Kunzima Ukuthobeka
ABANTU abaninzi namhlanje babona ngathi ukuthobeka akusebenzi kweli xesha siphila kulo. Abo bakumanqwanqwa aphezulu nekubonakala ngathi izinto zibahambela kakuhle, bazilahla nofele ukuze bagqwese, bayazigwagwisa, bangoozwilakhe. Abantu abakufuni ukuphila njengabantu abathobekileyo nabathozamileyo kunoko, banqwenela ukuphila njengezityebi nabantu abadumileyo. Abantu abaphumelelayo ebomini badla ngokuzigasa. Kunokuba bathobeke, bazingomb’ isifuba ngempumelelo yabo.
Umphandi waseKhanada wathetha ngokwesamela “kwesimo sengqondo ‘sokuzingca’ esigqugqisileyo kwilizwe lakhe.” Abanye bavakalelwa kukuba abantu banamhlanje bakuthanda gqitha ukuziyolisa kunokusebenza. Uninzi lwethu luyabona ukuba abantu beli xesha lethu bayazingca. Kwihlabathi elinjalo, ukuthobeka akubonakali kuluphawu olunomtsalane.
Nangoku, bambalwa abantu abanokulusenge-la phantsi uphawu lokuthobeka yaye abanye bayaluthanda ekubeni kulula ukuphila nabantu abathobekileyo. Noko ke, ekubeni kweli hlabathi kugquba umoya wokhuphiswano, abanye abantu baye bacinge ukuba, ukuba benza izinto ngokuthobeka, baya kuqhelwa kakubi.
ILizwi likaThixo, iBhayibhile, laxela kwangaphambili ukuba kule mihla yethu abantu abaninzi baya ‘kuzidla, babenekratshi.’ (2 Timoti 3:1, 2) Ngaba akuvumi ukuba esi siprofeto siyazaliseka? Ngaba ikho into enokuzuzeka ngenxa yokuthobeka. Okanye ngaba ucinga ukuba umntu othobekileyo ubuthathaka yaye kulula nokumntlokothisa?
Inyaniso kukuba iBhayibhile inezizathu ezivakalayo ezikhuthaza ukuhlakulela ukuthobeka. Ikhuthaza imbono elungeleleneyo ngokuthobeka kwaye isikhuthaza ukuba sikuhlakulele ize iphinde ibonise ukuba ukuthobeka kokwenene kubonisa ukomelela kungekhona ubuthathaka. Inqaku elilandelayo liza kuchaza isizathu.
[Umfanekiso okwiphepha 3]
Simele sivakalelwe njani ngezinto esizenzileyo?