IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g92 4/8 iphe. 31
  • Yintoni Ethethwa Ligama?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Yintoni Ethethwa Ligama?
  • Vukani!—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Kufuneka Abasebenzi Bokuzithandela Abangakumbi Kwinkonzo YaseBheteli
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Ngaba Lo Unokuba Ngowona Msebenzi Uphambili Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Ngaba Unokuzenza Ufumaneke?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Libaluleke Ngantoni Igama?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
Khangela Okunye
Vukani!—1992
g92 4/8 iphe. 31

Yintoni Ethethwa Ligama?

NGABA uyasazi isizathu esabangela abazali bakho ukuba bakuthiye igama lakho? Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile amagama abantu ayedla ngokubonakalisa ukholo kuThixo nakumadinga akhe. Ngokomzekelo, igama elithi Abraham, uThixo awamthiya lona, lithetha ukuthi “uYise Wengxokolo (Wendimbane).” Elithi Ishmayeli lithetha ukuthi “uThixo Uyeva (Uyaphulaphula).” Kwaye elithi Yesu lithetha ukuthi “uYehova UluSindiso.”

Kumazwe aseAfrika namhlanje, ukuthiya amagama kudla ngokubonisa iinkolelo nemilinganiselo ethotyelwayo yonqulo. Ngokuqinisekileyo oku kunjalo kumaNgqina kaYehova amaninzi aseAfrika.

ENigeria elinye ibhinqa eliselula libalisa oku: “Utata wafunda inyaniso yeBhayibhile kumaNgqina kaYehova kunyaka ngaphambi kokuba ndizalwe. Kwangaloo nyaka, kwakhutshwa incwadi ethi INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade ngesiNgesi. Kamva, malunga nexesha lokuzalwa kwam, incwadi ethi INyaniso yabakho ngolwimi lwethu isiYoruba. Ngenxa yoko, utata wabona kufanelekile ukundithiya igama elithi Truth [Nyaniso].”

Enye indoda eliNgqina likaYehova ithi: “Utata waba liNgqina kunyaka ngaphambi kokuba ndizalwe. Wayesebenza kwindawo eyayilawulwa ngamaKatolika athembekileyo, yaye ngenxa yeenkolelo zakhe, waphelelwa ngumsebenzi wakhe. Xa ndazalwayo, wayengasebenzi yaye enemali encinane gqitha. Kodwa wayengadimazekanga. Wathi: ‘Ndiphelelwe ngumsebenzi ngenxa yokunyaniseka kwam kuBukumkani bukaThixo.’ Ngoko wandithiya ukuba ndinguKingdom [Bukumkani].”

Omnye umfana wathi: “Abazali bam bandithiya igama elinguIfeanyichukwu, igama lesi-Igbo.” Abo bangathethi isi-Igbo abakwazi ukulibiza eli gama, ngoko ndafuna igama elilula kunalo. Ndandifuna nokukhonza eBheteli [iofisi yesebe yasekuhlaleni yeWatch Tower Society], yaye ndandinomhlobo owayenguBethel [Ndlu kaThixo] igama lakhe. Ngoko ndacela kubazali bam ukuba igama lam libe ‘nguBethel.’ Bavuma.”

Enye indoda yaseNigeria ibalisa oku: “Abazali bam babengoovulindlela [abalungiseleli bexesha elizeleyo]. Utata wafuna ukuthiya omnye wabantwana babo ngalo msebenzi babewenza. Ndalifumana ngaloo ndlela igama elithi Pioneer [Vulindlela]. Babenethemba lokuba nam ndandiya kunandipha iintsikelelo ezityebileyo zenkonzo yexesha elizeleyo.”

Xa elinye ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova laliseCôte d’Ivoire ngoDisemba 1978, ladibana nodade owayenomntwana ogama linguVictorious Faith (Kholo Oloyisayo) ngenxa yokuba wazalwa ngexesha unina wayekwiNdibano “Yokholo Oloyisayo.”

UTruth (uNyaniso), uKingdom (uBukumkani), uBethel (uBheteli) noPioneer (uVulindlela) basebenza kwiofisi yesebe yeWatch Tower Society eNigeria. Abanye abakhonza apho ngamaNgqina anamagama anjengoBible (uBhayibhile), uWisdom (uBulumko), uChristian (uMKristu), uLove (uThando), uInnocent (uMsulwa), uGenesis noBlessing (uNtsikelelo). Bonke aba balungiseleli bangamaKristu basebenza nzima ukuze balondoloze udumo okanye igama elihle, noYehova uThixo, ezibizwe ngaye zonke iintsapho ezisezulwini nasemhlabeni.​—⁠Thelekisa amaEfese 3:​14, 15.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share