Unqulo Lokwenyaniso Lumanyanisa Intsapho
UMARIA wayeneminyaka eli-13 ubudala xa yena nodadewabo omncinane, uLucy, beva ngoYehova kwisalamane sabo esithile. Sabaxelela nangethemba leParadesi emhlabeni. Benomdla, baya naso kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. UMaria wayeyithanda indlela ecacileyo ekwakufundiswa ngayo apho. Yayahluke mpela kuneyasecaweni, apho kwakungenziwa nto yimbi ngaphandle kokucula! Kungekudala aba bantwana babefundisisa iBhayibhile nomnye wamaNgqina kaYehova.
Umntakwabo omdala, uHugo, wayenomdla kwintandabulumko nakwindaleko. Wayezigqala njengomntu ongakholelwayo kubukho bukaThixo. Kodwa ngoxa wayesemkhosini, wafunda incwadi ethi Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?a Wafumana iimpendulo kwimibuzo engenakuphendulwa lolunye unqulo. Ukuphuma kwakhe emkhosini, waqalisa ukomeleza ukholo awayesandul’ ukulufumana ngoThixo ngokufundisisa iBhayibhile nangokuya kwiintlanganiso noodadewabo. UMaria noLucy babhaptizwa ngowe-1992, kwiminyaka emibini emva kokuva ngenyaniso okwesihlandlo sokuqala, yaye umntakwabo, wabhaptizwa kwiminyaka emibini kamva.
Ebudeni belo xesha abazali babo, ababebambelele kwizithethe zamaKatolika, babengenamdla ungako enyanisweni. Babesithi amaNgqina kaYehova ayabacaphukisa, nangona babesithanda isimilo esihle nendlela endilisekileyo amaNgqina aselula ayenxiba ngayo xa abantwana babo bewamemele ekhaya. Kwakhona, ngamaxesha esidlo, xa abantwana besabelana ngezinto ababezifunde kwiintlanganiso, abazali babo babefuna ukwazi okungakumbi.
Sekunjalo, bobabini aba bazali babenomdla kubugqwirha. Uyise wayelinxila yaye edla ngokubetha unina. Le ntsapho yayisecicini lokuqhekeka. Emva koko, uyise wachitha iiveki ezimbini entolongweni ngenxa yehambo yakhe ebangelwe kukunxila. Ngoxa esentolongweni, waqalisa ukufunda iBhayibhile. Njengoko wayefunda, waphawula amazwi kaYesu aphathelele umnqondiso wemihla yokugqibela. Bedidekile, bobabini aba bazali baya kwiHolo yoBukumkani baza basamkela isifundo seBhayibhile sasekhaya. Ekufundeni kwabo inyaniso, bazitshabalalisa zonke iincwadi zobugqwirha baza bakhululeka ekuhlaselweni ziidemon ngokubiza igama likaYehova. Baqalisa ukwenza iinguqu ezibonakalayo kubuntu babo.
Ngaba unokuba nomfanekiso-ngqondweni wendlela uMaria noLucy abachukumiseka ngayo xa babebukele abazali babo bebhaptizwa nguHugo kwenye yeendibano zesithili eBolivia ngowe-1999? Sele kudlule iminyaka esithoba uMaria noLucy beva ngoYehova nezithembiso zakhe okwesihlandlo sokuqala. Bona noHugo, ngoku bakwinkonzo yexesha elizeleyo. Hayi indlela abavuya ngayo kuba unqulo lokwenyaniso luye lwamanyanisa intsapho yakowabo!
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.