa yimveliso yemilebe yakhe.
23 Ihlwempu liyacenga xa lithetha,
Kodwa isityebi siphendula rhabaxa.
3 Bubudenge bomntu obugqwetha indlela yakhe,
Nentliziyo yakhe iba nomsindo ngakuYehova.
Uthi efuna ukubacenga, suke bamshiye apho.
8 Nabani na ofumana ubulumko* uyazithanda.+
Nabani na okuxabisileyo ukuqonda uza kuphumelela.*+
12 Umsindo kakumkani unjengokugquma kwengonyama,*+
Kodwa ukuthandwa nguye kunjengombethe phezu kotyani.
19 Umntu onomsindo okhawulezayo uza kuhlawuliswa;
Ukuba uyamthethelela, kuza kufuneka uhlale umthethelela.+
22 Into ethandekayo emntwini kukungagungqi kwakhe eluthandweni;
Ibe kungcono ukuba lihlwempu kunokuba lixoki.+
23 Ukoyika uYehova kusa ebomini;+
Umntu omoyikayo ulala obehlayo ubuthongo, akazukwehlelwa yinto embi.+
24 Ivila lisifaka sitshone isandla kwisitya esinokutya,
Kodwa lonqena nokusikhupha oku lisise emlonyeni walo.+
27 Nyana wam, ukuba awuyihoyi ingqeqesho,
Uza kuwalahla amazwi olwazi.
20 Iwayini iyamgezisa umntu,+ utywala bumenza angalawuleki;+
Nabani na obhaduliswa zizo akalumkanga.+
2 Ukoyikeka kukakumkani kunjengokugquma kwengonyama;*+
Nabani na omcaphukisayo ubeka ubomi bakhe esichengeni.+
6 Abantu abaninzi bathi banothando olungagungqiyo,
Kodwa ngubani onokumfumana umntu othembekileyo?
13 Sukuthanda ubuthongo, kuba uza kuba lihlwempu.+
Vula amehlo akho, ibe uza kuba nesonka esaneleyo.+
17 Isonka esifunyenwe ngamaqhinga sihla kamnandi emntwini,
Kodwa emva koko umlomo wakhe ugcwala uhlalutye.+
25 Kungumgibe emntwini ukungxama athi, “Ingcwele!”+
Aze aqale emva koko ukucingisisa ngesivumelwano asenzileyo.+
27 Impefumlo yomntu sisibane sikaYehova
Sokuhlolisisa konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.
28 Uthando olungagungqiyo nokuthembeka kuyamkhusela ukumkani;+
Itrone yakhe ixhaswa luthando lwakhe olungagungqiyo.+
21 Intliziyo kakumkani injengomsinga wamanzi esandleni sikaYehova.+
Uyisa apho athanda ukuyisa khona.+
5 Amacebo omntu okhutheleyo aza kumenza aphumelele* ngokuqinisekileyo,+
Kodwa bonke abenza ngokungxama, nakanjani na baza kuphelela endlaleni.+
11 Xa umntu othetha ukusa esohlwaywa, ongenamava uba nobulumko,
12 UThixo olilungisa uyazibukela izinto ezenzeka endlini yomenzi-bubi;
Uyabatshabalalisa abenzi-bubi.+
13 Nabani na ozivalayo iindlebe zakhe xa kukhala umntu osweleyo
Naye uza kuthi ekhala, angaphendulwa.+
28 Ingqina elixokayo liza kutshabalala,+
Kodwa umntu omamelayo uza kuphumelela xa enikela ubungqina.*
30 Akukho bulumko, kungekho kuqonda nacebo lilungayo xa lichasene noYehova.+
31 Ihashe liqeqeshelwa imini yedabi,+
Kodwa nguYehova osindisayo.+
2 Umntu osisityebi nosweleyo bafana ngale nto:*
Bobabini badalwe nguYehova.+
5 Indlela yomntu onamaqhinga inameva nemigibe,
Kodwa umntu obuxabisileyo ubomi bakhe uhambela kude kuyo.+
13 Ivila lithi: “Kukho ingonyama phandle!
Ndiza kufela kwindawo kawonke-wonke!”+
14 Umlomo womfazi oziphethe kakubi* ungumngxuma onzulu.+
Umntu oqalekiswe nguYehova uza kuwela kuwo.
16 Umntu oqhatha ihlwempu ukuze andise ubutyebi bakhe+
Nomntu onika isityebi izipho
Uza kuphela elihlwempu.
17 Wavulele indlebe uze uwamamele amazwi ezilumko,+
Ukuze ufake iimfundiso zam entliziyweni yakho,+
18 Kuba uza kuncedakala ngokuwagcina entliziyweni yakho,+
Ahlale esemilebeni yakho.+
19 Ndikunika ulwazi namhlanje,
Ukuze uthembele ngoYehova.
20 Andikubhalelanga na,
Ndakunika amacebiso nolwazi,
21 Ukuze ndikufundise amazwi athembekileyo nayinyaniso,
Utsho ukwazi ukubuyisela ingxelo echanileyo kulowo ukuthumileyo?
22 Sukulixhaphaza ihlwempu kuba lingenanto,+
Ungamcinezeli nomntu ohluphekayo egeyithini yesixeko,+
23 Kuba baza kuthethelelwa nguYehova ngokwakhe+
Aze abatshabalalise abo babaxhaphazayo.
24 Sukuhlobana nomntu okhawuleza abe nomsindo
Okanye uhlobane nomntu okhawulezayo ukucaphuka,
25 Ukuze ungafundi iindlela zakhe
Kuze oko kube ngumgibe kuwe.+
26 Uze ungabi phakathi kwabo benza isivumelwano ngokuxhawulana ngezandla,
Bakhuphe isibambiso ngezinto ezibolekwe abanye.+
27 Xa ungakwazi ukubhatala,
Ibhedi yakho iza koxuthwa usalele kuyo!
29 Ukhe wambona na umntu olichule emsebenzini wakhe?
Uza kuma phambi kookumkani;+
Akazukuma phambi kwabantu abaqhelekileyo.
3 Sukurhalela izimuncu-muncu zakhe,
Kuba zikukutya okunenkqatho.
4 Sukubulalekela ukufumana ubutyebi.+
Khawuyiyeke loo nto, usebenzise ingqondo.*
5 Uza kuthi xa ukrwaqula, bube bungasekho,+
Kuba buza kumila amaphiko njengokhozi, bubhabhe buye esibhakabhakeni.+
6 Sukutya ukutya komntu oligqolo;*
Ungazirhaleli nezimuncu-muncu zakhe,
7 Kuba ehleli nje uyakubalela.
Uthi kuwe, “Yitya nje wena usele,” kodwa abe engathethi loo nto.*
8 Uza kugabha naloo nto incinci ubuyityile,
Ube udlale ngezincomo zakho.
12 Zimisele entliziyweni yakho ukwamkela ingqeqesho
Nendlebe yakho yinikele kumazwi olwazi.
13 Sukungayiqeqeshi inkwenkwe.*+
Ukuba uyibetha ngentonga, ayizukufa.
17 Ungayivumeli intliziyo yakho imonele aboni,+
Kodwa hlala usoyika uYehova ngalo lonke ixesha.+
18 Xa usenza loo nto, uza kuba nekamva elihle,+
Ibe ithemba lakho alizukunqunyulwa.
19 Mamela nyana wam, ube sisilumko,
Uze ukhokelele intliziyo yakho endleleni efanelekileyo.
20 Sukuba phakathi kwabantu abasela kakhulu,+
Phakathi kwabanyolukele inyama,+
21 Kuba inxila nedla-kudla baza kuba ngamahlwempu,+
Umntu othanda ubuthongo uza kunxiba amadlavu.
24 Utata welungisa uza kuvuya ngokuqinisekileyo;
Nabani na ozala isilumko uza konwaba.
25 Utata wakho nomama wakho baza konwaba,
Nalowo ukuzeleyo uza kuvuya.
27 Kuba umfazi othengisa ngomzimba ngumngxuma onzulu,
29 Ngubani osezintlungwini? Ngubani ongakhululekanga?
Ngubani onoqhushululu? Ngubani onezikhalazo?
Ngubani onamanxeba ngaphandle kwesizathu? Ingubani onamehlo anorhatyazo?
31 Sukube ubukana nobubomvu bayo,
Xa ibengezela endebeni, isehla kamnandi emqaleni,
32 Kuba ekugqibeleni iluma okwenyoka,
Ize ikhuphe ityhefu okwerhamba.
33 Amehlo akho aza kubona izinto ezingaqhelekanga,
Nentliziyo yakho iza kuthetha izinto ezijijekileyo.+
34 Ibe uza kuba njengomntu olele phakathi elwandle,
Njengolele kwindawo ebamba iseyile yenqanawa.
35 Uza kuthi: “Bandibethile, kodwa andivanga ntlungu.
Bandinkalile, kodwa andiyikhumbuli loo nto.
Ndiza kuvuka nini?+
Ndifuna ukuphinda ndisele.”*
24 Sukubamonela abenzi-bubi,
Ungakunqweneli nokuba phakathi kwabo,+
2 Kuba intliziyo yabo icinga ubundlobongela,
Nemilebe yabo ivusa udushe.
10 Ukuba uyatyhafa ngamaxesha eenkathazo,
Uza kuphelelwa ngamandla.
12 Ukuba uthi, “Kodwa besingazi ngale nto,”
Akayiboni na loo nto Lowo uhlolisisa iintliziyo?*+
Kaloku, Lowo ukujongileyo uza kwazi
Aze abuyekeze mntu ngamnye ngezenzo zakhe.+
13 Nyana wam, yitya ubusi, kuba bulungile;
Incindi yobusi inencasa emlonyeni.
14 Yazi ukuba, ngendlela efanayo, nobulumko bukulungele.+
Ukuba uye wabufumana, uza kuba nekamva elihle,
Ibe ithemba lakho alizukunqunyulwa.+
15 Uze ungancathami kufutshane nendlu yelungisa uneenjongo ezimbi;
Uze ungayitshabalalisi indawo yalo yokuphumla.
16 Kuba ilungisa nokuba liwa kasixhenxe, liphinda livuke,+
Kodwa bona abenzi-bubi baza kwehlelwa yintlekele.+
17 Sukuvuya xa utshaba lwakho lusiwa,
Mayingavuyi intliziyo yakho xa ulubona lukhubeka;+
18 Kuba uYehova uza kuyibona loo nto angayithandi,
19 Sukucatshukiswa* ngabenzi-bubi;
Sukubamonela abantu abangalunganga,
20 Kuba nabani na owenza izinto ezimbi akanalo ikamva;+
Isibane sabenzi-bubi siza kucinywa.+
21 Nyana wam, yoyika uYehova nokumkani.+
Ngubani na oyaziyo intlekele abaza* kubazisela yona?+
23 Nazi ezinye izinto ezithethwa zizilumko:
Ukukhetha ubuso xa ugweba akulunganga.+
24 Nabani na othi kumenzi-bubi, “Ulilungisa wena,”+
Uza kuqalekiswa zizizwe, agxekwe naziintlanga.
26 Abantu baza kuyiphuza imilebe yalowo uthetha inyani.*+
28 Sukunikela ubungqina obungenasihlahla ngommelwane wakho.+
Sukuyisebenzisela ukuqhatha abanye imilebe yakho.+
33 Ngenxa yentwana yobuthongo, ukozela kancinci,
Ukusonga izandla kancinci ukuze uphumle,
34 Ubuhlwempu buza kukuqubula njengotsotsi,
Nokuswela kukuhlasele njengendoda exhobileyo.+
25 Nale yimizekeliso kaSolomon+ eyakhutshelwa* ngamadoda kaHezekiya+ ukumkani wakwaYuda:
3 Njengokuba singasoze sikuqonde ukuphakama kwamazulu nobunzulu bomhlaba,
Soze siziqonde neentliziyo zookumkani.
6 Sukuzenza umntu omkhulu phambi kokumkani,+
Uze ungahlali naphakathi kwezikhulu,+
7 Kuba kungcono ibe nguye othi kuwe, “Nyuka, yiza apha,”
Kunokuba akuhlaze phambi kwezikhulu.+
9 Thethathethana nommelwane wakho,+
Kodwa ungazidizi izinto obuzihletyelwe,*+
10 Ukuze angakuhlazi lowo umameleyo
Ungazukukwazi nokuphinda uwaginye naloo mazwi.*
13 Ufana nqwa nokubanda kwekhephu ngomhla wokuvuna
Umthunywa othembekileyo kwabo bamthumileyo,
Kuba uyayihlaziya inkosi yakhe.+
17 Malungaxhaphaki unyawo lwakho kwammelwane,
Ukuze angadikwa nguwe aze akucaphukele.
19 Kunjengezinyo elaphukileyo nonyawo oluqhwalelayo
Ukuthembela ngomntu ongathembekanga* xa usengxakini.
20 Unjengomntu okhulula impahla kubanda
Nesoda* exutywe neviniga
Umntu oculela intliziyo eyaphukileyo.+
21 Ukuba utshaba lwakho lulambile,* luphe isonka;
Ukuba lunxaniwe, luphe amanzi,+
22 Uya kuba ufumba amalahle phezu kwentloko yalo,*+
Ibe uYehova uza kukuvuza.
2 Kanye njengokuba intaka inesizathu sokubhabha nenkonjane inesizathu sokuphaphazela,
Nomntu akaqalekiswa ngaphandle kwesizathu.
9 Linjengesityalo esinameva esandleni senxila
Iqhalo elisemlonyeni wezidenge.
10 Unjengomtoli odubula aze enzakalise nabani na
Umntu oqesha isidenge okanye abantu nje abadlulayo.
12 Wakha wambona na umntu ocinga ukuba usisilumko?+
Kukho ithemba ngakumbi ngesidenge kunaye.
15 Ivila lisifaka sitshone isandla kwisitya esinokutya,
Kodwa liyonqena ukusikhupha lisise emlonyeni.+
16 Ivila licinga ukuba lilumke ngakumbi
Kunabantu abasixhenxe abaphendula into ebhadlileyo.
17 Unjengomntu othi nqaku inja ngeendlebe
Umntu othi edlula suke abe nomsindo ngengxabano* engafuni yena.+
18 Unjengomntu ophambeneyo odubula ngeentolo zomlilo ezibulalayo
20 Xa zingekho iinkuni, uyacima umlilo,
Naxa engekho umntu ongcolisa amagama abanye, iyaphela ingxabano.+
22 Amazwi omntu ongcolisa amagama abanye anjengentwana yokutya okumnandi;*
Abimbilizwa ayokutsho ngqo esiswini.+
24 Umntu obacaphukelayo abanye uyayifihla loo nto ngezinto azithethayo,
Kodwa ngaphakathi abe efukame ubuxoki.
25 Nangona ethetha kamnandi, ungaze umthembe,
Kuba kukho izinto ezisixhenxe ezenyanyekayo entliziyweni yakhe.*
26 Nangona eyifihle ngamaqhinga inzondo yakhe,
Inkohlakalo yakhe yona iza kubhencwa ebandleni.
4 Ukubhabhama ngumsindo kunenkohlakalo, ukucaphuka kufana nomkhukula,
Kodwa sona isikhwele siyingozi ukodlula zombini.+
5 Kubhetele ukululeka umntu ngokuvakalayo kunokumthanda uze ungambonisi.+
9 Njengokuba ioli nesiqhumiso esiqholiweyo zivuyisa intliziyo,
Bunjalo nobuhlobo obuqala emva kwesiluleko esisuka entliziyweni.+
10 Ungamlahli umhlobo wakho okanye umhlobo katata wakho,
Ungabalekeli endlini yomntakwenu xa usengxakini;
Kubhetele ummelwane okufuphi kunomntakwenu okude.+
13 Ukuba umntu ubambisele ityala lomntu wasemzini, thatha isambatho sakhe;
14 Xa umntu engxolela omnye ngemibuliso kwasekuseni,
Uya kuba ngathi uyamthuka.
15 Umfazi onochuku* unjengophahla oluvuzayo ngemini yemvula.+
16 Nabani na okwaziyo ukumnqanda, angakwazi nokunqanda umoya,
Angakwazi nokubamba ioli ngesandla sakhe sasekunene.
18 Umntu owukhathaleleyo umthi wamafiya* uza kutya isiqhamo sawo,+
Noyikhathaleleyo inkosi yakhe uza kunikwa imbeko.+
19 Njengokuba umntu ebubona ubuso bakhe emanzini,
Nentliziyo yomntu ibonisa eyomnye.
21 Njengokuba imbiza inyibilikisa isilivere, neziko lomlilo linyibilikisa igolide,+
Umntu uvavanywa ngezincomo azifumanayo.*
23 Umele uwazi kakuhle umhlambi wakho.
Ziphathe kakuhle iigusha zakho,*+
24 Kuba ubutyebi abuhlali bukho ngonaphakade,
Nesithsaba asibikho kuzo zonke izizukulwana.+
25 Ingca eluhlaza iyanyamalala, kuntshule entsha,
Kuze kuqokelelwe utyani ezintabeni.
26 Amatakane eegusha aziinkunzi akunika impahla,
Neenkunzi zeebhokhwe zikuthengela intsimi.
27 Kuza kubakho ubisi lweebhokhwe olwaneleyo
Lokondla wena, indlu yakho nezicakakazi zakho.
2 Xa kusaphulwa umthetho elizweni, liza kuba nenkosana emva kwenye,+
Kodwa indoda enengqondo nenolwazi iza kuyinceda inkosana ilawule ixesha elide.+
8 Umntu owandisa ubutyebi bakhe ngenzala+ nengeniso yamaqhinga
Uqokelelela lowo uwakhathaleleyo amahlwempu.+
10 Umntu owenza amalungisa ahambe ngendlela embi uza kuwela kumngxuma awumbe ngokwakhe,+
Kodwa abamsulwa baza kufumana ilifa lezinto ezilungileyo.+
11 Umntu osisityebi ulumkile kwawakhe amehlo,+
Kodwa ihlwempu elisebenzisa ingqondo alinakuqhathwa nguye.+
12 Xa amalungisa ephumelela, kubakho uzuko olukhulu,
Kodwa xa abenzi-bubi besiba sezikhundleni eziphezulu, abantu bayazimela.+
13 Umntu ozifihlayo izono zakhe akazukuphumelela,+
Kodwa nabani na ozivumayo aze aziyeke uza kwenzelwa inceba.+
15 Unjengengonyama ebhavumayo nebhere elihlaselayo
Umlawuli ongumenzi-bubi kwisizwana esingakwazi kuzinceda.+
16 Inkokheli engasebenzisi ngqondo ilisebenzisa kakubi igunya,+
Kodwa umntu oyicaphukelayo ingeniso yamaqhinga uza kuphila ubomi obude.+
17 Umntu osindwa lityala legazi lokubulala umntu uza kubaleka de aye kungena engcwabeni.*+
Makungabikho mntu umxhasayo.
19 Umntu owulimayo umhlaba wakhe uza kuba nesonka esininzi,
Kodwa oleqeka emva kwezinto ezingenaxabiso uza kuba yimpula kaLujaca.+
20 Umntu othembekileyo uza kufumana iintsikelelo ezininzi,+
Kodwa ongxamela ukuba sisityebi akazukuhlala emsulwa.+
24 Nabani na otsotsa utata wakhe nomama wakhe aze athi, “Ayimbanga loo nto,”+
Ngumhlobo womntu odala umonakalo.+
27 Nabani na opha amahlwempu, akananto aza kuyidinga,+
Kodwa umntu ongawahoyiyo, uza kuqalekiswa kakhulu.
29 Umntu oyenza lukhuni intamo yakhe* emva kokohlwaywa kaninzi+
Uza kwaphulwa ngequbuliso, angaze aphiliswe.+
3 Umntu othanda ubulumko uvuyisa utata wakhe,+
Kodwa othene nca nabafazi abathengisa ngomzimba udlala ngobutyebi bakhe.+
4 Xa ukumkani elawula ngobulungisa litsho lizinze ilizwe,+
Kodwa umntu owamkela isinyobo uyalonakalisa.
7 Ilungisa likuxhalabele ukuphathwa ngokusemthethweni kwabo basweleyo,+
Kodwa yena umenzi-bubi akayihoyanga loo nto.+
13 Ihlwempu nomntu ongumcinezeli bafana ngale nto:*
Bobabini bakunikwe nguYehova ukukhanya emehlweni abo.*
20 Ukhe wambona na umntu ongxamayo ngamazwi?+
Kukho ithemba ngakumbi ngesidenge kunaye.+
21 Ukuba uyalitefisa ikhoboka kwasebutsheni balo,
Ekugqibeleni liza kukudela.
24 Umntu otshomene nesela uyazicaphukela.
Usenokucelwa ukuba anikele ubungqina,* kodwa angathethi nto.+
27 Amalungisa ayamenyanya umntu ongenzi bulungisa,+
Kodwa bona abenzi-bubi benyanya lowo wenza ubulungisa.+
30 La ngamazwi abalulekileyo avela kuAgure unyana kaYake, awawathetha kuItiyeli noUkali.
3 Andibufundanga ubulumko,
Ibe andinalo nolwazi oluvela kOyena Ungcwele.
4 Ngubani okhe waya ezulwini waphinda wabuya?+
Ngubani okhe wabamba umoya ngezandla zakhe zozibini?
Ngubani okhe wasongela amanzi ngesambatho sakhe?+
Ingubani obeke* ezona ndawo zikude emhlabeni?+
Ngubani igama lakhe, ingubani igama lonyana wakhe, ukuba uyalazi?
5 Onke amazwi kaThixo asulungekile.+
Ulikhaka kwabo babalekela kuye.+
7 Ndicela izinto ezimbini kuwe.
Ndicela undenzele zona ngaphambi kokuba ndife.
8 Kususele kude lee kum ukungabi nanyani nokuxoka.+
Ungandiniki buhlwempu nabutyebi.
Ndiyeke nje nditye ukutya okundilingeneyo,+
9 Ukuze ndingahluthi ndize ndikuphike ndithi, “Ngubani uYehova?”+
Ungandivumeli nokuba ndibe lihlwempu ndize ndibe, ndingcolise* igama loThixo wam.
14 Kukho isizukulwana esinamazinyo angamakrele
Esinemihlathi eziimela zokuxhela;
Sixhaphaza abantu abahluphekayo emhlabeni
Namahlwempu ebantwini.+
15 Izinambuzane ezimfimfitha igazi zineentombi ezimbini ezikhwaza zisithi, “Sapha! Sapha!”
Kukho izinto ezintathu ezingoneliyo,
Ezine ezingaze zithi, “Kwanele!”
16 Lingcwaba*+ nesibeleko somfazi ongafumani bantwana,
Umhlaba onxaniweyo,
Nomlilo ongaze uthi, “Kwanele!”
17 Ilihlo eligezela utata walo nelikwenyanyayo ukuthobela umama walo+
Liza kukrukrwa ngamahlungulu asentlanjeni,
Lityiwe nangamantshontsho okhozi.+
19 Indlela yokhozi emazulwini,
Indlela yenyoka eliweni,
Indlela yenqanawa embindini wolwandle,
Nendlela yendoda nentombi.
20 Nantsi indlela yomfazi oziphethe kakubi:
Uyatya aze osule umlomo;
Emva koko athi, “Andenzanga kwanto imbi mna.”+
21 Kukho izinto ezintathu ezinyikimisa umhlaba,
Ezine ongakwazi kuzinyamezela:
22 Kuxa isicaka singukumkani,+
Nesidenge sihluthi mpu kukutya,
23 Xa kutshatwa intombi ecatshukelwayo,*
Naxa isicakakazi sithatha indawo yenkosazana yaso.+
29 Kukho izinto ezintathu ezichula ukunyathela,
Ezine ezithi chu nje kakuhle xa zihamba:
30 Yingonyama, esona silwanyana sinamandla kuzo zonke,
Esingaze sibuye mva nokuba sekutheni;+
31 Inja elingesi; inkunzi yebhokhwe,
Nokumkani ophahlwe ngumkhosi.
33 Njengokuba ukuzamisa ubisi kuvelisa ibhotolo
Nokucudisa impumlo kukhupha igazi,
Ngokunjalo, nokuvusa umsindo kuvelisa ingxabano.+
31 La ngamazwi kaKumkani uLemuweli, umyalezo obalulekileyo awawunikwa ngumama wakhe emfundisa:+
4 Akubafanelanga ookumkani, Lemuweli,
Akubafanelanga ookumkani ukusela iwayini
Okanye abalawuli ukuba bathi, “Buphi utywala bam?”+
5 Ukuze bangaseli baze balibale umthetho obekiweyo,
Bangawaniki amalungelo awo amahlwempu.
7 Mabasele baze babulibale ubuhlwempu babo;
Mabaziphose kwelokulibala iinkathazo zabo.
א [Aleph]
10 Ngubani onokumfumana umfazi ofanelekileyo?*+
Ixabiso lakhe lingaphezulu lee kweleekorale.*
ב [Beth]
11 Umyeni wakhe umthemba ngentliziyo yakhe yonke,
Ibe akukho nto ayidingayo.
ג [Gimel]
12 Umvuza ngokulungileyo, hayi ngezinto ezimbi,
Yonke imihla yobomi bakhe.
ד [Daleth]
ה [He]
ו [Waw]
ז [Zayin]
ח [Heth]
ט [Teth]
18 Uyaqinisekisa ukuba ukushishina kwakhe kungenisa imali;
Isibane sakhe asicimi ebusuku.
י [Yod]
כ [Kaph]
ל [Lamed]
21 Akayoyikiseli intsapho yakhe ngenxa yekhephu,
Kuba yonke intsapho yakhe ineempahla ezifudumeleyo.*
מ [Mem]
22 Uyazenzela iingubo zomandlalo wakhe.
Impahla yakhe yeyelinen noboya obumsobo.*
נ [Nun]
ס [Samekh]
ע [Ayin]
פ [Pe]
צ [Tsade]
ק [Qoph]
28 Abantwana bakhe bayaphakama baze bathi wonwabile;
Umyeni wakhe uyaphakama aze amdumise.
ר [Resh]
ש [Shin]
30 Umtsalane usenokuba yinkohliso, nobuhle busenokuphela,*+
Kodwa umfazi owoyika uYehova uza kudunyiswa.+
ת [Taw]
Ngokoqobo, “azi.”
Okanye “ngobulungisa.”
Okanye “angakhethi buso.”
Okanye “Ukuhlonipha.”
Okanye “Ungawulahli umthetho.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “Siza kuba nengxowa enye sonke.”
Okanye “ithathe ubomi babo.”
Ngokoqobo, “kwintloko.”
Okanye “Guqukani xa ndinohlwaya.”
Ngokoqobo, “baza kutya iziqhamo zeendlela zabo.”
Okanye “ngamaqhinga; ngamacebo.”
Okanye “ubulungisa.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “wasemzini.” Kubonakala ukuba ngomshiyileyo uThixo.
Okanye “ahendayo.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Kubonakala ukuba ngomshiyileyo uThixo.
Okanye “umyeni.”
Ngokoqobo, “kwabo bangena kuye.”
Okanye “ngabo bahlala bethembekile.”
Okanye “ungawulibali umthetho wam.”
Okanye “nenyaniso.”
Ngokoqobo, “Ungayami.”
Ngokoqobo, “iza kuyiphilisa inkaba yakho.”
Okanye “Ngesona sixa sikhulu sengeniso.”
Okanye “Nezixovulelo.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Kubonakala ukuba kubhekiselwa kwiimpawu zikaThixo ekuthethwe ngazo kwiivesi ezingaphambili.
Okanye “lubetheke naphi na.”
Okanye “banelungelo lokuzifumana.”
Okanye “Sanukuwulahla umthetho wam.”
Ngokoqobo, “Wavulele iindlebe.”
Okanye “Amehlo akho aqaqambileyo mawathi.”
Okanye “Yicingisise.”
Ngokoqobo, “Kuvulele indlebe.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “bangawasengi amandla akho.”
Okanye “aqabulayo.”
Okanye “mawakuyobe.”
Okanye “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Okanye “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Ngokoqobo, “wakhupha isibambiso kumntu.”
Okanye “Ungawulahli umthetho.”
Okanye “kukuyalela.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.
Ngokoqobo, “uswele intliziyo.”
Okanye “Wukhusele umthetho wam.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Ngokoqobo, “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Okanye “ahendayo.”
Ngokoqobo, “oswele intliziyo.”
Ngokoqobo, “Iinyawo zakhe azihlali.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “koonyana babantu.”
Ngokoqobo, “qondani intliziyo.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “Ilifa lezinto ezixabisekileyo.”
Okanye “zobulungisa.”
Okanye “ukususela kwixesha elingenakwaziwa.”
Okanye “Ndazalwa ngenimba.”
Ngokoqobo, “imida erawundi.”
Ngokoqobo, “wayeqinisa.”
Okanye “umthetho weziseko.”
Okanye “abantu.”
Okanye “Ngokuhlala ethe qwa.”
Okanye “Buyiqingqele.”
Ngokoqobo, “Buxhelile.”
Ngokoqobo, “uswele intliziyo.”
Okanye “Bashiye abangenamava.”
Ngokoqobo, “baswele intliziyo.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “imithetho.”
Ngokoqobo, “oswele intliziyo.”
Okanye “Into exabisekileyo.”
Okanye kusenokwenzeka, “usendleleni yobomi.”
Okanye “osasaza iindaba zolwimi.”
Okanye “ikhokela.”
Okanye “ntlupheko; kusokola.”
Okanye “kumqeshi walo.”
Okanye “uyalithanda ilitye lokulinganisa elipheleleyo.”
Okanye “Izinto zexabiso azizukunceda.”
Okanye “umntu ongenaThixo.”
Ngokoqobo, “oswele intliziyo.”
Okanye “uyamcaphukela.”
Ngokoqobo, “lowo unomoya othembekileyo.”
Ngokoqobo, “uyawogquma umbandela.”
Okanye “usindiso.”
Ngokoqobo, “okucaphukelayo.”
Okanye “onomtsalane.”
Okanye “onothando olungagungqiyo.”
Okanye “ihlazo.”
Ngokoqobo, “Isandla esandleni.”
Ngokoqobo, “asasaze.”
Ngokoqobo, “kutyetyiswa.”
Ngokoqobo, “onkcenkceshela abanye ngesisa.”
Okanye “ihlazo.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “akanangqondo.”
Ngokoqobo, “alalela igazi.”
Ngokoqobo, “engenasonka.”
Ngokoqobo, “uswele intliziyo.”
Ngokoqobo, “somlomo wakhe.”
Okanye “siyasamkela isiluleko.”
Okanye “kwangaloo mini.”
Ngokoqobo, “uyasogquma.”
Ngokoqobo, “ubulungisa.”
Ngokoqobo, “bangabacebisi boxolo.”
Okanye “elungiswa.”
Ngokoqobo, “somlomo wakhe.”
Okanye “amazwi akhe.”
Ngokoqobo, “uza kutyetyiswa.”
Ngokoqobo, “awakhalinyelwa.”
Ngokoqobo, “kuyavuya.”
Okanye “abacebisanayo.”
Okanye “obuphuma kwilize.”
Ngokoqobo, “ngesandla.”
Okanye “Ulindelo.”
Okanye “olicaphukelayo ilizwi.”
Okanye “Umthetho wesilumko.”
Okanye “osamkelayo isohlwayo.”
Okanye “angatshayelwa aphele.”
Okanye “ingqeqesho; isohlwayo.”
Okanye kusenokwenzeka, “umqeqesha ngokukhawuleza.”
Okanye “oneendlela ezigqwethekileyo.”
Okanye kusenokwenzeka, “ziqhatha abanye ngobudenge.”
Okanye “ziyahlekisa endaweni yokucela uxolo.”
Okanye “ukulungisa izinto.”
Okanye “ongenamava.”
Okanye “sinomsindo.”
Okanye “abangenamava.”
Okanye “iyimpilo.”
Okanye “ethantamisayo.”
Okanye “elibuhlungu.”
Okanye “Ulwimi oluphilisayo.”
Okanye “sisohlwaywa.”
Okanye “ingeniso.”
Okanye “iqatha.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “neAbhadon.”
Okanye “omohlwayayo.”
Okanye “ufuna ubuphukuphuku.”
Okanye “elungileyo.”
Okanye “esinesiphithi-phithi.”
Ngokoqobo, “eyondliwe emkhumbini.”
Okanye “oswele intliziyo.”
Okanye “kungagqugulwa.”
Ngokoqobo, “uyavuyiswa yimpendulo yomlomo wakhe.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ihlazo.”
Okanye “iyayicingisisa indlela yokuphendula.”
Okanye “Ukujongwa ngumntu encumile kuvuyisa.”
Ngokoqobo, “iyawatyebisa.”
Okanye “uyawucaphukela umphefumlo wakhe.”
Ngokoqobo, “intliziyo.”
Ngokoqobo, “Ngumntu olungisa intliziyo yakhe.”
Okanye “impendulo echanileyo.” Ngokoqobo, “impendulo yolwimi.”
Ngokoqobo, “umoya wakhe.”
Ngokoqobo, “Yiqengqele kuYehova imisebenzi yakho.”
Ngokoqobo, “Isandla esandleni.”
Okanye “esisuka kuThixo.”
Okanye “uyawuphepha.”
Ngokoqobo, “ukuba nomoya ophantsi.”
Ngokoqobo, “uza kufumana izinto ezilungileyo.”
Okanye “kamnandi.” Ngokoqobo, “ngobumnandi bemilebe yakhe.”
Okanye “Anencasa.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ngumlomo.”
Okanye “oceba amaqhinga.”
Okanye “sozuko.”
Ngokoqobo, “umoya wakhe.”
Oko kukuthi, “phezu kwempahla xa umntu ehleli phantsi.”
Okanye “ethuleyo.”
Ngokoqobo, “enemibingelelo emininzi.”
Okanye “abazali.”
Okanye “lwabantwana.”
Okanye “afanelekileyo.”
Okanye “ukungasifaneli isikhulu.”
Okanye “elivuyisayo.”
Ngokoqobo, “Owogqumayo.”
Okanye “nokuvula idama.” Ngokoqobo, “nokuvulela amanzi.”
Ngokoqobo, “singenantliziyo yokubufumana?”
Ngokoqobo, “oswele intliziyo.”
Ngokoqobo, “akazukulungelwa.”
Okanye “iyaphilisa.”
Okanye “womisa amathambo.”
Ngokoqobo, “esifubeni.”
Ngokoqobo, “Amenze krakra.”
Okanye “ukuhlawulisa.”
Ngokoqobo, “enomoya opholileyo.”
Okanye “Ubonisa ukuba uyabucaphukela.”
Okanye “anjengezinto ezibimbilizwa ngenxa yokurhala.”
Ngokoqobo, “liphakanyiswe,” oko kukuthi, lingafikeleleki.
Okanye “ukuphelelwa lithemba?”
Okanye “amgocagoce.”
Ngokoqobo, “lahlukanise abo.”
Ngokoqobo, “somlomo wakhe.”
Okanye “unqwenelelwa okuhle.”
Ngokoqobo, “ongxamayo ngeenyawo zakhe.”
Okanye “ngabantu abaphayo.”
Ngokoqobo, “intliziyo.”
Ngokoqobo, “kulungelwa.”
Ngokoqobo, “yokukugqitha.”
Okanye “ukoniwa.”
Okanye “kwengonyama entsha enesingci.”
Okanye “ohlala ekhalaza.”
Okanye “kumbuyekeza.”
Okanye “Ungakunqweneli ukufa.”
Okanye “kwengonyama entsha enesingci.”
Okanye kusenokwenzeka, “Aza kujonga ngexesha lokuvuna kodwa angafumani nto.”
Okanye “Iinjongo.” Ngokoqobo, “Amacebo.”
Ngokoqobo, “oonyana.”
Okanye “Kwanenkwenkwe.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “lomntu.”
Okanye “ayazinza.”
Okanye “Iindidi ezimbini zamatye okulinganisa.”
Okanye “indlela amele ahambe ngayo?”
Okanye “kukhuhla.”
Okanye “iinjongo.”
Okanye “alungelwe.”
Okanye kusenokwenzeka, “kwabo bazingela ukufa.”
Okanye “ohlala ekhalaza.”
Okanye “siyazi ukuba masenzeni.”
Ngokoqobo, “Nesinyobo esifubeni.”
Okanye “ohlala ekhalaza.”
Ngokoqobo, “ubimbiliza.”
Okanye “singenyuka size singene kwisixeko.”
Okanye “esenza nezinto eziziintloni!”
Ngokoqobo, “uza kuthetha ngonaphakade.”
Okanye “Ukuduma kakuhle kungcono.” Ngokoqobo, “Igama lingcono.”
Ngokoqobo, “Ukuthandwa.”
Ngokoqobo, “bayahlangabezana.”
Okanye “ahlawule.”
Okanye “Mqeqeshe umntwana; Mqeqeshe umntu osemtsha.”
Ngokoqobo, “onelihlo elinobubele.”
Okanye “nokuxoxa amatyala.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Okanye “yomntwana; yomntu osemtsha.”
Okanye “Zinqande.”
Okanye kusenokwenzeka, “Kuyeke okwakho ukuqonda.”
Okanye “komntu onelihlo elibi.”
Ngokoqobo, “ibe intliziyo yakhe ingekho kuwe.”
Ngokoqobo, “uMkhululi.”
Okanye “Mqeqeshe umntwana; Mqeqeshe umntu osemtsha.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “ngokusuka kwizintso zam.”
Okanye “Fumana.”
Ngokoqobo, “wasemzini.” Funda iMi 2:16.
Okanye “beqokelelana ukuze bangcamle.”
Okanye “Ndiza kuphinda ndifune enye iwayini.”
Okanye “Intsapho.”
Okanye “kusinda.”
Okanye “esidenge.”
Okanye “iinjongo zabantu.”
Oko kukuthi, utshaba.
Okanye “Sukwenziwa umsindo.”
Okanye “nabo bafuna utshintsho.”
Oko kukuthi, uYehova nokumkani.
Okanye kusenokwenzeka, “Ukuphendula into ecacileyo kufana nokuphuza.”
Okanye “intsapho.”
Ngokoqobo, “oswele intliziyo.”
Okanye “ngurhelejane.”
Ngokoqobo, “ndamkela uqeqesho.”
Okanye “eyakhutshelwa yaza yaqokelelwa.”
Okanye “ungadizi amahlebo abanye abantu.”
Okanye “uzijike ezo zinyeliso.”
Ngokoqobo, “ngesipho sobuxoki.”
Okanye “oluzolileyo.”
Okanye kusenokwenzeka, “oliqhophololo.”
Okanye “Nealkali.”
Ngokoqobo, “umntu okucaphukelayo ulambile.”
Oko kukuthi, ukuze ulwenze luthambe.
Okanye “ohlala ekhalaza.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “oyekelela kumntu.” Ngokoqobo, “ogxadazela phambi komntu.”
Okanye “ungalingani.”
Ngokoqobo, “osela ubundlobongela.”
Okanye “elengalengayo.”
Okanye “agxuphuleke kwingxabano.”
Okanye “anjengezinto eziginywa ngokunyoluka.”
Okanye “emilebe evuthayo.”
Okanye “Kuba yenyanyeka ngokupheleleyo intliziyo yakhe.”
Ngokoqobo, “lozala ntoni.”
Ngokoqobo, “ngumntu wasemzini.”
Ngokoqobo, “ngabasemzini.”
Okanye kusenokwenzeka, “ngokuzenzisa; ngokunyanzelwa.”
Ngokoqobo, “unyathela.”
Okanye “ebaleka.”
Okanye “ahlawule.”
Okanye “lomntu.”
Okanye “ohlala ekhalaza.”
Ngokoqobo, “ubuso bomhlobo.”
Okanye “wamakhiwane.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “neAbhadon.”
Okanye “Unjalo nomntu xa enconywa.”
Okanye “Beka intliziyo yakho kwiigusha zakho; Zihoye iigusha zakho.”
Okanye “ohlala esoyika.”
Okanye “emngxunyeni.”
Okanye “onyolukileyo.”
Okanye kusenokwenzeka, “ozenza bhetele.”
Ngokoqobo, “uza kutyetyiswa.”
Okanye “onenkani.”
Okanye “ongenakusoleka.”
Okanye kusenokwenzeka, “Kodwa ilungisa lifuna ukukhusela ubomi balo.”
Ngokoqobo, “wonke umoya waso.”
Ngokoqobo, “bayahlangabezana.”
Oko kukuthi, nguye obanike ubomi.
Okanye “ingqeqesho; ukohlwaya.”
Okanye “mbono wesiprofeto; sityhilelo.”
Okanye “afunge aze aqalekise.”
Okanye “Ukungcangcazela ngabantu.”
Okanye kusenokwenzeka, “ukuthandwa ngumlawuli.” Ngokoqobo, “ubuso bomlawuli.”
Ngokoqobo, “ophakamise.”
Okanye “ndenze kuhlaselwe.”
Ngokoqobo, “kwilindle laso.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ezindimangalisa ngeyona ndlela.”
Okanye “engathandwayo.”
Okanye “zilumke ngendlela engaqhelekanga.”
Ngokoqobo, “zisisizwana esingomelelanga.”
Okanye “zisisizwana esingenamandla.”
Okanye “zahlukaniswa ngokwamaqela.”
Okanye “Wathethelele.”
Okanye “ogqwesileyo.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ngemali ayenzileyo.” Ngokoqobo, “ngeziqhamo zezandla zakhe.”
Okanye “Ubhinqa amandla esinqeni sakhe.”
Intonga yokuluka neyokusonta zazisetyenziselwa ukunitha.
Ngokoqobo, “ngambini.”
Okanye “obupepuli.”
Okanye “impahla yangaphantsi.”
Okanye “uyalihleka.”
Okanye “Umyalelo wothando; Umthetho wothando olungagungqiyo.”
Okanye “abagqwesileyo.”
Okanye “busenokuba lilize.”
Ngokoqobo, “Mnikeni kwisiqhamo sezandla zakhe.”