IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 1/1 iphe. 32
  • Ixesha Lokutya—Asiloxesha Nje Lokufak’ Icephe Emlonyeni!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ixesha Lokutya—Asiloxesha Nje Lokufak’ Icephe Emlonyeni!
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 1/1 iphe. 32

Ixesha Lokutya—Asiloxesha Nje Lokufak’ Icephe Emlonyeni!

BONKE abantu bayakunandipha ukutya okumnandi. Ukuba, ngoxa kutyiwa, uba nencoko emnandi nobuhlobo obuhle nezalamane nezihlobo, esi iba sisihlandlo esonwabisayo esingagxoth’ iphango nje kuphela. Iintsapho ezininzi zikwenza umkhwa ukuba zibe kunye ubuncinane kanye ngosuku ukuze zitye kunye. Ixesha lokutya lenza intsapho ifumane ithuba lokuthetha ngezinto ezenzeke ebudeni bosuku okanye ngezicwangciso ezithile. Abazali abaye baphulaphule oko kuthethwa ngabantwana babo baye baqonde indlela abantwana babo abaselula abacinga nabavakalelwa ngayo. Njengoko ixesha lihamba, ukuncokola ngokukhululekileyo xa kutyiwa kwenza intsapho izive inqabisekile, ithembana yaye ithandana nto leyo eyenza ukuba intsapho yomelele.

Namhlanje, ngenxa yokuba amalungu entsapho amaninzi asoloko exakekile, aye akufumanise kunzima ukutya kunye. Kwezinye indawo, isithethe sasekuhlaleni siyakwalela ukuba intsapho itye kunye okanye kwanokuncokola xa kutyiwa. Ezinye iintsapho zinomkhwa wokubukela umabonwakude xa kutyiwa, nto leyo ezenza zingabi nathuba lokuncokola ngezinto ezakhayo.

Noko ke, abazali abangamaKristu, basoloko bejonge amathuba okwakha iintsapho zabo. (IMizekeliso 24:27) Mandulo, abazali baxelelwa ukuba elinye lawona mathuba mahle okuthetha ngeLizwi likaThixo nabantwana babo kwakuxa ‘behleli ezindlwini zabo.’ (Duteronomi 6:7) Ukuba kunye rhoqo xa kutyiwa kwenza abazali babe nethuba elihle lokubethelela kubantwana babo uthando olunzulu ngoYehova nangemigaqo yakhe yobulungisa. Ngokwenza ixesha lokutya ibe lixesha lolonwabo nelokukhululeka, unokwenza esi sihlandlo sibe mnandi yaye sakhe intsapho yakho. Ewe, yenza ixesha lokutya ingabi lixesha nje lokufak’ icephe emlonyeni!

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share