IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 2/15 iphe. 32
  • Ngubani Oya Kondla Ihlabathi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngubani Oya Kondla Ihlabathi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 2/15 iphe. 32

Ngubani Oya Kondla Ihlabathi?

NGOKUTSHO kohlolisiso olwenziwa yi-World Food Programme, intlangano yeZizwe Ezimanyeneyo ezama ukuphelisa indlala, abantu abazizigidi ezingama-800—uninzi lwabo ngabantwana—sele beza kuthwaxwa yindlala. Kutshanje, loo ntlangano yathi imali nengqalelo esenokuba iye yanikelwa ngamazwe ahambele phambili iye yagqunyelelwa zezinye iingxaki, njengobugrogrisi. Ukwanda kwezifo ezosulelayo kuye kwayandisa le ngxaki. IGlobal School Feeding Report yathetha ngamazwe aseAfrika apho uGawulayo ugqugqisileyo khona isithi: “Abazali bafa ngaphambi kwexesha. Abantwana ababashiya ngasemva kudla ngokufuneka bazinyamekele ngokwabo, uninzi lwabo alunalwazi ngeendlela zokulima ezisisiseko nangendlela zokuphila eziye zidluliselwe ukusuka kwesinye isizukulwana ukusa kwesinye.”

IWorld Food Programme ilungiselele ukuba ubuncinane abantwana bafumane isidlo esinye ngosuku esikolweni. Oku akwenziwanga nje ukunciphisa indlala kuphela kodwa nokongezelela kwizifundo zabo ezinye iinkqubo ezilungiselelwe ukuthintela i-HIV noGawulayo kwabaselula.

Kwiindawo apho seliqalile eli lungiselelo, abantwana baye bafumana ukutya okunesondlo, uqeqesho ngococeko nolunye uncedo. Kwakhona kuye kwaphawulwa ukuba xa abantu betshintsha indlela abaziphatha ngayo, umlinganiselo wabantu abaye bafumane i-HIV okanye uGawulayo uye unciphe.

Okubuhlungu kukuba, ngabantu abathile kuphela abaye bazuze kwezi nkqubo yaye akunakuqinisekwa ngazo. Kodwa iBhayibhile inesithembiso esithuthuzelayo ngokuphathelele isicombululo esihlala sihleli kule ngxaki yendlala. INdumiso 72:16 ithi: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni.” KuBukumkani bukaThixo, abantu baya kukwazi ukuthi ngoYehova uThixo: “Uyiphethulele emhlabeni ingqalelo yakho, ukuze uwunike intabalala . . . Ulungisa ukudla kwabo okuziinkozo, kuba leyo yindlela owulungisa ngayo umhlaba.”—INdumiso 65:9.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 32]

WFP/Y. Yuge

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share