Iintlekele Zokwemvelo—Ukunceda Umntwana Wakho Ahlangabezane Nazo
IINYIKIMA, iizitshingitshane, imililo, izikhukula iinkanyamba—hayi indlela esiye singabi nakuzinceda ngayo xa sijamelene nalo msindo wendalo! Ngokufuthi abantu abakhulu bafumanisa ukuba kusenokuthabatha iminyaka ngaphambi kokuba iphele imibono eyothusayo ebangelwa yintlekele engokwemvelo. Akumangalisi ukuba, abantwana basenokufuna uncedo olongezelelekileyo ukuze bakwazi ukuhlangabezana namava anjalo.
I-U.S. Federal Emergency Management Agency (FEMA) ithi ngokukhawuleza nje emva kwentlekele, abantwana ngokuqhelekileyo baba noloyiko lokuba (1) baya kusala bengamakheswa, (2) baya kwahlukaniswa nentsapho, (3) esi siganeko siya kwenzeka kwakhona, yaye (4) uthile uya kwenzakala okanye afe. Yintoni wena onokuyenza njengomzali ukunciphisa ukuxhalaba komntwana wakho emva kwentlekele? I-FEMA inikela la macebiso.a
Zama ukuyigcina indawonye intsapho. Ukuhlala ndawonye kumnika isiqinisekiso umntwana wakho yaye kuphelisa uloyiko lwakhe lokushiywa yedwa. Kulunge ngakumbi ukuba ungabashiyi abantwana nezalamane okanye abahlobo okanye kwindawo engenabantu ngoxa ufuna uncedo. I-FEMA ithi: “Abantwana bayanxunguphala, yaye baba nexhala lokuba abazali abasayi kubuya.” Ukuba kukho indawo ofanele uye kuyo, hamba nomntwana wakho ukuba oko kunokwenzeka. Ngaloo ndlela “akunakufane kwenzeke ukuba umntwana wakho asoloko ekufuna.”
Zinike ixesha lokucacisa le meko ngokuzolileyo nangenkalipho. Mxelele umntwana wakho ngoko ukwaziyo ngale ntlekele. Ukuba kuyimfuneko, yiphinde inkcazelo yakho izihlandlo ezininzi. Mchazele ngokuya kulandela. Ngokomzekelo, usenokuthi, ‘Ngokuhlwanje siza kuhlala sonke endlwini.’ Thetha nabantwana usondele kubo, uguqe ngamadolo ukuba kuyimfuneko.
Mkhuthaze umntwana wakho ukuba athethe. I-FEMA ibonisa ukuba: “Unxibelelwano lunceda kakhulu ekunciphiseni ukuxhalaba komntwana.” Kuphulaphule oko mntwana ngamnye akuxelela kona ngale ntlekele nangoko akoyikayo. (Thelekisa uYakobi 1:19.) Mxelele ukuba kuyinto eqhelekileyo ukoyika. Ukuba umntwana wakho ubonakala emadolw’ anzima ukuthetha, mxelele ukuba nawe uyoyika. Ukwenza oko kunokwenza kube lula ngaye ukuvakalisa uloyiko analo, ngaloo ndlela kunciphisa inkxalabo yakhe. (Thelekisa IMizekeliso 12:25.) “Ukuba kunokwenzeka, quka intsapho yonke kule ngxubusho.”
Baquke abantwana kumsebenzi wokucoca. Xa ucoca yaye ulungisa indlu, yabela abantwana eyabo imisetyenzana. “Ukuba nomsebenzi kuya kubanceda baqonde ukuba yonke into iza kulunga.” Noko ke, umntwana omncinane usoloko efuna ingqalelo ekhethekileyo. I-FEMA icacisa isithi: “Umntwana onjalo ufuna ukunyanyekelwa ngakumbi ngokwasemzimbeni, nokusoloko ebanjiwe; yaye oku kwenza kube nzima ngabazali ukwenza ezinye izinto ezimele zenziwe. Ngelishwa, akukho ndlela-lula. Ukuba iimfuno zalo mntwana azaneliswa, le ngxaki iya kuhlala ithuba elide.”
Kukho enye ingongoma yokugqibela efanelwe ikhunjulwe. I-FEMA icebisa abazali isithi: “Ekugqibeleni, umele wenze isigqibo ngokona kubalungeleyo abantwana bakho.” Ukusebenzisa olu khokelo kunokukunceda ekusebenzeleni ukuba uphumelele kumaxesha obunzima.
[Umbhalo osemazantsi]
a Athatyathwe kwimpapasho ethi Helping Children Cope With Disaster nethi Coping With Children’s Reactions to Hurricanes and Other Disasters, ezipapashwe yiFEMA.