IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w03 12/1 iphe. 8
  • Inkqubo Kamabonwakude Yamenza Wazukisa UThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Inkqubo Kamabonwakude Yamenza Wazukisa UThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Amanqaku Afanayo
  • Uyamenywa!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Ngaba Lo Unokuba Ngowona Msebenzi Uphambili Kuwe?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • Kufuneka Abasebenzi Bokuzithandela Abangakumbi Kwinkonzo YaseBheteli
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Ngaba Unokuzenza Ufumaneke?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
w03 12/1 iphe. 8

Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa

Inkqubo Kamabonwakude Yamenza Wazukisa UThixo

UMPOSTILE uPawulos wathi “bambi bamshumayela uKristu ngomona nangokusukuzana, kodwa abanye nangenkoleko.” (Filipi 1:15) Ngamanye amaxesha, nabo bazama ukunyelisa abantu bakaYehova baye bengaqondanga babangela abantu abantliziyo zinyanisekileyo batsaleleka enyanisweni.

NgoNovemba 1998, kwavela inkqubo ethile kumabonwakude kwelaseFransi, eyayibonisa iBheteli, izakhiwo zamaNgqina kaYehova eLouviers. Phezu kwazo nje iindlela ezahlukahlukeneyo abantu abasabela ngazo, le nkqubo yabangela imiphumo emihle kungaqondwanga.

UAnna-Paula wayengomnye wabantu ababebukele le nkqubo, wayehlala kwiikhilomitha ezingama-60 ukusuka eBheteli. UAnna-Paula, umama wabantwana ababini owayeqhawule umtshato, wayefuna umsebenzi. Ngentsasa elandelayo, watsalela umnxeba eBheteli ecela umsebenzi. Wathi: “Ndandicinga ukuba le yindawo ezolileyo yaye umsebenzi owawusenziwa apho wawuluncedo.” Wothuka gqitha xa wafumanisa ukuba bonke ababesebenza eBheteli ngabalungiseleli abangamatsha-ntliziyo! Emva kokuba nengxubusho emfutshane ngemisebenzi yamaNgqina kaYehova, wavuma ukuba atyelelwe lelinye iNgqina.

Xa watyelelwa nguLéna, umlungiseleli wexesha elizeleyo webandla lasekuhlaleni, , bancokola ixesha elide, yaye uAnna-Paula wayamkela incwadi ethi Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade.a Kutyelelo olulandelayo, wayesele eyifunde yonke le ncwadi yaye enemibuzo emininzi. Wasamkela ngokulula isifundo seBhayibhile. UAnna-Paula wathi: “Kum, yayilithuba lokwazi ngeLizwi likaThixo. Andizange ndikhe ndiyiphathe iBhayibhile ngaphambili.”

NgoJanuwari, uAnna-Paula watyelela iBheteli, yaye kwiveki elandelayo waya okwesihlandlo sokuqala kwiintlanganiso zamaKristu. Kungekudala emva koko, waqalisa ukufunda nabantwana bakhe iBhayibhile yaye eshumayela nakubahlobo bakhe. Uthi: “Ndandingakwazi ukukugcina kum oko ndandikufunda. Ndandifuna ukwabelana nabantu ngeenyaniso zeBhayibhile ndize ndibathuthezele.” Emva kokulwisana nokoyisa iingxaki zobuqu eziliqela, uAnna-Paula waqalisa ukuya rhoqo kwiintlanganiso. Wenza inkqubela ngokukhawuleza waza wabhaptizwa ngoMeyi 5, 2002.

Ngaphezu koko, ngenxa yomzekelo omhle ka-Anna-Paula nokuba nenzondelelo kumsebenzi wokushumayela, unina waqalisa ukufundisisa iBhayibhile yaye kungekudala wabhaptizwa. UAnna-Paula uthi: “Andikwazi ukuyichaza indlela endivakalelwa ngayo. Mihla le ndiyambulela uYehova ngokuba andinike ithuba lokumazi nangazo zonke iintsikelo awaye wandipha zona.”

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Imifanekiso ekwiphepha 8]

Ngasentla: UAnna-Paula

Ezantsi: Isango lokungena kwiofisi yesebe eFransi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share