Ngaba Imimoya Engendawo Iyalawula?
“Ihlabathi lididekile, ingathi libanjiswe ngomlingo ukuze lingakwazi ukucombulula iingxaki zalo.”—UJean-Claude Souléry, intatheli.
‘Abantu babonakala bephelelwe lithemba yaye oko kubenza bacinge ukuba kukho imimoya engendawo enamandla angaphezu kwawomntu alawulayo.’—UJosef Barton, umbhali-mbali.
ULOYIKO olwabangelwa kukuhlasela kwabagrogrisi ngoSeptemba 11, 2001, kubenze abantu abaninzi bacingisisa nzulu ngezinto. Ebhala kwiFinancial Times yaseNgilani, uMichael Prowse wathi: “Akukho silwanyana esasinokwenza into eyinkohlakalo ngale ndlela.” Umhleli weNew York Times wathi nakuba olu hlaselo lubonakala lucetywe ngobuchule, “kwakhona kubalulekile ukucinga ngobunzulu bentiyo eyabangela ukuba kucetywe le nkohlakalo. Yintiyo engaphezu kwezinto ezibangela imfazwe, engenakuthintelwa, nengenazivumelwano.”
Abantu abaneenkolelo ezahlukahlukeneyo nabo bayacinga ukuba kusenokuba kukho amandla angendawo alawulayo. Usomashishini waseSarajevo owabona izenzo ezoyikisayo zentiyo yobuhlanga eBosnia wathi: “Emva konyaka kusiliwa eBosnia ndikholelwa ukuba nguSathana olawula izinto. Le yimpambano engathethekiyo.”
Xa wabuzwa ukuba uyakholelwa kusini na kuMtyholi, umbhali-mbali uJean Delumeau waphendula esithi: “Ndingawakhanyela njani amandla angendawo xa ndibona izinto ezenzekayo nezo zenzekileyo okoko ndazalwa: Imfazwe yehlabathi yesibini, eyabulala abantu abangaphezu kwezigidi ezingama-40; iAuschwitz neenkampu zoxinaniso; ukubulawa kwabantu ngenkohlakalo eKhambodiya; nokubulawa kwabantu ngolunya kulawulo lukaCeauşescu owayenguzwilakhe; nokungcungcuthekiswa kwabantu njengenkqubo yokulawula kwiindawo ezininzi ehlabathini liphela. Kungatshon’ ilanga sibala izenzo zenkohlakalo. . . . Ngoko ndikholelwa ukuba sinesizathu esivakalayo sokuchaza ezo zenzo ‘njengezikaMtyholi,’ phofu mna andithethi uMtyholi oneempondo noneempuphu ezicandekileyo kodwa ndithetha uMtyholi ofuzisela umoya namandla angendawo alawula ihlabathi.”
NjengoJean Delumeau, abantu abaninzi bathi izinto ezimbi ezenzekayo ebantwini namhlanje zenziwa ‘nguMtyholi,’ ukususela entsatsheni ukusa kwizinto ezenzeka kumazwe ngamazwe. Kodwa oku kuthetha ntoni? Ngaba izenzo zenkohlakalo ezinjalo zibangelwa ngamandla nje angendawo, okanye kukho umntu ongendawo ophembelela abantu ukuba benze izenzo zenkohlakalo ezingaphezu kobubi nje babantu obuqhelekileyo? Ngaba imimoya enjalo iququzelelwa yinkosana yobungendawo—uSathana uMtyholi?
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 3]
Children: U.S. Coast Guard photo