IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w07 1/1 iphe. 32
  • Unako Ukumelana Nobunzima

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unako Ukumelana Nobunzima
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
w07 1/1 iphe. 32

Unako Ukumelana Nobunzima

KULA maxesha amanqam, abantu abaninzi banyamezela izilingo ezifana nezaqhwithi. Kodwa ukuthanda uThixo nokunyaniseka kwimilinganiselo yakhe kwenza amaKristu akwazi ukujamelana nazo. Njani? Impendulo inokufumaneka kumzekeliso owenziwa nguYesu Kristu. Wafanisa abafundi bakhe abathobekileyo “nendoda eyingqondi, eyakha indlu yayo phezu kolwalwa.” UYesu wathi: “Yagaleleka imvula, zafika nezikhukula, yavuthuza nemimoya, yabetha kuloo ndlu, kodwa ayizange idilike, kuba yayisekwe phezu kolwalwa.”—Mateyu 7:24, 25.

Phawula ukuba nakuba le ndoda ikulo mzekeliso iyingqondi, isajamelana nobunzima—obumelwa ziimvula, izikhukula nemimoya eyingozi. Ngoko ke, uYesu akazange athi abafundi bakhe abasoze batyhubele ebunzimeni kodwa baza kuphila eluxolweni baze banqabiseke. (INdumiso 34:19; Yakobi 4:13-15) Kodwa wathi abakhonzi abathembekileyo bakaThixo banokuzilungiselela baze bakwazi ukuhlangabezana nobunzima neentlekele.

UYesu waqalisa lo mzekeliso ngokuthi: “Ngoko ke wonk’ ubani owevayo la mazwi am aze awenze uya kufaniswa nendoda eyingqondi, eyakha indlu yayo phezu kolwalwa.” Kakade ke, uYesu wayethetha, kungekhona ngokwakha izindlu zokoqobo, kodwa ngokwakha ubomi bethu. Abo bathobela amazwi kaKristu banengqiqo. Izenzo neentshukumisa zabo bazakha phezu kolwalwa lweemfundiso zikaKristu ngokusebenzisa oko baye bakufundiswa. Okubangela umdla kukuba, olu lwalwa lomfuziselo alufumaneki lula. Le ndoda ikulo mzekeliso yayifanele yombe “nzulu” ukuze ilufumane. (Luka 6:48) Ngokufanayo, abafundi bakaYesu baqhubeka bezibhokoxa behlakulela iimpawu ezinamandla ezibasondeza kuThixo.—Mateyu 5:5-7; 6:33.

Kwenzeka ntoni xa abalandeli bakaYesu befumana izilingo ezifana nesaqhwithi? Ukuthobela kwabo iimfundiso zikaKristu ngokuzithandela neempawu zabo zamaKristu kuyabomeleza ngaloo maxesha obunzima, yaye ekugqibeleni, baya kusinda ebudeni beArmagedon. (Mateyu 5:10-12; ISityhilelo 16:15, 16) Ewe, ngokuthobela iimfundiso zikaKristu, abaninzi baye bakwazi ukumelana nezilingo ezifana nezaqhwithi. Nawe unokwenza okufanayo.—1 Petros 2:21-23.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share