IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 5/1 iphe. 32
  • “Yibani Nesazela Esilungileyo”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Yibani Nesazela Esilungileyo”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 5/1 iphe. 32

“Yibani Nesazela Esilungileyo”

ABANTU abaninzi bavakalelwa kukuba bamele basebenzise isazela sabo xa besenza izigqibo. Kodwa ukuze isazela sethu sisikhokelele ekwenzeni into elungileyo, sifanele siqeqeshwe ngendlela efanelekileyo ukuze sazi okulungileyo nokubi, yaye sifanele sikwazi oko sityekele kuko.

Khawucinge ngoko kwenzeka kwindoda egama linguZakeyu, njengokuba kubhalwe eBhayibhileni. UZakeyu, owayehlala eYeriko, wayeyintloko yababuthi berhafu yaye wayesisityebi. Evuma ngokwakhe, uthi ubutyebi bakhe wabufumana ngokuqhatha—nto leyo ngokuqinisekileyo yabenza buhlungu abanye abantu. Ngaba isazela sikaZakeyu sammangalela ngobubi awayebenzile? Ukuba kwakunjalo, kubonakala ukuba akazange asiphulaphule.—Luka 19:1-7.

Noko ke, kwenzeka into ethile eyabangela ukuba uZakeyu aphinde alihlolisise ikhondo lakhe. UYesu wafika eYeriko. UZakeyu owayemfutshane wayefuna ukumbona, kodwa wayengakwazi ngenxa yesihlwele. Ngoko wahamba phambili waza wakhwela emthini ukuze ambone. Echukunyiswe ngumdla onzulu uZakeyu awayenawo, uYesu wamxelela ukuba uza kumtyelela emzini wakhe. Evuya, uZakeyu walwenzela izinwe olu ndwendwe lwakhe lukhethekileyo.

Into uZakeyu awayibonayo nawayivayo ngoxa wayekunye noYesu yamchukumisa yaza yambangela ukuba atshintshe iindlela zakhe. Wathi: “Khangela! Isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinikela kumahlwempu, yaye nakuphi na endikuphange kuye nabani na ngesimangalo sobuxoki ndikubuyisela ngokuphindwe kane.”—Luka 19:8.

Isazela sikaZakeyu sasiqeqeshiwe, yaye wasiphulaphula waza wenza ngokuvisisana naso. Oku kwaba nemiphumo emihle. Khawuthelekelele indlela uZakeyu awavakalelwa ngayo xa uYesu wathi kuye: “Ngalo mhla usindiso lufikile kule ndlu!”—Luka 19:9.

Lo ngumzekelo olukhuthazo ngokwenene! Ubonisa ukuba enoba besiphila njani na ngaphambili, sinokutshintsha. NjengoZakeyu, sinokuwathobela amazwi kaYesu—abhalwe eBhayibhileni—size sikwazi ukwahlukanisa okulungileyo nokubi. Sinokwandula ke, njengoko umpostile uPetros wabongoza, sibe “nesazela esilungileyo.” Sinokusiphulaphula isazela sethu esiqeqeshiweyo size senze oko kulungileyo.—1 Petros 3:16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share