Indlela Yokuphila Ubomi Obude Nobonwabisayo
WONKE umntu uyafuna ukukhula, kodwa akakho nomnye ofuna ukwaluphala. Abantu abaninzi abasele beza kudla umhlala-phantsi, bafuna ukuchitha ixesha elininzi bengenzi nto. Kodwa, bayoyika ukuphila ubomi obungenanjongo. Enye into abayoyikayo kukuba ngoonkom’ idla yodwa, ukungonwabi, nokuba nempilo enkenenkene.
Iyintoni ke imfihlelo yokuphila ubomi obonwabisayo? Enoba baselula okanye sele bekhulile, abantu bayonwatyiswa kukuba nabahlobo abalungileyo nentsapho enothando. Kodwa igalelo abanalo abanye kubomi bomntu osele ekhulile aliyiyo eyona nto ibalulekileyo. Eyona nto ibaluleke nangakumbi koko lowo sele ekhulile akwenzela abanye.
Uhlolisiso olwathabatha ixesha olwenziwa kwizibini ezitshatileyo ezisele zikhulile ezingama-423 lwabonisa ukuba “ukwenzela abanye abantu izinto kunokubandisa ubomi bethu.” UStephanie Brown owayesenza olu hlolisiso uthi: “Kolu hlolisiso safumanisa ukuba ukuxabiseka kobuhlobo akuxhomekekanga koko sikufumanayo kwabo bantu; kodwa kuxhomekeke kwigalelo lethu.” Oko kuquka ukunceda abanye ngomsebenzi wekhaya, ukubancedisa ekunyamekeleni abantwana, ukubenzela eminye imisebenzi, ukubanceda ngesithuthi, okanye ukuphulaphula ngenyameko xa befuna ukuphalaza imbilini.
Malunga neminyaka engama-2 000 eyadlulayo, uYesu Kristu wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Indlela yokuphila ubomi obude nobonwabisayo ayixhomekekanga ekubeni nemali eninzi okanye ekusebenziseni iindlela zokuzenza ubonakale uselula. Kodwa, kuxhomekeke ekusebenzeni nasekusebenziseni ixesha namandla akho ekuncedeni abanye abantu.
Kodwa ke, ukusebenzisa ixesha namandla akho akwanelanga ekuthinteleni ukwaluphala, ukugula nokufa. BuBukumkani bukaThixo kuphela obuya kuphelisa ezo zinto. Xa sele bulawula, ukugula akusayi kubakho kuquka ‘nokufa.’ (ISityhilelo 21:3, 4; Isaya 33:24) Ngokuqinisekileyo, uluntu oluthobelayo luya kuphila ngonaphakade lonwabile kwiparadesi esemhlabeni. (Luka 23:43) AmaNgqina kaYehova ayakuvuyela ukubonisa abantu le ndlela isekelwe eBhayibhileni yokuphila ubomi obude nobonwabisayo.