Ewe, Kulula Kona Ukuyifunda Kodwa Ngaba Ichanile?
NGOSEPTEMBA 2005, ngehlombe icawa yaseTshetshi yaxhasa ukukhululwa yiBhayibhile ebizwa ngokuba yi-The 100 Minute Bible. Le Bhayibhile yenzelwe ukuba ifundwe ngemizuzu eli-100, olu hlelo lweBhayibhile lushwankathela iZibhalo zesiHebhere zibe ngamacandelo ali-17 zize zona iZibhalo zesiGrike zibe ngamacandelo angama-33, ngokutsho komnye umhlalutyi izishiya ngaphandle iindinyana “ezikruqulayo.” Ewe, kulula kona ukuyifunda, kodwa ngaba ichanile?
Ngaphandle kokushiywa kwegama likaYehova, ziliqela iindawo ephambuke kuzo eziya kuphawulwa ngabafundi beBhayibhile abazimiseleyo. (INdumiso 83:18) Ngokomzekelo, icandelo lokuqala lale Bhayibhile lithi uThixo “wadala izulu nomhlaba ngeentsuku ezintandathu.” Noko ke, iGenesis 1:1, ithi: “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” Emva koko, le ngxelo ichaza ezinye izinto ezadalwayo kuquka umhlaba, konke oko kusenzeka “kwiintsuku” ezintandathu okanye ixesha elithile. Emva koko, iGenesis 2:4 ishwankathela lonke ixesha lokudala ngokuthi, ‘lusuku uYehova uThixo awenza ngalo umhlaba nezulu.’
Ngokutsho kwale Bhayibhile, uYobhi indoda egcina ingqibelelo, yahlaselwa “ngomnye wabakhonzi [bakaThixo], uSathana, . . . owayenikwe umsebenzi wokutyhola uluntu.” Ngaba uyakubona ukungangqinelani kwale ngxelo? Igama elithi “Sathana” lithetha “Umxhathisi.” Kunokuba abe ngumkhonzi kaThixo, uSathana, ulelona tshaba lukaThixo luphambili kwaye nguye owazenza ummangaleli wabantu.—ISityhilelo 12:7-10.
Kuthekani ngenxalenye YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zale Bhayibhile? Kumzekeliso wezimvu neebhokhwe, le nguqulelo intsha ithi uYesu uyakholiswa ngabo baye banceda “nabani na ongabalulekanga” ngoxa uYesu wathi usikelela abenza okulungileyo kwabo balandela emanyathelweni akhe—“abazalwana” bakhe. (Mateyu 25:40) Incwadi yeSityhilelo yona ithi “iRoma, iBhabhiloni enkulu, iya kutshatyalaliswa ngokupheleleyo.” Noko ke, abafundi beBhayibhile bayazi ukuba, ayikho indinyana ethetha ngolo hlobo kwimibhalo yantlandlolo ‘ngeBhabhiloni Enkulu.’—ISityhilelo 17:15–18:24.
Kwabo bafuna ukwazi uMdali wethu nokuqonda injongo yakhe, ayikho incwadi enokuthabatha indawo yeBhayibhile epheleleyo. Enyanisweni, ukufunda iBhayibhile kunokuthabatha imizuzu engaphezu kweli-100, kodwa ukuyifunda kuzisa umvuzo omkhulu. (Yohane 17:3) Ngamana ungayifunda iBhayibhile uze ufumanele umvuzo.—2 Timoti 3:16, 17.