“Undithundezela Emanzini Angawokuphumla”
KWIMOZULU etshisayo kumazwe ekuthethwa ngawo eBhayibhileni, iigusha zifanele zisele amanzi imihla ngemihla. Ngoko ke, eyona nxalenye ibalulekileyo yomsebenzi womalusi kukuseza umhlambi wakhe. Maxa wambi abelusi baseza imihlambi yabo equleni, begalela amanzi ezityeni ukuze iigusha zikwazi ukusela. (Genesis 29:1-3) Noko ke, ingakumbi ngexesha lemvula, iindawo ezikufuphi nemisinga nemilambo, ziba ‘ziindawo zokuphumla ezinamanzi amaninzi’ nezizolileyo.—INdumiso 23:2.
Umalusi okhutheleyo ufanele ayazi indawo anokufumana kuyo amanzi nedlelo elifanelekileyo lomhlambi wakhe. Ukuyazi kwakhe kakuhle indawo kuqinisekisa ukuba iigusha zakhe ziya kuhlala ziphilile. UDavide, owachitha iminyaka emininzi esalusa iigusha kwiinduli zelakwaYuda, wathelekisa ukhokelo lukaThixo lokomoya nolo lomalusi okhokelela iigusha zakhe kumadlelo aluhlaza nakumazi anika ubomi. Ngokutsho kwenye inguqulelo, uDavide wathi: “Undithundezela emanzini angawokuphumla.”—INdumiso 23:1-3, IBhayibhile yesiXhosa.
Kwiminyaka kamva, esebenzisa umprofeti wakhe uHezekile, uYehova wasebenzisa umzekeliso ofanayo. Wathembisa ukuba uya kuhlanganisa abantu bakhe kumazwe abasasazeke kuwo, njengomalusi oqokelela iigusha zakhe. Wabaqinisekisa esithi: “Ndiya kuzikhupha . . . ndizizise emhlabeni wazo, ndizondle ezintabeni zakwaSirayeli, ngasemisingeni.”—Hezekile 34:13.
UYehova uThixo naye ukuxhalabele gqitha ukunikela amanzi okomoya. Incwadi yeSityhilelo ichaza “umlambo wamanzi obomi” aqukuqela ephuma kwitrone kaThixo. (ISityhilelo 22:1) Kumenywa bonke abantu ukuba baze kusela kulo mlambo. ‘Lowo uthandayo unokuwathabatha amanzi obomi ngesisa.’—ISityhilelo 22:17.
La manzi obomi okomfuziselo amela ilungiselelo likaThixo lobomi obungunaphakade. Nabani na unokuqalisa ukusela kula manzi ‘ngokungenisa ulwazi ngokuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo amthumileyo, uYesu Kristu.’—Yohane 17:3.