Amabali EBhayibhile Anomtsalane Ebantwaneni
Ilungu lebandla lamaProtestanti ePuerto Rico labhalela iWatch Tower Society lisithi: “Ndifundisa abantwana kwisikolo seBhayibhile. Ebudeni bonyaka ophelileyo, ndehlelwa kokulandelayo.
“Iincwadi endandizisebenzisa ukufundisa abantwana imbali yeBhayibhile zazigqityiwe, ngoko ndazibuza oku: ‘Ndenze ntoni ngoku?’ Njengoko ndandikhangela ezishelufini kwigumbi lam apho ndineencwadi ezimalunga nekhulu, ndabona emthubi enomxholo othi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. Ndagqiba kwelokuba ndiyisebenzise le ncwadi.
“Ndayivuthulula uthuli ndaza ndaqalisa ukuyisebenzisa Cawa nganye ekufundiseni kwam. Abantwana bayivuyela le ncwadi, yaye ngaphambi kokuba sigqibe isahluko esinye baba sele befuna ukuqalisa esinye. Umphumo waba kukuba: ‘Wathi uphela unyaka, sabe siyigqibile le ncwadi. Abantwana babeyivuyela gqitha, yaye ndinombulelo ongazenzisiyo. Iyincwadi entle ngokwenene, ecacileyo nehlab’ emxholweni.”
Sivakalelwa kukuba nawe uya kuyixabisa le mpapasho inemifanekiso emihle, ebhalwe ngamagama amakhulu. Ingxelo engeziganeko zayo zeBhayibhile ezili-116 inika umfundi ingcamango yoko iBhayibhile ingako. La mabali avela ngokulandelelana kokwenzeka kweziganeko. Uya kukufumanisa oku kuluncedo ngokwenene ekufumaniseni ixesha ezenzeka ngalo izinto, xa zithelekiswa nezinye iziganeko. Ukuba ungathanda ukufumana le ncwadi ixabisekileyo inamaphepha angama-256, nceda uzalise uze uthumele eli phetshana lilandelayo.
Ndingathanda ukufumana incwadi enoqweqwe olulukhuni ethi Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile. (Ngaphandle koMzantsi Afrika, bhalela isebe lasekuhlaleni leWatch Tower ukuze ufumane inkcazelo. Bona iphepha 2.)