Xa Kububulumko Ukusaba
NGOKUFUTHI ihlabathi lanamhlanje laziwa ngokuba nomoya wokuba ngamadela-ngozi nokuba neengxwabangxwaba okanye iimeko ezilingayo. Umntu osabayo kwimeko enjalo ngokuqhelekileyo ugqalwa njengetyutyusi okanye igwala. Usenokude agculelwe.
Noko ke, iBhayibhile ikwenza kucace ukuba kukho amaxesha xa ukusaba kububulumko yaye kubonakalisa inkalipho. Ebethelela le ngongoma, ngaphambi kokuthuma abafundi bakhe kubulungiseleli, uYesu Kristu wabaxelela oku: “Xa benitshutshisa kwesinye isixeko, sabelani kwesinye.” (Mateyu 10:23) Ewe, abafundi bakaYesu babefanele bazame ukubabaleka abatshutshisi babo. Babengafanele babandakanyeke nakwintoni na efana nemfazwe yomnqamlezo, bezama ukuguqula abanye ngokubanyanzela. Babenesigidimi soxolo. (Mateyu 10:11-14; IZenzo 10:34-37) Ngoko kunokuba abe nomsindo, amaKristu ayemele ukusaba, asuke kubantu ababacaphukisayo. Ngale ndlela, ayehlala enesazela esihle yaye enolwalamano oluxabisekileyo noYehova.—2 Korinte 4:1, 2.
Umzekelo owahlukileyo koku ufumaneka kwincwadi yeBhayibhile yeMizekeliso. Isixelela ngendoda eselula eyathi, kunokuba isabe xa ijamelene nesilingo, yalandela ihenyukazi “njengenkunzi yenkomo isiya ekuxhelweni.” Waba yintoni umphumo? Waba yintlekele ngenxa yokuwela kwisilingo esasichaphazela ubomi bayo.—IMizekeliso 7:5-8, 21-23.
Kuthekani ukuba ujamelana nesilingo sokuziphatha okubi ngokwesini okanye ujamelana nenye imeko esenokuba yingozi? Ngokutsho kweLizwi likaThixo, isenzo esifanelekileyo kukusaba, usuke kuloo ndawo ngoko nangoko.—IMizekeliso 4:14, 15; 1 Korinte 6:18; 2 Timoti 2:22.