Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Inkqubo Kamabonwakude Yamenza Wazukisa UThixo
UMPOSTILE uPawulos wathi “bambi bamshumayela uKristu ngomona nangokusukuzana, kodwa abanye nangenkoleko.” (Filipi 1:15) Ngamanye amaxesha, nabo bazama ukunyelisa abantu bakaYehova baye bengaqondanga babangela abantu abantliziyo zinyanisekileyo batsaleleka enyanisweni.
NgoNovemba 1998, kwavela inkqubo ethile kumabonwakude kwelaseFransi, eyayibonisa iBheteli, izakhiwo zamaNgqina kaYehova eLouviers. Phezu kwazo nje iindlela ezahlukahlukeneyo abantu abasabela ngazo, le nkqubo yabangela imiphumo emihle kungaqondwanga.
UAnna-Paula wayengomnye wabantu ababebukele le nkqubo, wayehlala kwiikhilomitha ezingama-60 ukusuka eBheteli. UAnna-Paula, umama wabantwana ababini owayeqhawule umtshato, wayefuna umsebenzi. Ngentsasa elandelayo, watsalela umnxeba eBheteli ecela umsebenzi. Wathi: “Ndandicinga ukuba le yindawo ezolileyo yaye umsebenzi owawusenziwa apho wawuluncedo.” Wothuka gqitha xa wafumanisa ukuba bonke ababesebenza eBheteli ngabalungiseleli abangamatsha-ntliziyo! Emva kokuba nengxubusho emfutshane ngemisebenzi yamaNgqina kaYehova, wavuma ukuba atyelelwe lelinye iNgqina.
Xa watyelelwa nguLéna, umlungiseleli wexesha elizeleyo webandla lasekuhlaleni, , bancokola ixesha elide, yaye uAnna-Paula wayamkela incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade.a Kutyelelo olulandelayo, wayesele eyifunde yonke le ncwadi yaye enemibuzo emininzi. Wasamkela ngokulula isifundo seBhayibhile. UAnna-Paula wathi: “Kum, yayilithuba lokwazi ngeLizwi likaThixo. Andizange ndikhe ndiyiphathe iBhayibhile ngaphambili.”
NgoJanuwari, uAnna-Paula watyelela iBheteli, yaye kwiveki elandelayo waya okwesihlandlo sokuqala kwiintlanganiso zamaKristu. Kungekudala emva koko, waqalisa ukufunda nabantwana bakhe iBhayibhile yaye eshumayela nakubahlobo bakhe. Uthi: “Ndandingakwazi ukukugcina kum oko ndandikufunda. Ndandifuna ukwabelana nabantu ngeenyaniso zeBhayibhile ndize ndibathuthezele.” Emva kokulwisana nokoyisa iingxaki zobuqu eziliqela, uAnna-Paula waqalisa ukuya rhoqo kwiintlanganiso. Wenza inkqubela ngokukhawuleza waza wabhaptizwa ngoMeyi 5, 2002.
Ngaphezu koko, ngenxa yomzekelo omhle ka-Anna-Paula nokuba nenzondelelo kumsebenzi wokushumayela, unina waqalisa ukufundisisa iBhayibhile yaye kungekudala wabhaptizwa. UAnna-Paula uthi: “Andikwazi ukuyichaza indlela endivakalelwa ngayo. Mihla le ndiyambulela uYehova ngokuba andinike ithuba lokumazi nangazo zonke iintsikelo awaye wandipha zona.”
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Imifanekiso ekwiphepha 8]
Ngasentla: UAnna-Paula
Ezantsi: Isango lokungena kwiofisi yesebe eFransi