‘Izinto Zangaphambili Aziyi Kuthi Qatha Entliziyweni’
UMdali Wethu uye wakutyhila oko aza kukwenza kungekudala. Uthi:
“Kuba yabona, ndidala amazulu amatsha nomhlaba omtsha; kwaye izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha ezintliziyweni.”—ISAYA 65:17.
Ziintoni ezi ‘zinto zangaphambili’ zingayi ‘kuthi qatha entliziyweni’? Umongo ubonisa ukuba kokungekho sesikweni, ukugula, ukubandezeleka nezinye izinto ezibuhlungu ezehlela uluntu. Ziya kuphela njani ezo zinto? Impendulo inokuthanani nala ‘mazulu matsha’ ‘nomhlaba omtsha’ ekwathethwa ngawo.
Loo mabinzana nentsingiselo yawo aya kucaciswa kwintetho yesidlangalala enomxholo othi, ‘Izinto Zangaphambili Aziyi Kunyuka Zithi Qatha Entliziyweni.’ Le ntetho iza kunikelwa kwiNdibano Yesithili YamaNgqina KaYehova ‘Yokulondoloza Intliziyo!’ eza kuqalisa ngoMeyi eUnited States ize iqhubeke ehlabathini lonke.
Uyamenywa ukuba ubekho kwindibano eza kuqhutyelwa kwindawo ekufutshane nawe. Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi sicela ubuze amaNgqina kaYehova kwindawo ohlala kuyo okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi. IWebhusayithi ethi www.pr418.com inoludwe lwazo zonke iindawo nemihla yezi ndibano.