IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w02 7/1 iphe. 32
  • Kuphephe Ukukhohliseka

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuphephe Ukukhohliseka
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
w02 7/1 iphe. 32

Kuphephe Ukukhohliseka

UKUKHOHLISA kudala kukho. Esinye seziganeko zokuqala embalini yayisisenzo sokukhohlisa. Oko kwenzeka xa uSathana wakhohlisa uEva kumyezo wase-Eden.—Genesis 3:13; 1 Timoti 2:14.

Nangona ukususela ngoko kungazange kubekho ixesha ekwancipha ngalo ukukhohlisa emhlabeni, kuxhaphake ngokugqith’ emgceni namhlanje. IBhayibhile ilumkisa ngoko kwakuya kwenzeka kule mihla yethu, yathi: “Abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.”—2 Timoti 3:13.

Abantu bakhohliswa ngezizathu ezahlukahlukeneyo. Abakhohlisi bakhohlisa abanye ukuze bathabathe imali yabo. Bambi abezobupolitika bakhohlisa abo babavotelayo bezimisele ukuhlala besesikhundleni nokuba sekumnyam’ emntla. Abantu nabo bayazikhohlisa. Kunokuba bajamelane neenyaniso enoba abazithandi, baye bazidyobha intshongo emehlweni besithi akukho nto imbi ekwenzeni izinto eziyingozi, njengokutshaya, ukusebenzisa kakubi iziyobisi okanye ukuziphatha kakubi ngokwesini.

Kwakhona kukho nokukhohliswa kwimibandela yonqulo. Iinkokeli zonqulo zomhla kaYesu zabakhohlisa abantu. UYesu wathi ngabo bakhohlisi: “Bangabakhokeli abaziimfama. Ukuba ke, imfama ikhokela enye imfama, zombini ziya kweyela emhadini.” (Mateyu 15:14) Ngaphezu koko, abantu bayazikhohlisa kwimibandela yonqulo. IMizekeliso 14:12 ithi: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, kodwa emva koko ziindlela zokufa.”

Njengakumhla kaYesu, abantu abaninzi namhlanje bayakhohliswa kwimibandela yonqulo yaye oko akumangalisi! Umpostile uPawulos wathi uSathana ‘uye wamfamekisa iingqondo zabangakholwayo, ukuze ukhanyiso lweendaba ezilungileyo ezizukileyo ezingoKristu, ongumfanekiso kaThixo, lungakhanyi.’—2 Korinte 4:4.

Xa sikhohliswa libhedengu elithile, siphulukana nemali. Ukuba abezobupolitika bayasikhohlisa, oko kusenokuphumela ekubeni siphulukane nenkululeko yethu. Kodwa xa uSathana esikhohlisela ukuba singayamkeli inyaniso engoYesu Kristu, siphulukana nobomi obungunaphakade! Ngoko ke kuphephe ukukhohliseka. Nikela ingqalelo kwekuphela kwencwadi echaza ngonqulo lokwenyaniso nengenakuphikiswa, iBhayibhile. Siya kulahlekelwa lukhulu ukuba asenjinjalo.—Yohane 17:3.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share