Sonke Siyafuna Ukunconywa
YAYIYIMINI entle kakhulu kule ntombazana incinane. Nangona ibidla ngokungxoliswa ngamanye amaxesha, ngolu suku lukhethekileyo, izinto yayizenze kakuhle. Noko ke, ngobo busuku emva kokuba le ntombazana ingene ezingubeni, unina wayiva ilila. Xa yabuzwayo ukuba yayikhathazwe yintoni, ilila yathi: “Ngaba bendingaziphathanga kakuhle namhlanje?”
Loo mbuzo wamtsho waxheleka unina. Ebesoloko ekhawuleza ukuyilungisa intombi yakhe. Kodwa ngoku, phezu kwako nje ukuphawula indlela eye yazama ngayo ukuziphatha kakuhle, unina akazange akhuphe nelimdaka ukuyincoma.
Asingomantombazana amancinane kuphela afuna ukunconywa nokuqinisekiswa. Sonke siyafuna—njengokuba sisifuna isiluleko nokulungiswa.
Siziva njani xa sinconywa ngokunyanisekileyo? Ngaba akusivuyisi oko kuze kusenze sibe nemini emnandi? Kusenokwenzeka sivakalelwa kukuba umntu othile uye waphawula okuthile, yaye uyakhathala. Oko kusiqinisekisa ukuba oko sikwenzileyo bekuwufanele umgudu, yaye kusenza sizibhokoxe kwakhona kwixesha elizayo. Akumangalisi ukuba ukunconywa ngokunyaniseka kudla ngokusisondeza kuloo mntu oziphe ixesha lokuthetha into ekhuthazayo.—IMizekeliso 15:23.
UYesu Kristu wayekuqonda ukubaluleka kokuncoma. Kumzekeliso weetalente, inkosi (emela uYesu) ngothando incoma mkhonzi ngamnye othembekileyo, isithi: “Wenze kakuhle, khoboka elilungileyo nelithembekileyo!” Loo mazwi ahlab’ umxhelo ngokwenene! Nangona ubuchule babo babungafani yaye bephumeze izinto ezahlukahlukeneyo, banconywa ngokufanayo.—Mateyu 25:19-23.
Ngoko masikhumbule unina waloo ntwazana incinane. Akukho mfuneko yakulinda abanye ukuba balile ngaphambi kokuba sibancome. Kunoko, sinokukhangela amathuba okuncoma. Eneneni, sinesizathu esihle sokuncoma ngokunyanisekileyo ngalo lonke ixesha kuvela ithuba.