Ngaba Ukulungele Ukumela Iinkolelo Zakho?
NGABA wakha waziva unyanzelekile ukuba umele iinkolelo zakho? Khawuve oko kwenzeka kuSusana, udade waseParaguay oneminyaka eli-16 ubudala. Kwiklasi awayefunda kuyo, kwavela into yokuba amaNgqina kaYehova akakholelwa “kwiTestamente Endala,” kuYesu Kristu, nakuMariya. Kwaphakama nento yokuba amaNgqina anenzondelelo ephambeneyo, ade axolele ukufa kunokuvuma ukunyangwa. Ngewawutheni ke wena ukuba wawulapho?
USusana wathandaza kuYehova waza waphakamisa isandla. Ekubeni eso sifundo sasisele siza kuphela, wacela kutitshala imvume yokuchaza iinkolelo zakhe njengeNgqina likaYehova. Utitshala wavumela phezulu. Kwiiveki ezimbini ezalandelayo, uSusana waba maxhaphetshu elungiselela loo ngxubusho yakhe kwincwadana enemifanekiso ethi AmaNgqina KaYehova—Angoobani? Yintoni Ayikholelwayo?
Lwada lwafika usuku lwengxubusho. USusana wachaza imvelaphi yegama elithi amaNgqina kaYehova. Wachaza nethemba esinalo kwikamva nesizathu sokuba singalwamkeli utofelo-gazi. Emva koko wavulela iklasi ithuba lemibuzo. Baba baninzi abafundi abaphakamisa izandla. Lo titshala wachukunyiswa kakhulu kukuva indlela le ntwazana eyayiphendula ngayo loo mibuzo ngokusekelwe eZibhalweni.
Omnye umfundi wathi, “Ndakha ndaya kwiHolo yoBukumkani, yaye andizange ndibone nomnye umfanekiso oqingqiweyo.” Utitshala waba sel’ ebuza isizathu sokuba ingekho. USusana wafunda INdumiso 115:4-8 ne-Eksodus 20:4. Emangalisiwe, utitshala wabuza, “Kutheni ke, ezethu iicawa zizaliswe yimifanekiso eqingqiweyo ngoxa iBhayibhile ikwalela oko?”
Loo ngxubusho yemibuzo neempendulo yaqhuba kangangemizuzu engama-40. Wathi uSusana akubuza iklasi ukuba ingathanda kusini na ukubukela ividiyo ethi No Blood—Medicine Meets the Challenge, yavuma ngazwinye. Ngoko utitshala walungiselela ukuba ibukelwe ngosuku olulandelayo. Emva kokuba ibukelwe, uSusana wachaza ezinye iindlela zonyango ezingafuni gazi ezisetyenziswa ngamanye amaNgqina kaYehova. Utitshala wathi: “Bendingayazi into yokuba kukho iindlela ezininzi kangaka zonyango ezingafuni gazi; ndingazi nokuba kunceda ngantoni ukunyanga ngaphandle kwegazi. Ngaba ezi ndlela zenzelwe amaNgqina kaYehova kuphela?” Wathi akuva ukuba nabanye banokuzisebenzisa, wathi, “Xa ephinda efika amaNgqina kaYehova emzini wam, ndiza kukhe ndincokole nawo.”
Ingxubusho yemizuzu engama-20 eyayilungiselelwe nguSusana yathatha iiyure ezintathu. Kwiveki eyalandelayo, abanye abafundi bachaza iinkolelo zezabo iicawa. Ukugqiba kwabo, kwabuzwa uthotho lwemibuzo, kodwa bona abazange bakwazi ukumela iinkolelo zabo. Utitshala waba sel’ ebuza oku, “Kwenzeka njani ukuba nina ningakwazi ukumela iinkolelo zenu njengalo mntwana uliNgqina likaYehova?”
Baphendula ngelithi: “Kaloku wona amaNgqina ayayifunda iBhayibhile akadlali. Thina asiyifundi.”
Utitshala wathi kuSusana: “Uyifunda nyhani iBhayibhile yaye uyazimisela ukwenza oko ikuthethayo. Ndikothulel’ umnqwazi.”
USusana ngewayesuke wazithulela. Kodwa ngokuthetha kwakhe, waxelisa umzekelo omhle wentwazana engabizwa ngagama engumSirayeli, eyayithinjwe ngamaSiriya. Loo ntwazana yazibona sele isemzini wenjengele yomkhosi waseSiriya uNahaman, eyayinesifo esenyanyekayo solusu. Le ntwazana yathi kumkaNahaman: “Akwaba inkosi yam ibiphambi komprofeti oseSamariya! Ubeya kuyiphilisa kwiqhenqa layo.” Ayizange ikwazi ukuthula ingathethi ngoThixo wenyaniso. Oku kwaphumela ekubeni, inkosi yayo uNahaman ibe ngumnquli kaYehova.—2 Kum. 5:3, 17.
NoSusana akazange akwazi ukunganikeli ubungqina ngoYehova nabantu bakhe. Ngokulungisa ubuxoki obabuthethwa ngokuphathelele iinkolelo zakhe, uSusana wayethobela lo myalelo weZibhalo: “Ngcwalisani uKristu njengeNkosi ezintliziyweni zenu, nisoloko nikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni, kodwa nisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Pet. 3:15) Ngaba wena ukulungele ukumela iinkolelo nanini na kuvela ithuba?
[Umfanekiso okwiphepha 17]
Ezi zixhobo zingakunceda umele iinkolelo zakho