“Ndiyanibulela Ngokundifundisa NgoBawo Onothando”
● Intombazana eneminyaka eli-19 ubudala yasemazantsi eUnited States yabhala yathi: “Ndikhulele kwintspho ehamba icawa yaye uKristu ndimazi njengoMsindisi wam. Sekunjalo, kangangeminyaka bendikade ndiwoyika umgwebo kaThixo, wokutshiswa esihogweni. Kodwa ndaqalisa ukufunda incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
“Emva kokufunda izahluko nje ezimbalwa, ndaziva ndiseluxolweni. Kwatsho kwathi xibilili. Ngoku uYehova ndimazi njengoThixo onothando, ububele nenceba. Ufuna ndibe nobuhlobo naye obungasekelwanga ekumoyikeni ngendlela engafanelekanga. Kule Cawa izayo ndiceba ukuya kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova! Ndikujonge ngamehlo abomvu ukuya apho. Ndiyanibulela ngokundifundisa ngoBawo onothando nongazange adale isihogo somlilo.”
Incwadi ethi Okufundiswa YiBhayibhile ixubusha neminye imixholo ebalulekileyo. Iquka imeko yabafi, ithemba lovuko, indlela yokuphucula ubomi bentsapho, ukuba ngubani uThixo noYesu Kristu nesizathu sokuba uThixo avumele ukubandezeleka. Unokuzicelela ikopi yayo ngokuzalisa eli phetshana lingezantsi uze ulithumele kwiadresi elapha okanye efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi.
□ Ndicela nindithumelele le ncwadi iboniswe apha.
□ Ndicela niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sesisa.