‘Xolelanani Ngesisa’
NGABA ukholelwa ukuba uThixo uzixolele izono zakho? Kubonakala ukuba inkoliso yabantu abadala eUnited States icinga njalo. UGqr. Loren Toussaint, umbhali ophambili ngophando olwaqhutywa kwiUniversity of Michigan Institute for Social Research, unikela ingxelo yokuba kubemi baseMerika abali-1 423 ababuzwayo, bamalunga nama-80 ekhulwini abantu abadala abaneminyaka engaphezu kwama-45 abathi uThixo uzixolele izono zabo.
Noko ke, okubangel’ umdla kukuba ngama-57 ekhulwini kuphela kwabo bantu abathi nabo baye baxolela abanye abantu. Olu balo lusikhumbuza ngamazwi kaYesu awawathetha kwiNtshumayelo yaseNtabeni esithi: “Ukuba niyabaxolela abantu izigqitho zabo, noYihlo osemazulwini uya kunixolela; kanti ukuba anibaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela ezenu izigqitho.” (Mateyu 6:14, 15) Ewe, uThixo uya kuzixolela izono zethu kuphela ukuba nathi sikulungele ukubaxolela abanye.
Umpostile uPawulos wakhumbuza amaKristu aseKolose ngalo mgaqo. Wawabongoza wathi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye. Kanye njengoko uYehova wanixolela ngesisa, yenzani njalo nani.” (Kolose 3:13) Yinyaniso ukuba, akusoloko kulula ukwenza oku. Ngokomzekelo, xa omnye umntu ethethe amazwi ahlabayo kuwe, kusenokuba nzima ukumxolela.
Sekunjalo, ukuxolela kuneengenelo ezininzi. Ngokohlolisiso lwakhe, uGqr. David R. Williams, ingcali kwezentlalo, wathi: “Siye safumanisa ukuba ukuxolela kubenza baphile ngakumbi engqondweni abantu abadala baseMerika.” Oku kuvisisana namazwi oKumkani uSolomon osisilumko, owabhala malunga neminyaka engama-3 000 eyadlulayo wathi: “Intliziyo ezolileyo ibubomi kumzimba wenyama.” (IMizekeliso 14:30) Ekubeni ukuxolela kubangela ulwalamano oluhle noThixo nabamelwane bethu, sinesizathu esifanelekileyo sokuxolelana ngokusuk’ entliziyweni.—Mateyu 18:35.