IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 5/15 iphe. 3
  • Ikamva Lakho Ngubani Onokulixela Kwangaphambili?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ikamva Lakho Ngubani Onokulixela Kwangaphambili?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukhokelo Olunokuthenjwa Ngekamva
    Vukani!—2002
  • Ukho Na Umntu Onokulazi Ikamva?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
  • Ngubani Onokulazi Ikamva?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Bayanyanisa, Baphinde Babhideke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova 2014
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 5/15 iphe. 3

Ikamva Lakho Ngubani Onokulixela Kwangaphambili?

UKWENZA imigudu yokulixela kwangaphambili ikamva kulula. Kodwa ukuchana ekwenzeni oko akuyondlwan’ iyanetha. Kuba luqheliselo olulilize xa izinto ezixelwe kwangaphambili zisiba njengesikhuni sibuya nomkhwezeli, njengoko imizekelo ekumhlathi ongasekhohlo ibonisa ngokucacileyo.

Ukususela kumaxesha amandulo, umntu uzamile ukuphanda ngoko ikamva likufumbathileyo. Nanamhlanje, uninzi lwethu luye lwanomnqweno wokufun’ ukwazi ngengomso. Oku kufunwa koIwazi olungeziganeko eziza kuhla kuye kwakhokelela umntu ukuba alinge iindlela ezininzi. Ngokomzekelo, kumzimba womntu kuye kwahlolisiswa iimpawu zobuso, ukumila kwamathambo entloko, nemigca esentendeni yesandla ukuze abantu babe nofifi ngekamva. Umntu ufundisise izilwanyana—imikhwana eyenziwa ziimpuku okanye iinyoka, ukubhabha kweentaka, kwanendlela umqhagi oxholaxhola ngayo iinkozo zengqolowa ezisebaleni. Bambi basebenzise izinto ezinjengebhola ebumkhenkce, amakhadi okudlala, amadayisi, amagqabi eti okanye ikofu eyintlenge. Ubuchule bokwenza oku bahlukahlukene njengoko abantu benjalo, amasiko, namathuba amaxesha, kodwa imiphumo yako konke iyafana: yekatyayo.

Kanti, kukho Lowo unokulixela kwangaphambili ngokuchanileyo ikamva. Ungubani lowo? NguYehova uThixo. UYehova ungobalaseleyo kuba yena ‘ungokuxelayo kwasekuqaleni okungasemva.’ Nakubeni iziganeko zingekazaliseki okwangoku, uThixo unokuxela kwangaphambili oko incopho iya kuba kuko. Ewe, uYehova unokutyhila oko ikamva likuko phambi koluntu kungekuko nje imihla embalwa ngaphambili kodwa kwiinkulungwane ngaphambi kwexesha lalo!—Isaya 46:10.

Ngoko ke, ukuphanda ulwazi lwekamva akufanele kuphelele kwinto elilize nje. ILizwi likaThixo, iBhayibhile, lisandlalele ezona nkalo zibalulekileyo. Kanye kanye yintoni eliyibonisayo egcinelwe uluntu?

[Imifanekiso ekwiphepha 3]

“Oomatshini ababhabhayo ababunzima bungaphezu kobomoya abanakubhabha emoyeni.”—ULord Kelvin, oyingcali yemathemathika, isazinzulu saseBritani nonguMongameli woMbutho Wasebukhosini WaseBritani, malunga nowe-1895.a

[Umbhalo osemazantsi]

a Ezi zicatshulwa ziphuma kwincwadi ethi The Experts Speak, nguChristopher Cerf no Victor Navasky.

Ukuba siza kuqala ukuzama ukuqonda ngobomi ngendlela obuya kuba yiyo ngowe-1960, kufuneka kuqala sazi ukuba ukutya, impahla nekhusi ziya kuxabisa phantsi gqitha.”—uJohn Langdon-Davies, unondaba waseBritani noliLungu Leziko Eliphanda Ngabantu Basebukhosini, ngowe-1936

“Obu bobona budenge sakha sabenza. . . . Ibhombu ayinakuze idubule, kwaye ndithetha njengengcali kwiziqhushumbisi.”—UWilliam Leahy, oyiAdmiral ecebisa uMongameli Harry Truman waseUnited States kwiphulo laseUnited States lokuveliswa kwebhombu yeathom, ngowe-1945.

[Inkcazelo]

NgoweU.S. National Archives

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share