IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w99 1/15 iphe. 3-4
  • Ukumanyana Ekuphileni Ngeyona Ndlela Ilungileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukumanyana Ekuphileni Ngeyona Ndlela Ilungileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
  • Amanqaku Afanayo
  • Intsapho KaYehova Inandipha Umanyano Oluxabisekileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • Unqulo Lokwenyaniso Lubonakala Ngomanyano
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Umanyano Lokwenene LwamaKristu—Njani?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
  • Ukumanyana Konqulo—Kuthetha Ntoni Kweli Xesha Lethu?
    Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
w99 1/15 iphe. 3-4

Ukumanyana Ekuphileni Ngeyona Ndlela Ilungileyo

Ukuba abantu baqhubeka besanda apha emhlabeni, kungekudala baza kufikelela kumawaka amathandathu ezigidi. Nangona bonke benokhokho omnye, inkoliso yabo iyikhanyela ilale ngomhlana into yokuba iyinxalenye yentsapho esehlabathini lonke esezimfefeni zoMdali olumkileyo nonothando. Iiyantlukwano neemfazwe eziphakathi kwezizwe, iintlanga namaqela abantu zibudandalazisa elubala ubunyaniso bale meko ilusizi.

NGENXA yeemeko ezigquba ehlabathini namhlanje, ukumanyana kwehlabathi kusenokubonakala kuyinto engasoze yenzeke. IThe Columbia History of the World ithi: “Xa kufikwa kumbandela ongundoqo ophathelele indlela abantu abanokuhlalisana ngayo, akukho nokuba libe linye iqhinga elitsha eliveliswe lihlabathi lanamhlanje, nokuba libe linye.”

Noko ke, ukumanyanisa abemi bomhlaba wonke akufuni qhinga litsha. Indlela esinge kumanyano yalathiwe kwiZibhalo Ezingcwele. Isekelwe kunqulo lwaLowo wadala umhlaba nayo yonke into ephila kuwo. Sithethanje abantu bakaThixo bamanyene ngeengcamango, ngenjongo nangendlela yokuphila. Ekubeni bebalwa kwizigidi ezingaphezu kwezihlanu ezinesiqingatha kumazwe angama-233, bamanyene kwisigqibo sabo sokuba ukuphila ngendlela kaThixo kuyeyona ndlela ilungileyo. Njengomdumisi, bayathandaza besithi: “Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, ndihambe ngenyaniso yakho; yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.”​—⁠INdumiso 86:⁠11.

Oku kumanyana kwabantu kunqulo olunyulu kwaprofetwa kwamhlamnene ngumprofeti uIsaya. Wabhala: “Kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba, izongamele iinduli, zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga. Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe.”​—⁠Isaya 2:​2, 3.

Umanyano lwamaNgqina kaYehova lwahlukile. Kumabandla angaphezu kwama-87 000 ehlabathini lonke, atya ukutya kokomoya okufanayo kwiintlanganiso zawo zeeveki ngeeveki. (Mateyu 24:​45-47) Noko ke, ukususela phakathi kowe-1998 ukuya kutsho ebutsheni bowe-1999, amaNgqina aye abonakalisa umanyano lwawo ngenye indlela​—⁠ngokuhlanganisana kwiiNdibano zawo zeentsuku ezintathu “Zokuphila Ngendlela KaThixo” ehlabathini lonke. Kumazwe ali-13, ezi ndibano beziquka amaqela eendwendwe abesuka kumazwe ahlukahlukeneyo ibe bezibizwa ngokuba ziindibano zezizwe ngezizwe. Ezinye bezibizwa ngokuba ziindibano zesithili. Kodwa ke zonke ezi ndibano bezinocwangciso olufanayo lwezinto ezilungileyo zokomoya.

Hayi indlela ebekuluyolo ngayo ukubona iindwendwe ezonwabileyo nebezinxibe kakuhle zithontelana kwiiholo nakumabala emidlalo zize kufundiswa nguYehova! Ngokomzekelo, olunye undwendwe olwaluye kwindibano eyayiseMichigan, eUnited States lwachaza indlela olwaluvakalelwa ngayo. Lwathi: “Indlela ebekumnandi ngayo ukubona abazalwana bethu abasuka kulo lonke ihlabathi​—⁠kwiCzech Republic, eBarbados, eNigeria, eHungary, eNgilani, eHolani, e-Ethiopia, eKenya nakwamanye amazwe amaninzi​—⁠besangana! Kwakuyinto ebukekayo ukubona abazalwana behleli kunye ngomanyano, beyengezelisa iinyembezi zovuyo ngenxa yothando abanalo omnye ngomnye nangoThixo wabo omkhulu, uYehova.” Inqaku elilandelayo liza kuxubusha ngocwangciso lwendibano obeluphulaphulwe zizigidi emhlabeni wonke.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]

Mountain High Maps® Copyright © 1997 Digital Wisdom, Inc.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share