‘Ukwenza Igama LikaYehova Laziwe’
EHLABATHINI lonke, IMboniselo neqabane layo uVukani! ngamaphephancwadi axatyiswayo ngenxa yokwanelisa kwawo intswelo yokomoya. Ebonisa oku, umfundi wala maphephancwadi eFransi kutshanje uye wabhala le leta ilandelayo:
“Ndilibhinqa eliselula elivela eAfrika, elingenamfundo ingako. Kutshanje, ndiye ndaqalisa ukufunda amaphephancwadi enu. Ngenxa yokutsalwa yimixholo yawo, ndiya ndibona ukubaluleka kokufunda. Ngenxa yala maphephancwadi enu, ndiye ndaphucula isigama sam yaye ndiyakwazi ukubhala ileta engenazimpazamo zingako.
“Iyandimangalisa into yokuba nipapasha amanqaku aphathelele yonke imibandela engabantu, umhlaba noMdali. La manqaku aqondakala lula kangangokuba enza ubani akukhuthalele ukufunda. Akukho mntu ukwaziyo ukufundisa zonke iindidi zabantu ngaxeshanye.
“Kwakhona iyandimangalisa into yokuba konke oku akwenziwa ngenxa yokufuna ingeniso kodwa kuphela kwenzelwa ukuba igama likaYehova laziwe. Ndiyazi ukuba uyakholiswa nini, yaye ndiyanibulela gqitha. Ngamana uMdali angaqhubeka eninika amandla okufundisa abantu.”
Sithethanje amaNgqina kaYehova enza umsebenzi wokufundisa ngeBhayibhile kumazwe angama-235. IMboniselo ipapashwa ngeelwimi ezili-148 yaye uVukani! ngezingama-87. Aba lindixesha abashicilelwa ukuze badumise nabani na. Isiluleko esisekelwe eBhayibhileni nenkcazelo esexesheni efumaneka kubo ilungiselelwe ukuzukisa uMdali, othi: “Mna, Yehova, . . . Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe.” (Isaya 48:17) Ngamana ungazuza ngokufunda iZibhalo Ezingcwele rhoqo kunye nezi mpapasho zisekelwe eBhayibhileni.