Ukuziphatha Kakuhle ‘Kuhombisa Imfundiso KaThixo’
UMARIA oselula eKransnoyarsk, eRashiya, ucula kamnandi gqitha kangangokuba utitshalakazi wakhe wamfaka kwikwayala yesikolo. Kungekudala emva koko, uMaria ngentlonelo waya komnye utitshalakazi wakhe ukuze amchazele ukuba akanakuzicula iingoma ezithile. Ngoba? Kungokuba ukucula iingoma ezinxulumene nonqulo kuyangqubana neenkolelo zakhe esikelwe eBhayibhileni. Emangalisiwe, utitshalakazi wazibuza, ‘Inokuba yintoni bethu ephosakeleyo ekuzukiseni uThixo ngengoma?’
Ukuze abonise isizathu sokuba engenakucula ingoma engoThixo onguBathathu Emnye, uMaria wavula iBhayibhile yakhe waza wachaza ukuba uThixo noYesu Kristu abangoThixo omnye yaye umoya oyingcwele ngamandla kaThixo asebenzayo. (Mateyu 26:39; Yohane 14:28; IZenzo 4:31) UMaria uthi: “Oku akuzange kuluchaphazele ulwalamano lwam nalo titshalakazi. Ngapha koko, sinootitshala abalungileyo esikolweni sethu. Bafuna sichaze ngokunyaniseka indlela esivakalelwa ngayo.”
Ebudeni bonyaka, ukuzimela kukaMaria ngokuqinileyo iinkolelo zakhe kwamenza wahlonelwa ngootitshala nabantwana afunda nabo. UMaria uthi: “Imigaqo yeBhayibhile iyandinceda ebomini bam. Ekupheleni konyaka, ndafumana ibhaso ngenxa yokunyaniseka nokuba nocwangco, ngoxa abazali bam bafumana ileta evela esikolweni yokubabulela ngokukhulisa kakuhle intombi yabo.”
UMaria wabhaptizwa ngoAgasti 18, 2001. Uthi: “Ndiyavuya kuba ndinokukhonza uThixo omangalisayo, njengoYehova!” AmaNgqina kaYehova aselula ehlabathini lonke azalisekisa amazwi kaTito 2:10, apho sifunda oku: ‘Yihombise imfundiso yoMsindisi wethu, uThixo, ezintweni zonke.’
[Umfanekiso okwiphepha 32]
Ileta yokubonakalisa uxabiso nesatifiketi sokuziphatha kakuhle
[Umfanekiso okwiphepha 32]
UMaria nabazali bakhe emva kokubhaptizwa kwakhe