IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 6/15 iphe. 31
  • Oko Sinokukufundiswa Ziintaka

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oko Sinokukufundiswa Ziintaka
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 6/15 iphe. 31

Oko Sinokukufundiswa Ziintaka

“QWALASELANI ngenyameko iintaka zezulu, ngokuba azihlwayeli mbewu, azivuni yaye azihlanganisi koovimba; ukanti uYihlo osemazulwini uyazondla. Anixabisekanga ngaphezu kwazo na?” (Mateyu 6:26) UYesu Kristu wathetha loo mazwi kwintshumayelo edumileyo eyayinikelwa entabeni kufuphi noLwandle lwaseGalili. Yayingengobalandeli bakhe kuphela ababemphulaphule. Kwakukho nesihlwele esikhulu esasinokuba ngabafundi esasivela kuzo zonke iinxalenye zelo lizwe. Inkoliso yaso yayingamahlwempu awayezise abantu abagulayo ukuze uYesu abaphilise.—Mateyu 4:23–5:2; Luka 6:17-20.

Emva kokuba ephilise bonke abagulayo, uYesu wanikela ingqalelo kwiintswelo zokomoya, nto leyo ebaluleke ngakumbi. Phakathi kwezinto awazifundisayo koko kukhankanywe ngasentla.

Iintaka zezulu kudala zikho. Zimbi zazo zitya izinambuzane, ezinye zitya iziqhamo neenkozo. Ukuba uThixo uzilungiselele ukutya okuninzi kangaka iintaka, ngokuqinisekileyo unako ukubanceda abakhonzi bakhe ukuba bafumane ukutya kwaloo mini. Unokukwenza oku ngokubanceda bafumane umsebenzi ukuze babe nemali yokuthenga ukutya. Okanye unokukwenza kuchume ukutya abazilimele kona. Ngamaxesha ongxamiseko, uThixo unokwenza abamelwane nabahlobo abanobubele ukuba babele abasweleyo ukutya abanako.

Kuninzi esinokukufunda xa siqwalasela ngenyameko indlela iintaka eziphila ngayo. UThixo udale iintaka zaba nethuku lokwakha iindlwane ezinokukhulisela kuzo amantshontsho azo. Khawuqwalasele ezi ndlwane zimbini zahlukahlukeneyo. Kumfanekiso osekhohlo yindlwane kaNongubende (African rock martin). Yakhiwe eliweni okanye kudonga lwendlu. Uphahla lwezi ndlwane iba liliwa elijingayo okanye, njengoko kuboniswe kulo mfanekiso, ungqameko lophahla. Umgangatho wale ndlwane wenziwe ngeengqalutye ezincinane zodaka ezidityaniswe zaba mgobongqo okwekomityi. Zombini inkunzi nemazi ziyazibhokoxa ziqokelela iingqalutye zodaka yaye zisenokuthabatha ngaphezu kwenyanga ukugqiba indlwane yazo. Zandule ke ziyifulele ngengca nangeentsiba. Ziyancedisana ukondla amantshontsho azo. Indlwane engezantsi yeyenkunzi yehobohobo. Le ntaka ikhutheleyo yaseAfrika yakha indlwane yayo ngengca okanye ngemicu yotyani. Inokugqiba indlwane yayo ngosuku olunye yaye inokwakha ezingaphezu kwama-30 ngexesha elithile lonyaka!

Yintoni esiyifundayo koku? Ukuba uThixo unika iintaka ubuchule obunjalo nezinto ezininzi kangaka zokwakha iindlwane, ngokuqinisekileyo unokubanceda abakhonzi bakhe bafumane ikhusi. Noko ke, uYesu wabonisa ukuba kukho enye into efunekayo ukuba sifuna uYehova uThixo asincede sifumane izinto eziphathekayo eziyimfuneko. UYesu wathembisa esithi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe, yaye zonke ezinye izinto ziya kongezelelwa kuni.” (Mateyu 6:33) Usenokuzibuza, ‘Yintoni ebandakanyekileyo ekufuneni kuqala uBukumkani bukaThixo?’ AmaNgqina kaYehova, asasaza eli phephancwadi, aya kukuvuyela ukuwuphendula loo mbuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share