IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 5/1 iphe. 32
  • Ngaba Uyazibala Iindleko?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyazibala Iindleko?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 5/1 iphe. 32

Ngaba Uyazibala Iindleko?

UYESU KRISTU wathembisa abafundi bakhe ubomi obungunaphakade, kodwa wababongoza ukuba bazibale iindleko zokuba ngumKristu. Wayizekelisa le ngongoma ngokubuza: “Ngubani na kuni othi efuna ukwakha inqaba angahlali phantsi kuqala, abale indleko, ukuze abone ukuba unokwaneleyo kusini na kokuyigqiba?” (Luka 14:28) Ziziphi ezi ndleko uYesu wayethetha ngazo?

Onke amaKristu ajamelana neengxaki—ezinye zinkulu. (INdumiso 34:19; Mateyu 10:36) Ngoko ke, sifanele silungise iingqondo zethu size sixhobe ngokomoya ukuze singothuki xa sijamelena nenkcaso okanye ezinye iingxaki. Simele ukuba sele siluqondile ucelomngeni oluziindleko zokuba ngumfundi kaKristu, sazi ukuba umvuzo—ukusinda kwisono nokufa—uxabiseke ngaphezu kwayo nantoni na esinokuyifumana kule nkqubo ikhoyo. Ewe, akukho nanye kwizinto uThixo azivumelayo—kwanokufa—enokusenzakalisa ngokusisigxina ukuba siqhubeka simkhonza.—2 Korinte 4:16-18; Filipi 3:8.

Ukholo lwethu lunokomelela njani ngolo hlobo? Lunokomelela sihlandlo ngasinye sisenza isigqibo esifanelekileyo, siyimela ngokuqinileyo imigaqo yobuKristu, okanye sisenza into evisisana nokuthanda kukaThixo—ingakumbi xa siphantsi kwengcinezelo yokwenza okuchasene noko. Xa sisikelelwa nguYehova ngenxa yekhondo lethu lokuthembeka, ukholo lwethu luyomelezwa yaye luba nzulu. Ngaloo ndlela, silandela umzekelo kaYesu, owabafundi bakhe bokuqala, nowamadoda namabhinqa okholo awathi ukutyhubela iminyaka ‘azibala kakuhle iindleko’ zokukhonza uThixo.—Marko 1:16-20; Hebhere 11:4, 7, 17, 24, 25, 32-38.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share