Ukufuna Ubutyebi Obufihlakeleyo
NGOWE-1848 kwafunyanwa igolide eSutter’s Mill eKhalifoniya, eUnited States. Ngowe-1849 amawaka abantu ahlanganisana kulo mmandla ngethemba lokuba ayeza kuba zizityebi ngokukhawuleza, yaye elona phulo likhulu kwimbali yaseUnited States lokuya kwiindawo ekufunyanwa kuzo igolide laliqhubeka. Kwisithuba esingangonyaka, izibuko elikufutshane, iSan Francisco, idolophana encinane yakhula yaba sisixeko sabantu abangama-25 000. Ithemba lobutyebi bephanyazo langqineka lingowona mgibe unamandla.
UKumkani uSolomon woSirayeli wamandulo wayeyazi indlela amadoda anamandla ayebumba ngayo ubutyebi obufihlakeleyo, yaye wayebhekisela koku xa wabhala oku: “Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, walisa ekuqondeni ilizwi lakho; ukuba uthe wabufuna njengesilivere, wabumba njengobutyebi obuselelweyo; uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, ukufumane ukumazi uThixo.”—IMizekeliso 2:3-5.
Unokwenza izinto ezininzi ngegolide nesilivere, kodwa unokwenza okungakumbi ngokuqonda nangengqiqo. Ezi zinto ziya kukunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo, ucombulule iingxaki, uphumelele emtshatweni uze ufumane ulonwabo. (IMizekeliso 2:11, 12) Ngokufanayo, ulwazi nobulumko bokwenene buya kukunceda umazi uMdali wakho, uqonde iinjongo zakhe, yaye umthobele uze umkholise. Igolide ayinakukunika nanye kwezi zinto.
Amazwi eBhayibhile ayinyaniso xa esithi: “Ubulumko bungumthunzi njengoko imali ingumthunzi, kodwa ingenelo yolwazi yile: ubulumko buya bulondoloza ubomi balowo unabo.” (INtshumayeli 7:12, New International Version) Ngoxa abaninzi bephupha ngokuba zizityebi ngokukhawuleza, hayi indlela ekububulumko ngakumbi ngayo ukuvula iBhayibhile uze umbe ingqiqo, ukuqonda, ulwazi nobulumko zinto ezo ezibubutyebi bokwenene.