“Mhla Ndatyelela KwiHolo YoBukumkani”
ULaura,a umfundi wakwanokholeji, wabelwa ukuba aye kwinkonzo yonqulo aze abhale ingxelo ngezinto azibonileyo apho. Wakhetha ukuya kumaNgqina kaYehova, ibe umxholo wesincoko sakhe wawusithi “Mhla Ndatyelela KwiHolo YoBukumkani.” Yintoni uLaura awafumanisa ukuba yahlukile kumaNgqina? Phakathi kwezinye izinto wakhankanya ezi zilandelayo.
Abantwana: “Bonke abantwana babehleli gumbini linye nabantu abakhulu. Kuzo zonke iicawa endikhe ndaya kuzo, abantwana bayabashiya abazali baze baye kwiSikolo seCawa.”
Imvisiswano phakathi kweentlanga: “Ngokuqhelekileyo, iicawa zidla ngokuba nomtsalane kubantu bohlanga oluthile okanye besizwe esithile. . . . Ukanti, onke amaNgqina kaYehova ahlala kunye kwaye akabi ziziqhu ezahlukeneyo.”
Umoya wokwamkela abantu: “Baninzi abantu abeza kuncokola nam. . . . Abanye bada bandibuza enoba ukho umntu endifundisisa naye iBhayibhile kusini na. Sekunjalo, andizange ndizive ndinyanzelwa. . . . Isigqibo basishiyela kum.”
Akukho nkongozelo: “Into eye yandishiya ndibambe ongezantsi yeyokuba kwakungekho mntu uqokelela iminikelo. . . . Iicawa endikhe ndaya kuzo zaziqokelela iminikelo nasebantwaneni.”
Ehlabathini lonke kukho amabandla amaNgqina kaYehova amalunga nama-90 000. Kutheni ungakhe utyelele elona likufutshane nawe?
[Umbhalo osemazantsi]
a Igama litshintshiwe.