Izinto Esinokuzenza Ukuze Silawule Iimvakalelo Zethu
NGABA maxa wambi ukhe wonganyelwe ziimvakalelo? Ngaba uyakhawuleza ukuphazamiseka, ukucaphuka okanye ukukhathazeka? Ngaba iingxaki zobomi ziyakongamela? Unokulufumana phi uncedo?
Iimvakalelo ziyinxalenye yobomi bethu. Xa zilawulwa ngendlela efanelekileyo ziyabunonga ubomi. Noko ke, iBhayibhile iyavuma ukuba “ingcinezelo nje isengasiphambanisa isilumko.” (INtshumayeli 7:7) Ekubeni kwihlabathi esiphila kulo kugqugqise ugonyamelo neengozi, ngubani ongakhe achaphazeleke ngokweemvakalelo? Kwakhona iZibhalo zithi: “Akukho nto ilunge ngakumbi kunokuba umntu abe nemihlali ngemisebenzi yakhe.” (INtshumayeli 3:22) Ukuze ubomi bubemyoli, kufuneka sifunde ukuba ukulawula iimvakalelo zethu ukuze sihlale sivuya. Sinokuzihlakulela njani iimvakalelo ezakhayo size siphephe iimvakalelo ezenzakalisayo?
Ukuzixakekisa ngezinye izinto kudla ngokuzithomalalisa iimvakalelo ezibuhlungu. Ngokomzekelo, xa sikhathazwa zizinto ezingapha kwamandla ethu, ngaba akukho bhetele ukutshintsha ucwangciso lwethu kunokuba sisoloko sicinga ngaloo nto isikhathazayo? Ukubethwa ngumoya, ukuphulaphula umculo omyoli, ukwenza umthambo, okanye ukunceda umntu osengxakini kunokukunika isiqabu nomlinganiselo othile wolonwabo.—IZenzo 20:35.
Eyona ndlela isemagqabini yokudambisa iingcinga eziphazamisayo, kukuthembela kuMdali. Xa iingcinga ezingakhiyo zizingisa, kufuneka ‘siliphose kuThixo ngomthandazo lonke ixhala lethu.’ (1 Petros 5:6, 7) IBhayibhile isiqinisekisa isithi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo. . . Zininzi iintlekele ezihlela olilungisa, kodwa uYehova ulihlangula kuzo zonke.” (INdumiso 34:18, 19) Sinokuqiniseka njani ukuba uThixo unokuba ‘luncedo noMsindisi wethu’? (INdumiso 40:17) Oku sinokukwenza ngokufundisisa iBhayibhile nangokucamngca ngemizekelo yabantu ebonisa umdla kaThixo kwiimeko ababejamelene nazo.