Ukuzaliseka Kwesiprofeto SeBhayibhile
KWI-IMPERIAL WAR MUSEUM yaseLondon, eNgilani, kukho iwotshi ekhethekileyo nomatshini wokubala we-elektroniki. Njengoko le wotshi ihamba, lo matshini wokubala wenza isandi esithile rhoqo kudlula imizuzwana esisi-3,31. Ngalo lonke ixesha usenza eso sandi wongezelela elinye inani kwisimbuku. Isandi ngasinye, inani ngalinye, limela indoda, umfazi okanye umntwana oye wabulawa yimfazwe kule nkulungwane.
Lo matshini wokubala waqalisa ukubala ngoJuni we-1989 yaye kulindeleke ukuba ugqibe ukubala ezinzulwini zobusuku obandulela unyaka wama-2000. Ngelo xesha inani elikulo matshini wokubala liya kube lilikhulu lezigidi—inani eliqikelelwayo labantu abafe ngenxa yemfazwe ukutyhubela inkulungwane yama-20.
Malunga neminyaka engama-2 000 eyadlulayo, uYesu Kristu waxela kwangaphambili ngexesha elaliya kuphawulwa kukuba ‘uhlanga luvukelane nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.’ Ngokufanelekileyo ngoko, amaNgqina kaYehova kudala eshumayela ukuba iimfazwe ezitshabalalisayo zale nkulungwane, kunye neenyikima zomhlaba ezininzi, iindyikitya zokufa, ukunqongophala kokutya nezinye izinto, zizonke zinikela ubungqina bokuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’—ixesha elaliya kufika emva kokumiselwa kukaKristu njengoKumkani ezulwini ngonyaka we-1914.—Luka 21:10, 11; 2 Timoti 3:1.
Isebenzisa iBhayibhile njengegunya layo, IMboniselo ivakalisa iindaba ezilungileyo zokuba kungekudala uBukumkani bukaThixo buya kutshabalalisa abantu abacinezela abanye buze buguqule umhlaba ube yiparadisi. Kuya kwenzeka ntoni kwimfazwe? IBhayibhile ithi: “Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova; owenze iziphanziso ehlabathini; ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi; waphula isaphetha, angqumze umkhonto, atshise iinqwelo zokulwa ngomlilo.”—INdumiso 46:8, 9.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]
Clock: By Courtesy of the Imperial War Museum