Umzekelo Wokunyaniseka
KUTSHANJE bekuvavanywa ukunyaniseka kukaNelma, osebenza njengomlungisi weenwele eCruzeiro do Sul, eBrazil. Xa kwindawo ahlala kuyo kwabakho isikhukula, omnye kubantu awayedla ngokubalungisa iinwele wanikela ngempahla. Ngoxa wayezipakisha, wafumana imali engangee-R7 400 epokothweni yebhulukhwe.
Le mali yayilingana nomvuzo kaNelma weenyanga ezisixhenxe yaye wayengakuvuyela ukuyifumana loo mali. Indlu yakhe yayonakaliswe sisikhukula yaye uyise nabantwana bakowabo baphulukana nezinto zabo ezininzi. Ngale mali wayenokulungisa indlu yakhe kuze kuphinde kubekho imali esalayo ukuze ancede izalamane zakhe. Noko ke, isazela sikaNelma esiqeqeshwe yiBhayibhile asizange simvumele ukuba ayigcine le mali.—Hebhere 13:18.
Kusasa ngemini elandelayo waya emsebenzini ngaphambi kwexesha adla ngokuqala ngalo yaye wafowunela ibhinqa elingusomashishini elalinikele ngempahla. Walibulela ngempahla, kodwa waphinda walixelela ukuba akanakuyigcina into ayifumene ngaphakathi kwezo mpahla. Eli bhinqa lavuya kakhulu lakufumana loo mali. Laliyibeke bucala ukuze lihlawule abantu abalisebenzelayo. Eli bhinqa lathi: “Banqabile abantu abanyanisekileyo.”
Enyanisweni ukunyaniseka asinto ibalulekileyo kwabanye abantu. Kodwa kubantu abazabalazela ukukholisa uThixo wokwenyaniso, uYehova, ukunyaniseka luphawu oluxabisekileyo. (Efese 4:25, 28) UNelma wathi: “Babungazukuhla ubuthongo ukuba ndandingayibuyiselanga le mali.”