Isibane Sokukukhokelela Kwindlela Yobomi
“NDIYAZI, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” (Yeremiya 10:23) Ngala mazwi umprofeti uYeremiya wabonisa ukuba abantu abanakuphumelela lula kwindlela yobomi ngaphandle koncedo. Lunokufumaneka phi olo ncedo? Umdumisi uyaphendula kumthandazo wakhe kuYehova uThixo xa esithi: “Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, likukukhanya emendweni wam.”—INdumiso 119:105.
Abo bafundisisa iLizwi likaThixo, iBhayibhile Engcwele, baze basebenzise oko ikutshoyo baya kuba njengomntu oqalisa uhambo ekuseni. Ekuqaleni, usenokungaboni kakuhle kuba kumnyama. Kodwa njengokuba ilanga liqalisa ukuphuma, uya ebona ngakumbi. Ekugqibeleni, ilanga lide liphume ngokupheleleyo. Ubona yonke into ngokucacileyo. Umzekelo ololu hlobo ukhumbuza ingqondo umzekeliso weBhayibhile othi: “Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, okuya kubamhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.”—IMizekeliso 4:18.
Kuthekani ngabo bangalwamkeliyo ukhokelo lukaThixo? IBhayibhile ithi: “Indlela yabangendawo injengesithokothoko; abayazi into abakhubeka kuyo.” (IMizekeliso 4:19) Ewe, abangendawo banjengendoda ekhubeka ebumnyameni. Kwanempumelelo yabo yeyokwexeshana, kuba “akukho bulumko, akukho ngqondo, akukho cebo malungana noYehova.”—IMizekeliso 21:30.
Ngoko ke, landela ukhokelo lweLizwi likaThixo, iBhayibhile. Ukuba wenjenjalo, uya kuwafumanisa eyinyaniso amazwi eMizekeliso 3:5, 6 athi: “Kholosa ngoYehova ngentliziyo yakho yonke, ungayami okwakho ukuqonda. Uze umazi ezindleleni zakho zonke; wowulungelelanisa umendo wakho.”