Obunye Bobugcisa Obukhethekileyo BaseMadagascar
INDLELA ezibonakaliswe kakuhle ngayo iingqayi, iimbiza, neepani ezenziwe ngodogwe yatsala umdla wethu njengokuba sasihambahamba kwindawo yentengiso yaseAntsirabe kwisiqithi esilikhaya lethu saseMadagascar. Nangona zonke ezo mbiza zazimdaka ngebala, zazinamachokoza amakhulu amnyama awayebonakala ngathi atshiselwe kuzo. Ukufun’ ukwazi kwasinyanzelela ukuba sibuze inkwenkwana eselula yasemaphandleni eyayizithengisa enoba sasiqashele ngokuchanileyo kusini na.
Yathi, “Ewe, kufuneka zomiswe ngokuzitshisa ukuze ziphume zinje. Kodwa asinazo iionti zala maxesha, ezintsonkothileyo njengasezidolophini. Sisebenzisa iindlela zakudala esazifundiswa ngoobawo bethu.”
Nangona le nkwenkwana yayiphendula ngobubele imibuzo yethu engakumbi, amazwi ayo asuka nje avuselela umnqweno wethu wokubona ezi zitya neembiza zodongwe zisenziwa ngokoqobo. Ngoko sasinga kummandla osemaphandleni welo lizwe apho abantu bakhona bangababumbi abangamagcisa ekusebenzeni ngodongwe. Bonke babenobubele yaye benomoya wokubuk’ iindwendwe. Bevuyiswa kukuba abantu basezidolophini benomdla kulo msebenzi wabo, babekulungele gqitha ukusibonisa iimfihlelo zabo.
Okokuqala, safumanisa ukuba udongwe abalusebenzisayo asilodongwe luqhelekileyo kwaphela. Bathi udongwe oluqhelekileyo lwaphuka msinya xa lutshisiwe. Ngoko basebenzisa udongwe okuthiwa yitanimanga, (ngokoqobo “umhlaba oluhlaza”) olufumaneka emaphandleni kuphela nasezindongeni zemilambo okanye zemisinga. Enye inkwenkwe yasikhokelela kudonga lomnye umsinga yaza yemba emhlabeni. Kangangeesentimitha ezingama-30 ngaphantsi komhlaba, kwabonakala umhlaba ofumileyo, ongwevu—itanimanga! Noko ke, ngokuchasene negama layo, kwezinye iindawo itanimanga imnyama okanye ide ibe mthubirha. Sekunjalo, isoloko yahlukile kumhlaba oqhelekileyo obubomvurha walo mmandla mkhulu wesiqithi.
Enye indoda yasixelela ukuba ukuze ikwazi ukwenza iingqayi okanye iimbiza eziliqela, ixuba ingxowa enye yetanimanga kunye nentlabathi ethambileyo engaphantsi kancinane kwesiqingatha sengxowa, nayo ekwafumaneka ezindongeni zomlambo. Emva koko igalela amanzi ukuthambisa lo mxube. Aba maninzi kangakanani amanzi? Akulandelwa milinganiselo ithe ngqo. Ekhokelwa ngamava, umbumbi wezinto zodongwe uyeka ukugalela amanzi xa esiva ukuba umxube uxubene kakuhle—awuqinanga gqitha okanye awuthambanga gqitha.
Okulandelayo, lo mxube wodongwe, intlabathi, kunye namanzi ugalelwa phezu komhlaba ococwe kakuhle ongenamatye nangca. Emva koko umbumbi uyawuxovula ngeenyawo kangangexesha elide. Oku kuqinisekisa ukuba udongwe luxubene kakuhle nentlabathi, nto leyo engundoqo kwiingqayi okanye iimbiza ezihlala ixesha elide. Eli nqanaba libalulekileyo ekwenzeni iimbiza neengqayi zodongwe lichazwa ngamagama amaninzi kulwimi lwaseMalagasy athi: hitsahina, disahina, tehafina, volavolaina, totoina. Ukanti onke abhekisela kwinkqubo efanayo—ukuxovula ngeenyawo umxube wodongwe. Xa ababumbi beqinisekile ukuba umxube ulungile, bakulungele ukuqala ngokwenene ukwenza izinto zodongwe.
Okokuqala bahlulahlula umxube ube ngamaqhekeza angqukuva angangenqindi lakho. Ukwenza umphantsi wembiza, bathabatha iqhekeza elinye elingqukuva baze balicinezele ngomphantsi wembiza—ngokuqhelekileyo imbiza yodongwe endala yaye egugileyo—ukuvelisa ukumila kwayo. Emva kokususa le mbiza, basebenzisa elinye iqhekeza elingqukuva lodongwe baze babumbe umlebe, okanye umlomo, wembiza. Ebudeni bale nkqubo, ababumbi bakulumkele ukuba bangawuyeki lo mxube ude wome gqitha, kuba unokwaphuka ngokulula.
Iimbiza ngoku zishiywa elangeni imini yonke ukuba zome. Kusemva koku kuphela ezithi zilungele inqanaba lokugqibela: ukomiswa ngokuzitshisa. Kodwa kwanoku kwenziwa ngokwamabakala. Zonke iimbiza kunye neengqayi zifakwa iindiza namagqabi awomileyo zize zilaliswe ngamacala emhlabeni. Ezi zinto zokomisa zilunyekwa umlilo zize ziyekwe zivuthe kangangemizuzu eli-10 okanye eli-15. Oku kuqinisa kuze komeleze olu dongwe.
Emva kokutshiswa kokuqala, iimbiza zibekwa kwenye indawo eneendiza namagqabi awomileyo. Phofu ke, ngeli xesha iimbiza zibekwa ngendlela yokuba imilomo ijongane. Bandula ke ababumbi bazigqume ezi mbiza ngeendiza namagqabi awomileyo. Emva koko bajikeleza le ndawo ngomhlaba ukuze bagcine umlilo unganwenwi yaye bathintele iimbiza ukuba zingaqengqeleki. Ezi zinto zokomisa ziyaphindwa zilunyekwe umlilo zize ziyekwe zitshe ubuncinane imizuzu engama-30 okanye de umlilo uzicimele. Emva kokuba iimbiza zipholile, ziyasuswa eluthuthwini yaye zilungele ukusetyenziswa.
Ekubeni sizihlolisise ngokusondeleyo ezi mbiza, ngoku sinokuwaqonda loo machokoza amnyama kwezo mbiza. Ibizezi ndawo bezisemlilweni kanye. Imbiza nje yonke yayingumbala oqhelekileyo wodongwe olutshisiweyo—obubomvurha.
Obu bugcisa bokwenza iimbiza buye badluliselwa kwizizukulwana ngezizukulwana. Sadibana nenye indoda eyayisebenza kumzi-mveliso omkhulu wamalaphu edolophini kodwa eyayizenzela imali eyongezelelekileyo ngokwenza ize ithengise iimbiza nezitya zodongwe. Yabufunda obu bugcisa kuyise, naye, owabufunda kuyise. Yaye siqinisekile ukuba lo mfana akasayi kuliphosa ithuba lokubafundisa oku abantwana bakhe.