IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 10/15 iphe. 32
  • “UYehova Uyiphendule Imithandazo Yam!”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “UYehova Uyiphendule Imithandazo Yam!”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 10/15 iphe. 32

“UYehova Uyiphendule Imithandazo Yam!”

EHLABATHINI lonke, amaNgqina kaYehova aqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezimalunga nezigidi ezihlanu nabantu abanomdla wokufumana ulwazi oluchanileyo ngoThixo nangenjongo yakhe emangalisayo ngoluntu. Kwanabantwana bamaNgqina kaYehova banesabelo kulo msebenzi. Ngokomzekelo, cinga ngenkwenkwe egama linguJoel. Yafuzisela uzahlulelo lwayo kuYehova yaza yabhaptizwa ineminyaka esithoba ubudala. Emva konyaka yabhala la mava:

“Xa ndandikubulungiseleli, ndadibana nebhinqa eligama linguCandy. Ndalihambisela incwadana enemifanekiso ethi ‘Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha.’ Lalisele linayo, ngoko ndalihambisela incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni. Nayo lalinayo. Ngoko ndacinga, ‘Ndiza kucela ukuliqhubela isifundo seBhayibhile eli bhinqa.’ Lasamkela!

“UdadeboCandy, owayenomhlaza, weza kuhlala naye. Ukongezelela, uCandy wayefundela ukuba ngumongikazi. Ngoko kangangexesha elithile, isifundo seBhayibhile sanqumama. Kodwa mna nabazali bam saqhubeka sinxibelelana naye ngokushiya amaphephancwadi kuye okanye kumyeni wakhe, uDick. Wasixelela ukuba wayewagcina ecaleni kwebhedi yakhe loo maphephancwadi ibe wayewafunda ebusuku.

“Ekugqibeleni, udadeboCandy wafa. Mna noTata noMama sathetha noCandy ngemeko yabafi. Wagqiba kwelokuba aqalise isifundo sakhe seBhayibhile kwakhona. Ngenye imini, sabuza uDick ukuba wayenokuthanda ukufundisisa noCandy ukuze ibe sisifundo sentsapho. Wathi licebo elihle elo. Ngoku, mna noTata, siqhuba isifundo noDick noCandy. Benza inkqubela encomekayo yaye babonakalisa uxabiso ngesifundo seBhayibhile.

“Bendithandazela ukuba nesifundo seBhayibhile, ibe uYehova uyiphendule imithandazo yam!”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share