Xa AmaKristu Ehluzwa Njengengqolowa
KWITHUTYANA nje ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wabalumkisa ngale ndlela abafundi bakhe: “Khangela! uSathana ubenibanga ukuze anihluze njengengqolowa.” (Luka 22:31) Wayethetha ukuthini?
Ngomhla kaYesu, ukuvuna ingqolowa kwakufun’ ixesha yaye kwakungumsebenzi omkhulu. Okokuqala, abavuni babeqokelela iindiza zengqolowa emasimini. Emva koko, babezibhula ezi ndiza kwindawo eqinileyo okanye basebenzise izilwanyana zasefama ukuze zirhuqe isileyi sokubhula phezu kwazo size sizishwaqaze. Oku kwakusahlukanisa ingqolowa, umququ neendiza. Emva koko abalimi babewela lo mxube. Iinkozo zengqolowa zaziwela kwindawo ekubhulelwa kuyo, ngoxa umququ usimka nomoya. Ekugqibeleni, iinkozo zazihluzisiswa ukuze kukhutshwe naziphi na izinto ezingafunekiyo.
Ngokuvisisana namazwi kaYesu, phambili phayaa uSathana wayebahlasela ngokungayekeleliyo abafundi bakaYesu, yaye usasihlasela nanamhlanje. (Efe. 6:11) Enyanisweni, asizizo zonke iingxaki esijamelana nazo ebomini ezibangelwa nguSathana ngokungqalileyo. (INtshu. 9:11) Sekunjalo, uSathana uzimisele ukusebenzisa nantoni na ukuze aphule ingqibelelo yethu. Ngokomzekelo, usenokusihendela ekubeni sithande izinto eziphathekayo, sizonwabise ngendlela eyingozi okanye siziphathe kakubi. Kwakhona unokusebenzisa abo sifunda nabo okanye esisebenza nabo nezalamane ezingakholwayo ukuze zisiphembelele ekusukeleni imfundo nemisebenzi yeli hlabathi. Ukongezelela, uSathana unokwenza ukuba sitshutshiswe ngokuphandle ukuze aphule ingqibelelo yethu kuThixo. Kakade ke, zikho nezinye iindlela ezininzi uSathana anokusihluza ngazo.
Sinokumelana njani nolu tshaba lunamandla? Asinakukwenza oko ngamandla ethu. USathana unamandla kunathi, kodwa ke siyazi ukuba uYehova unamandla angaphezulu lee kwakaSathana. Ukuba sithembela ngokupheleleyo kuYehova, sizingise ekuthandazeleni ubulumko nenkalipho, size sithembele ngokupheleleyo kulwalathiso lwakhe, uya kusomeleza ukuze sikwazi ukumelana neentlaselo zikaSathana.—INdu. 25:4, 5.
Xa sivavanywa, kufuneka sikwazi “ukwahlula okulungileyo nokubi” size siphephe ukulahlekiswa ngamaqhinga kaSathana. (Heb. 5:13, 14) UYehova unokusinceda sikwazi ukwenza oko. Emva koko kufuneka sibambelele kwikhondo elifanelekileyo enoba sekutheni na. Ukuba sithobela ulwalathiso lukaYehova, uya kuqhubeka esixhasa xa sizimisele ukwenza okulungileyo.—Efe. 6:10.
USathana uya kuzama ukusihluza njengengqolowa. Kodwa xa sixhaswa nguYehova siya kumelana naye, siqinile elukholweni. (1 Pet. 5:9) Ngokwenene iLizwi likaYehova lisinika esi siqinisekiso: “Mchaseni uMtyholi, wonibaleka.”—Yak. 4:7.