Isifundo SeBhayibhile—Ngaba Siyingenelo Ebomini Bakho?
“INGAFUNDWA engekho umfundisi.” Esi sisilumkiso esibonakala ekuqaleni kwezinye iiBhayibhile zabantu abangamaKatolika. UKay Murdy weCatholic Bible Institute eLos Angeles uthi: “NjengamaKatolika besingasoloko siyiphengulula iBhayibhile, kodwa oku kuyatshintsha. Xa amaKatolika eqonda indlela iZibhalo Ezingcwele ezibuchaphazela ngayo ubomi bawo, aziva eyilambele yaye eyinxanelwe iBhayibhile.”
Ngokuphathelele olu tshintsho, iphephancwadi iU.S. Catholic licaphula omnye umlungelelanisi wemfundo yonqulo owathi amaKatolika aqalisa izifundo zeBhayibhile avakalelwa kukuba “avinjwe okuthile njengamaKatolika, yaye buninzi ubutyebi eBhayibhileni. Afuna ukufumana obunye bobo butyebi avakalelwa kukuba aphoswe bubo.”
Nokuba oku kunjalo okanye akunjalo, bubuphi “ubutyebi” obunokufunyanwa ngumfundi weBhayibhile? Khawucinge ngoku: Ngaba uyafuna ukwazi indlela yokujamelana namaxhala obomi bemihla ngemihla? Unokululondoloza njani uxolo entsatsheni? Kutheni abantu bekrwada yaye benolunya kangaka? Yintoni ebangela ukuba abantu abaselula babe nogonyamelo kangaka namhlanje? Iimpendulo ezichanileyo kule mibuzo neminye edidayo ziyafumaneka eLizwini likaThixo, iBhayibhile, yaye zingaba ‘bubutyebi’ bokwenene, kungekuphela nje kumaKatolika okanye amaProtestanti kodwa nakumaBhuda, amaHindu, amaSilamsi, amaShinto kunye nakubantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo okanye abo bakholelwa ukuba akanakwaziwa. Njengoko umdumisi esithi, ‘Ilizwi likaThixo lisisibane elunyaweni lwakhe, nokukhanya endleleni yakhe.’ Linganjalo nakuwe.—INdumiso 119:105.