Imibuzo Evela Kubafundi
KuNehemiya 8:10, amaYuda axelelwa ukuba ‘adle izinto ezinamanqatha,’ nangona uMthetho okwiLevitikus 3:17 wawusithi: “Nimele ningadli nqatha.” Adibana njani la mazwi?
Kulwimi lwangaphambili, ibinzana elithi “izinto ezinamanqatha,” elikuNehemiya 8:10 nelithi ‘inqatha’ elikwiLevitikus 3:17, athetha izinto ezimbini ezahlukileyo. Igama lesiHebhere elithi cheʹlev, eliguqulelwe ngokuthi ‘inqatha’ kwiLevitikus 3:17 libhekisela kumanqatha ezilwanyana okanye awabantu. (Lev. 3:3; ABagwe. 3:22) Umongo wendinyana 17 ubonisa ukuba amaSirayeli ayengamele atye amanqatha agubungele amathumbu nezintso ezilwanyana ezazibingelelwa okanye amanqatha asesinqeni ngenxa yokuba “onke amanqatha ngakaYehova.” (Lev. 3:14-16) Ngoko amanqatha ezilwanyana ezazinikelwa kuYehova ayengamele atyiwe.
Kwelinye icala, ibinzana eliguqulelwe ngokuthi “izinto ezinamanqatha” kuNehemiya 8:10 ngumash·man·nimʹ, yaye livela kwesi sibhalo kuphela kwiZibhalo zesiHebhere. Lithathwe kwisenzi esingusha·menʹ esithetha ukuthi “tyeba.” Eyona ngcamango yala magama anxulumene nesi senzi ibonakala inento yokwenza nokuchuma nokuba sempilweni. (Thelekisa uIsaya 25:6.) Elinye lawona magama adla ngokunxulunyaniswa nesi senzi, sisibizo esingushe’men, esidla ngokuguqulelwa ngokuthi ‘ioli’ okanye ‘ioli yeminquma.’ (Dut. 8:8; Lev. 24:2) Njengoko lisetyenziswe kuNehemiya 8:10, igama elithi mash·man·nimʹ libonakala libhekisela ekutyeni okuphekwe ngeoli eninzi ekusenokwenzeka ukuba kunayo nenyama enentwana yamanqatha, kungekhona leyo ityebe kakhulu.
Nangona amaSirayeli ayesalelwa ukutya amanqatha ezilwanyana, ayenokukutya ukutya okunamafutha nokunencasa. Ezinye izinto, ezinjengamaqebengwana awenziwe ngeenkozo, zazingaphekwa ngamafutha ezilwanyana kodwa zazisenziwa ngeoli yemifuno, ibe kwakudla ngokusetyenziswa ioli yeminquma. (Lev. 2:7) Ngenxa yoko, incwadi ethi Insight on the Scriptures ithi “izinto ezinamanqatha” ekuthethwe ngazo apha “zibhekisela kwizinto ezityebileyo, ezinganqinanga okanye ezingomanga, kodwa ezinencasa eziphekwe ngeoli yemifuno.”
Kambe ke, amaKristu ayazi ukuba isalelo sokutya amanqatha sasiyinxalenye yoMthetho. Akasekho ngaphantsi koMthetho, kuquka imiyalelo ephathelele amadini ezilwanyana.—Roma 3:20; 7:4, 6; 10:4; Kol. 2:16, 17.